bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Ezekiel 39
Ezekiel 39
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 38
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 40 →
1
Ngako wena, nyana woluntu! profitesha ngakuye u‐Goge, uti: Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Bona ke, ndingakuwe, Goge, nkosi ye‐Roshi, i‐Mesheki, ne‐Tubali!
2
ndandiya kukubuyisa, ndikukape, ndikunyuse emacaleni asenode, ndikuzise pezu kwentaba zakwa‐Sirayeli.
3
Ndandiya kusiti kahla isipeta sako esandleni sako sokohlo, nentolo zako ndoziwisa esandleni sako sokunene.
4
Pezu kwentaba zakwa‐Sirayeli uya kuwa, wena, nawo onke amabandla ako, nabantu abanawe; ndokunika kwintakakazi zamapiko onke, nakumaṙamncwa asendle, ube kukudla.
5
Pezu kwobuso belizwe uya kuwa; ngokuba nditetile mna, itsho inkosi e nguyehova.
6
Ndandiya kutuma umlilo kwa‐Magoge, napakati kwabo abahlala eziqitini ngokunqaba; babeya kukwazi okokuba mna ndi nguyehova.
7
Negama lam elingcwele ndolazisa pakati kwabantu bam o‐Sirayeli; ndandingayi kubuya ndilidyobe igama lam elingcwele: baye abaheyideni beya kukwazi okokuba mna ndi nguyehova, oyingcwele kwa‐Sirayeli.
8
Bona ke, kuyeza, kuya kwenziwa kanjalo, itsho inkosi e nguyehova; nguwo umhla enditetileyo ngawo.
9
Baya kwandula bapume abemi bezixeko zakwa‐Sirayeli, bapembe umlilo, babase ngazo izixo̔bo, kwa amakakana namakaka, ngezipeta nangentolo, ngengcola nangentshuntshe, bapembe umlilo ngazo iminyaka isixe̔nxe;
10
baze bangatezi inkuni ezindleni, bangazigauli emahlatini kanjalo, ngokuba beya kupemba umlilo ngezixo̔bo; babeya kutimba abo babetimba bona, bapange abo babepanga bona, itsho inkosi e nguyehova.
11
Kwakuya kuti ngomhla lowo, ndiya kunika u‐Goge indawo kona yamancw̔aba kwa‐Sirayeli, isihlambo sabadluli ngasempumalanga yolwandle, esiya kubambezela abadluli; babeya kuncw̔aba kona u‐Goge naso sonke isihlwele sake, basibize ngokuti sisihlambo se‐Hamone‐goge.
12
Zoba zinyanga ezisixe̔nxe indlu ka‐Sirayeli iya kubancw̔aba, ukuze kucokiswe ilizwe.
13
Ewe, bonke abantu belizwe baya kuncw̔aba, okuya kuba ludumo kubo, mhlana ndiya kwenzelwa ubungcwalisa, itsho inkosi e nguyehova.
14
Babeya kubalula amadoda afuti emsebenzini, edlula elizweni, ebancw̔aba kunye nabadluli abo baseleyo pezu kwobuso belizwe, alicokise: ekupeleni kwenyanga ezisixe̔nxe aya kupengulula.
15
Kwoti bakudlula abadluli elizweni, nxa kubonwa itambo lomntu, kwandule kumiswe ngakulo intsika, bade abancw̔abi balincw̔abe esihlanjeni se‐Hamone‐goge.
16
Nakanjako igama lesixeko sakona soba yi‐Hamona. Kwa njalo baya kucokisa ilizwe.
17
Nawe, nyana woluntu! itsho inkosi e nguyehova ukuti: Yiti kuzo intaka zamapiko onke, nakuwo onke amaṙamncwa asendle: Butani nize ke, zihlanganiseni ngamacala onke ukuza embingweni wam endiwubingela nina, umbingo omkulu pezu kwentaba zakwa‐Sirayeli; naniya kuyidla inyama, nisele igazi.
18
Inyama yamaṙoti niya kuyidla, negazi lenkosana zomhlaba nolisela; elenkunzi zegusha, n emvana, nebokwe, n enkabi, zizezityebileyo zase‐Bashane zonke.
19
Niya kulidla inqata nide nihlute, nisele igazi nide ninxile, kumbingo wam endiwubingela nina.
20
Naniya kuhluta esitebeni sam ngamahashe nabakweli, ngamaṙoti nawo onke amadoda okulwa, itsho inkosi e nguyehova.
21
Ndandiya kumisa ubungcwalisa bam pakati kwabaheyideni; baye bonke abaheyideni beya kubona umgwebo wam endiwenzileyo, nesandla sam endisibekileyo pezu kwabo:
22
ize indlu ka‐Sirayeli yazi ukuba mna ndi nguyehova, utixo wabo, kwa kuwo umhla lowo nangexesha elizayo:
23
bati nabaheyideni bazi ukuba indlu ka‐Sirayeli yabifuduswa ngenxa yenkohlakalo yabo, ngenxa yokuba bebegqitile ngakum, ndaza ndabafihlela ubuso bam, ndabanikela esandleni sentshaba zabo, bada bawa ngerele bona bonke.
24
Njengokwokunco̔la kwabo nanjengokwezigqito zabo ndenzile kubo, ndabafihlela ubuso bam.
25
Noko ke, itsho inkosi e nguyehova ukuti: Kaloku ndiya kubuyisa ukutinjwa kuka‐Yakobi, ndiyipate ngetaṙu yonke indlu ka‐Sirayeli, ndibe nobukwele pezu kwegama lam elingcwele;
26
bakuba betwele ihlazo labo, nabo bonke ubumenemene babo abenzileyo ngabo ngakum, okuya babehleli emhlabeni wabo ngokunqaba, kungeko namnye obeboyikisa.
27
Nxa ndibabuyisile ebantwini, ndababuta emazweni entshaba zabo, na nxa ndingcwalisiwe kubo pambi kwamehlo ezizwe ezininzi;
28
baya kwandula bakwazi okokuba mna ndi nguyehova, utixo wabo, ekubeni bendibafudusela kubaheyideni, koko ndibuye ndabahlanganisela emhlabeni wabo, ndingasasalisanga mntu kubo kona.
29
Ndaye ndingasayi kubafihlela ubuso bam, oko ndigaleleyo umoya wam pezu kwendlu ka‐Sirayeli, itsho inkosi e nguyehova.
← Chapter 38
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 40 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48