bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Ezekiel 20
Ezekiel 20
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 19
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 21 →
1
KWAYE kute ngomnyaka wesixe̔nxe, ngeyesihlanu inyanga, ngoweshumi umhla wenyanga, kweza amadoda akubo abadala bo‐Sirayeli ukubuza kuyehova, ahlala pantsi ebusweni bam.
2
Laza ilizwi likayehova leza kum, lisiti:
3
Nyana woluntu! teta nabo abadala bo‐Sirayeli, uti kubo: Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Nize ukubuza kum na? Ndihleli nje mna, andiyi kubuzelwa nini! itsho inkosi e nguyehova.
4
Akuyi kubagweba na, akuyi kugweba na, nyana woluntu? Bazise izinto ezibuntshontsho zoyise babo;
5
uti kubo: Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Emhleni ndamnyulayo u‐Sirayeli, nesandla sam ndasipakamisela kwinzalo yendlu ka‐Yakobi, nxa ndazazisa kubo elizweni le‐Jipete, nesandla sam ndasipakamisela kubo, ndisiti: Mna ndi nguyehova, utixo wenu;
6
kwa semhleni lowo ndabapakamisela isandla sam, ukuba ndiya kubapumisa ezweni le‐Jipete baye ezweni endibe ndibahlolele, elela ubisi nobusi, elibubuhle bamazwe onke;
7
ndaza ndati kubo: Abanye ngabanye izinto ezizondekileyo zamehlo abo zilahleni, nangezitixwana zase‐Jipete ningazinco̔lisi: mna ndi nguyehova, utixo wenu.
8
Kodwa bavukela ngakum, bengavumanga ukundipulapula; abazilahla abanye ngabanye izinto ezizondekileyo zamehlo abo, nezitixwana zase‐Jipete abazishiya. Ndandula ndati: Ndiya kutulula ubuṙalaṙume bam pezu kwabo, nengqumbo yam ndoyigqiba kubo pakati kwelizwe le‐Jipete.
9
Koko ndenzayo ngenxa yegama lam, ukuba lingadyojwa emehlweni abaheyideni, ababepakati kwabo, endazazisayo kubo pambi kwamehlo abo, ngokubapumisa elizweni le‐Jipete.
10
Ndaza ndabapumisa elizweni le‐Jipete, ndabazisa entlango.
11
Ndabanika izimiselo zam, nezigwebo zam ndazazisa kubo, eziti ukuba umntu uyazenza, uya kubudla ubomi ngazo.
12
Kanjalo nesabata zam ndazinika kubo, ukuba zibe ngumqondiso pakati kwam nabo, ukuze bakwazi okokuba mna ndi nguyehova obangcwalisayo.
13
Kodwa indlu ka‐Sirayeli yavukela ngakum entlango; abahamba ngezimiselo zam, nezigwebo zam bazidela, eziti ukuba umntu uyazenza, uya kubudla ubomi ngazo; nesabata zam bazinco̔lisa kakulu; ndandula ndati: Ndiya kutulula ubuṙalaṙume bam pezu kwabo entlango, ndize ndibagqibe.
14
Koko ndenzayo ngenxa yegama lam, ukuba lingadyojwa emehlweni abaheyideni, endabapumisayo pambi kwamehlo abo.
15
Nakanjako ndabapakamisela isandla sam entlango, ukuba andiyi kubazisa elizweni endandilinikile kubo, elela ubisi nobusi, elibubuhle bamazwe onke;
16
ngenxa yokuba bebedela izigwebo zam, nezimiselo zam abahamba ngazo, nesabata zam bazinco̔lisa: ngokuba intliziyo yabo yahamba emva kwezitixwana zabo.
17
Noko, iliso lam belinosizi pezu kwabo, ukuba ndingabatshabalalisi; kanjako bendingabenzeli ukugqitywa entlango.
18
Ndaye ndisiti kubantwana babo entlango: Ningahambi ngezimiselo zoyihlo benu, nezigwebo zabo ningazigcini, nangezitixwana zabo ningazinco̔lisi.
19
Mna Yehova ndi ngutixo wenu; hambani ngezimiselo zam, nigcine izigwebo zam, nizenze:
20
nesabata zam nizenze ngcwele, zize zibe ngumqondiso pakati kwam nani, ukuba nikwazi okokuba mna Yehova ndi ngutixo wenu.
21
Kodwa abantwana babo bavukela ngakum: abahamba ngezimiselo zam, nezigwebo zam abazigcina ukuba bazenze, eziti ukuba umntu uyazenza, uya kubudla ubomi ngazo; bazinco̔lisa isabata zam; ndandula ndati: Ndiya kutulula ubuṙalaṙume bam pezu kwabo, ukuze ndigqibe ingqumbo yam kubo entlango.
22
Koko ndabuyisa isandla sam, ndenza ngenxa yegama lam, ukuba lingadyojwa emehlweni abaheyideni, endabapumisayo pambi kwamehlo abo.
23
Kanjalo ndabapakamisela isandla sam entlango, ukuba ndobati sa pakati kwabaheyideni, nokuba ndobacita pakati kwamazwe;
24
ngenxa yokuba bebengenzanga izigwebo zam, koko bebedelile izimiselo zam, nesabata zam bebezinco̔lisile, namehlo abo wona ebelandele izitixwana zoyise babo.
25
Ngako nam ndabanika izimiselo ezingalungileyo, nezigwebo abangayi kubudla ubomi ngazo;
26
ndabanco̔lisa ngezipo zabo, ekudluliseni emlilweni konke kuzityulwa ngako, ukuze ndibenze zé, bade bakwazi okokuba mna ndi nguyehova.
27
Ngako oko teta kwindlu ka‐Sirayeli, nyana woluntu! uti kubo: Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Kanjako ngoku bandigxekile oyihlo benu, ngokwenza ngobumenemene ngakum kakulu.
28
Ngokuba ndabazisa elizweni, endibe ndipakamisile isandla sam, ukuba ndiya kubapa lona; baza babona zonke induli ezinde, nayo yonke imiti ebungqingqwa, babingelela kona imibingo yabo, banikela nakona ingcapukiso yomnikelo wabo, babeka nakona ivumba elimnandi labo, batulula nakona iminikelo yokusela yabo.
29
Ndandula ndati kubo: Iyinina indawo epakamileyo apo niya kona? Laye igama layo libizwa ngokuti yi‐Bama kwada kwanamhla nje.
30
Ngako oko yiti kwindlu ka‐Sirayeli: Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Nizinco̔lisile na ngesiko loyihlo benu? Nenza umbulo na ngokulandela izinto zabo ezizondekileyo?
31
Ngokuba ekunikeleni izipo zenu, ekudluliseni abantwana benu emlilweni, nizinco̔lisile ngazo zonke izitixwana zenu kwada kwanamhla: sendiya kubuzelwa nini na, ndlu ka‐Sirayeli? Ndihleli nje mna, itsho inkosi e nguyehova, andiyi kubuzelwa nini!
32
Kanjalo oko okuvukileyo emoyeni wenu akuyi kuka kubeko, oko ukuba niti: Siya kuba njengabaheyideni, njengezizalwane zamazwe, ukukonza imiti namatye.
33
Ndihleli nje mna, itsho inkosi e nguyehova, ngenyaniso, ngesandla esomeleleyo, nangengalo eyolulweyo, nangobuṙalaṙume obutululweyo, ndiya kupata ubukosi pezu kwenu!
34
Ndandiya kunipumisa ezizweni, ndinibute emazweni enitiwe sa kuwo, ngesandla esomeleleyo, nangengalo eyolulweyo, nangobuṙalaṙume obutululweyo.
35
Ndandiya kunizisa entlango yezizwe, ndipike nani kona, ubuso ngakubo ubuso.
36
Njengokuba bendipika noyihlo benu entlango yelizwe le‐Jipete, ndiya kupika njalo nani, itsho inkosi e nguyehova.
37
Ndandiya kunidlulisa ngapantsi kwentonga, ndiningenise kuyo imbopelelo yocebano.
38
Nabangevayo ndobahlula kuni, kwa nabo bagqita ngakum: ndobapumisa elizweni lokupambukela kwabo, baye bengayi kungena emhlabeni wakwa‐Sirayeli: naniya kukwazi okokuba mna ndi nguyehova.
39
Nani, ndlu ka‐Sirayeli! itsho inkosi e nguyehova ukuti: Hambani, nikonze abanye ngabanye izitixwana zabo, nasemva kwoku kanjako, ukuba aniyi kupulapula kum; kodwa igama lam ningabuyi nilidyobe ngezipo zenu, nangezitixwana zenu.
40
Ngokuba entabeni yam engcwele, entabeni ende yakwa‐Sirayeli, itsho inkosi e nguyehova, kwa kona yonke indlu ka‐Sirayeli, bonke abayo elizweni, baya kundikonza; kwa kona ndiya kubabuka, nakona ndiya kubiza iminikelo yenu, nesandulelo sezitabataba zenu, kunye nazo zonke izinto zenu ezingcwele.
41
Ngevumba elimnandi lenu ndonibuka, ndakunipumisa ezizweni, ndinibute emazweni enitiwe sa kuwo; ndandiya kungcwaliswa pakati kwenu pambi kwamehlo abaheyideni.
42
Naniya kukwazi okokuba mna ndi nguyehova, ndakuningenisa emhlabeni wakwa‐Sirayeli, elizweni endapakamisa isandla sam, ukuba ndiya kunika lona koyihlo benu.
43
Nakona niya kukumbula indlela zenu, nazo zonke izenzo zenu, eninco̔lisiwe ngazo; naniya kuzidela ngokwenu ngenxa yazo zonke izikohlakalo zenu enizenzileyo.
44
Naniya kukwazi okokuba mna ndi nguyehova, ndakuba ndinenzele ngenxa yegama lam, kungenjengendlela zenu ezikohlakeleyo, nanjengezenzo zenu ezonakeleyo, ndlu ka‐Sirayeli! itsho inkosi e nguyehova.
45
KANJAKO ilizwi likayehova leza kum, lisiti:
46
Nyana woluntu! beka ubuso bako ngasendleleni yasesuyide, uku̔pe ilizwi ngasesuyide, uprofiteshe ngasehlatini lezindle zasesuyide;
47
uti kulo ihlati lasesuyide: Yiva ilizwi likayehova: Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Bona ke, ndiya kupemba umlilo kuwe, oya kudla kuwe yonke imiti eluhlaza, nayo yonke imiti eyomileyo; ilangatye elidangazelayo aliyi kucinywa, babuya kuṙaulwa ngalo bonke ubuso kwa sesuyide kude kube senode.
48
Lwaye uluntu lwonke luya kubona ukuba mna Yehova ndilipembile: aliyi kucinywa.
49
Ndaza ndati: Au, Nkosi Yehova! bati ngam: Akateti ngemizekeliso na yena?
← Chapter 19
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 21 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48