bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Ezekiel 46
Ezekiel 46
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 45
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 47 →
1
Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Isango lebala lapakati, elibeka ngasempumalanga, loba livaliwe imihla yomitandatu yokusebenza; kodwa ngomhla wesabata liya kuvulwa, nangomhla wokutwasa kwenyanga liya kuvulwa.
2
Yoti ke inkosi ingene ngendlela yentendelezo yesango elo ngapandle, ime ngasemgubasini wesango; baye abaperisite beya kulungisa idini lokutshiswa layo, neminikelo yoxolo yayo; yaiya kubedesha emnyango wesango, yandule ipume; kodwa isango aliyi kuvalwa kude kuhlwe.
3
Kanjalo abantu belizwe baya kubedesha ngaselucangweni lwelisango, ngesabata nangenyanga ezitwasileyo, ebusweni bukayehova.
4
Nedini lokutshiswa eliya kunikelwa yinkosi kuyehova ngomhla wesabata, loba zimvana zintandatu ezimsulwa, nenkunzi yegusha emsulwa.
5
Nomnikelo wokudla, yoba yiyefa kuyo inkunzi yegusha; nakuzo imvana umnikelo wokudla woba njengokupa kwesandla sayo; neoli, yoba yihine kuyo iyefa.
6
Nangomhla wokutwasa kwenyanga, loba yinkunzana elitole lenkomo, emsulwa; nemvana zintandatu, nenkunzi yegusha, eziya kuba zezimsulwa.
7
Yolungisa nomnikelo wokudla, ibe yiyefa kuyo inkunzana, neyefa kuyo inkunzi yegusha, nakuzo imvana njengokufikela kwesandla sayo; neoli, yoba yihine kuyo iyefa.
8
Nasekungeneni kwenkosi, iya kungena ngendlela yentendelezo yesango elo, ibuye ipume ngendlela yayo.
9
Kodwa ekuzeni kwabantu belizwe pambi kwoyehova, emitendelekweni engcwele, lowo ungenayo ngendlela yesango lasenode ukuza kubedesha, uya kupuma ngendlela yesango lasesuyide; nalowo ungenayo ngendlela yesango lasesuyide, uya kupuma ngendlela yesango lasenode; akayi kubuya ngendlela yesango abengena ngalo, koko eya kupuma malungana nalo.
10
Yoti inkosi ekungeneni kwabo ingene pakati kwabo; nasekupumeni kwabo, baya kupuma kunye.
11
Kanjalo emitendelekweni, nasezintlanganisweni ezingcwele, umnikelo wokudla woba yiyefa kuyo inkunzana, neyefa kuyo inkunzi yegusha, nakuzo imvana njengokupa kwesandla sayo; neoli, yoba yihine kuyo iyefa.
12
Naxeshekweni inkosi iya kulenza ngesisa idini lokutshiswa, umhlaumbi iminikelo yoxolo ngesisa, kuyehova, iya kwandula ivulelwe isango elibeka ngasempumalanga, yaiya kwenza idini lokutshiswa layo, neminikelo yoxolo yayo, njengoko ibikwenza ngomhla wesabata; yandule ipume, kuvalwe isango emveni kwokupuma kwayo.
13
Kanjako imvana yomnyaka mnye emsulwa uya kuyilungisa imihla ngemihla ibe lidini lokutshiswa kuyehova; ngemiso ngemiso uya kulungisa yona.
14
Nomnikelo wokudla wowulungisela yona ngemiso ngemiso, isiqingata sesitandatu seyefa, nesiqingata sesitatu sehine yeoli, ukunyakamisa umgubo ocolekileyo, — umnikelo wokudla kuyehova ngommiselo ongunapakade futi.
15
Kwa njalo baya kulungisa imvana, nomnikelo wokudla, neoli, ngemiso ngemiso, libe lidini lokutshiswa futi.
16
Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Nxa inkosi ipayo isipo kowonyana bayo, ilifa laso loba lelonyana bake; soba yimfuyo yabo ngelifa.
17
Kodwa nxa ipayo isipo elifeni layo kwesinye sezicaka zayo, soba sesaso kude kube ngumnyaka wenkululeko, sandule sibuyele kwinkosi; ilifa layo loba lelonyana bayo kupela.
18
Kanjalo inkosi ayiyi kutabata elifeni labantu ngokubagxota emfuyweni yabo; kweyayo imfuyo iya kunika onyana bayo ilifa; ukuze kungacitwa abantu bam abanye ngabanye emfuyweni yabo.
19
Yandula yandizisa ngendawo yokungena, engasecaleni lesango, ezinkambilini ezingcwele zabaperisite, ezibeka ngasenode; kekaloku bona ke, bekuko kona indawo ngecala lasemva ngasentshonalanga.
20
Yaza yati kum: Le yindawo apo abaperisite baya kupeka kona idini letyala nedini lesono, apo baya kuwoja kona umnikelo wokudla, ukuze bangapumi nawo ukuya ebaleni langapandle ukungcwalisa abantu.
21
Yandula yandipumisela ebaleni langapandle, yandidlulisa ngasemagumbini omane ebala; kekaloku bona ke, bekuko ibala kuwo onke amagumbi ebala ngamanye.
22
Emagumbini omane ebala bekuko amabala abiyiweyo, engamashumi mane ekubite ubude bawo, namashumi matatu ububanzi bawo; ebenomlinganiswa mnye lamagumbi omane.
23
Lwaye luko udonga ngento engqongayo kuwo, ngento engqongayo lawo mane; kwako nendawo zokupeka ezenziweyo ngapantsi kwendonga ngokungqonga.
24
Yaza yati kum: Ezi zindawo zabapekayo, apo abakonzi bendlu baya kupeka kona umbingo wabantu.
← Chapter 45
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 47 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48