bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Ezekiel 47
Ezekiel 47
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 46
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 48 →
1
YANDULA yandibuyisela elucangweni lwendlu; kekaloku nanga amanzi epuma ngapantsi kwomnyango ngasempumalanga, ngokuba umpambili wendlu ububeka ngasempumalanga; ati amanzi lawo ehla ngapantsi, kulo elokunene icala lendlu, kwelasesuyide lesibingelo.
2
Yaza yandipumisa ngendlela yesango lasenode, yandizekelelisa ngendlela ngapandle ngasesangweni langapandle, ngendlela ebeka ngasempumalanga; kekaloku nanga amanzi ebaleka ecaleni lokunene.
3
Yati indoda ebinentambo esandleni sayo yakupumela ngasempumalanga, yalinganisa iwaka lekubite, yandidlulisa emanzini; ati amanzi afik ela amaqata.
4
Yabuya yalinganisa iwaka, yandidlulisa emanzini; ati amanzi afik ela amadolo. Yabuya yalinganisa iwaka, yandidlulisa; ati amanzi afik ela isinqe.
5
Yabuya yalinganisa iwaka; ubungumlambo endakohlwa kukuwela: ngokuba amanzi ebenyukile, amanzi okudadwa kuwo, umhlambo obungenakuwelwa.
6
Yaza yati kum: Ubonile na, nyana woluntu? Yandula yandihambisa, yandibuyisela elunxwemeni lwomlambo.
7
Nxa bendibuyile, kekaloku nantsiya elunxwemeni lwomlambo into eninzi yemiti, ngelicala nangeliya.
8
Yaza yati kum: Lamanzi ayapumela ngasemdeni wasempumalanga, ehle ngasetafeni, angene elwandle; ati epunyiselwa elwandle, amanzi apiliswe.
9
Kwaye kuya kuti, zonke izinto ezipilileyo, ezinambuzelayo, apo isukuba isiza kona imilambo leyo, ziya kupila; kwakuya kubako into eninzi yentlanzi, ngokokuba eya kuza kona amanzi la; aeya kupiliswa, kuti konke apo umlambo uya kuza kona kupile.
10
Kwoti kanjalo, abalobi baya kuma ngakulo, kwa kuyo i‐Hene‐gedi kude kube kuyo i‐Hene‐egelayime; oba yindawo yokwaneka iminata; intlanzi zawo zoba ngemmilo zazo, njengentlanzi zolwandle olukulu, into eninzi.
11
Kodwa amabikibiki alo namacibi alo akayi kupiliswa, aya kunikwa etyuweni.
12
Nangasemlanjeni, elunxwemeni lwawo ngelicala nangeliya iya kumila yonke imiti yokudla, egqabi lingayi kubuna, nesiqa̔mo singayi kupela; ngenyanga zayo iya kutwasisa ukuhlanza, ngokuba amanzi ayo epumile kweyingcwele indawo; kanjalo isiqa̔mo sayo soba sesokutyiwa, negqabi layo loba lelokupolisa.
13
ITSHO inkosi e nguyehova ukuti: Nguwo lo umda eniya kulamkela ilifa lelizwe ngawo, ngezizwe ezilishumi linazibini zo‐Sirayeli: u‐Josefe woba nezabiwo zibini.
14
Naniya kulidla ilifa lalo, omnye njengomnye, endapakamisa isandla sam ukuba ndolinika koyihlo benu; laye ilizwe eli liya kuwa kuni ngelifa.
15
Nguwo ke lo umda welizwe ngecala lasenode, kwa kulo ulwandle olukulu, ngendlela yase‐Hetelone, njengokuba kuyiwa e‐Tsedade:
16
i‐Hamati, i‐Berota, i‐Siberayime, epakati kwomda we‐Damakusi nomda we‐Hamati; i‐Hatsere‐hatikone, engasemdeni we‐Haurane.
17
Nomda ovela elwandle wona woba yi‐Hatsare‐henani, umda we‐Damakusi, nenode ngasenode, nomda we‐Hamati. Leli ke icala lasenode.
18
Necala lasempumalanga lona lovela pakati kwe‐Haurane, ne‐Damakusi, ne‐Gileyadi, nelizwe lakwa‐Sirayeli ngase‐Yoredane; kutabata emdeni ngaselwandle lwasempumalanga niya kulinganisa. Leli ke icala lasempumalanga.
19
Necala lasesuyide ngakuyo isuyide, lovela e‐Tamare kude kube semanzini e‐Meriba yase‐Kadeshe, ngakuwo umlambo kude kube selwandle olukulu. Leli ke icala lasesuyide ngakuyo isuyide.
20
Necala lasentshonalanga loba lulwandle olukulu, kwa semdeni kude kuziwe malungana ne‐Hamati. Leli ke icala lasentshonalanga.
21
Naniya kunabela elilizwe ngezizwe zo‐Sirayeli.
22
Kwakuya kuti, niya kulenzela iqashiso libe lilifa kuni, nakubo abasemzimi abapambukeleyo pakati kwenu, abazeleyo abantwana pakati kwenu; babeya kuba njengabazelweyo elizweni kuni pakati kwosapo luka‐Sirayeli; baya kwamkela ilifa ndawonye nani pakati kwezizwe zo‐Sirayeli.
23
Kwakuya kuti, isizwe apambukeleyo kuso owasemzini, kwa lapo niya kumnika ilifa lake, itsho inkosi e nguyehova.
← Chapter 46
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 48 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48