bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Ezekiel 34
Ezekiel 34
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 33
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 35 →
1
LALEKELA leza kum ilizwi likayehova, lisiti:
2
Nyana woluntu! profitesha ngakubo abalusi bakwa‐Sirayeli; profitesha, uti kubo, kubalusi: Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Makube nzima kubo abalusi bakwa‐Sirayeli abazidlisa bona! Abalusi ngebengazidlisi igusha na?
3
Inqata niyalidla, noboya niyavata ngabo; ezityetyisiweyo niyazixe̔la; kodwa igusha anizidlisi.
4
Ezibutataka anizomelezanga, nefayo aniyipilisanga, neyapukileyo aniyibopanga, negxotiweyo aniyibuyisanga, nelahlekileyo aniyifunanga; koko nizipete ngamandla, nangobulukuni.
5
Zaba lusali, ngokuba engeko umalusi; zaba kukutya kuwo onke amaṙamncwa asendle kanjalo, zakuba lusali.
6
Igusha zam zadungudela kuzo zonke intaba, napezu kwazo zonke induli ezinde; ewe igusha zam zaba lusali pezu kwobuso bonke bomhlaba, kungeko obuzayo, kungeko nofunayo.
7
Ngako oko, nina balusi! yivani ilizwi likayehova:
8
Ndihleli nje mna, itsho inkosi e nguyehova, ngenyaniso ngokokuba igusha zam zaba lixoba, nokuba igusha zam zaba kukutya kuwo onke amaṙamncwa asendle, ngokuba engeko umalusi, nokuba abalusi bam bengabuzeli igusha zam, kodwa abalusi bayazidlisa bona, negusha zam abazidlisi;
9
ngako oko, nina balusi! yivani ilizwi likayehova:
10
Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Bona ke, ndingakubo abalusi; negusha zam ndiya kuzibiza esandleni sabo, ndenze bayeke ukuzidlisa igusha; kanjako abalusi abayi kubuya bazidlise bona; ngokuba ndiya kuhlangula igusha zam emlonyeni wabo, zize zingabi kukutya kubo.
11
Ngokuba isitsho inkosi e nguyehova ukuti; Bona ke, ndiya kuti mna, ndibazele igusha zam, ndizifunisele kanjalo.
12
Njengokuba umalusi efunisela umhlambi wake, emhleni akoyo pakati kwegusha zake ezipangaleleyo, ndiya kwenje njalo ukufunisela igusha zam; ndandiya kuzihlangula kuzo zonke indawo, apo zitiwe sa kona emhleni wamafu nobumnyama.
13
Ndandiya kuzipumisa ezizweni, ndizibute emazweni, ndizizise emhlabeni wazo, ndizidlise ezintabeni zakwa‐Sirayeli, ezintilini, nakuzo zonke indawo ezimiweyo zelizwe.
14
Kwelilungileyo idlelo ndozidlisa, napezu kwentaba ezinde zakwa‐Sirayeli siya kubako isikundla sazo; kona apo ziya kubutuma esikundleni esilungileyo, na kulo idlelo elityebileyo ziya kudla, ezintabeni zakwa‐Sirayeli.
15
Ndiya kudlisa igusha zam, ndandiya kuzibutumisa, itsho inkosi e nguyehova.
16
Elahlekileyo ndoyifuna, negxotiweyo ndoyibuyisa, neyapukileyo ndoyibopa, nebutataka ndiya kuyomeleza; kodwa etyebileyo neyomeleleyo ndozitshabalalisa, ndiya kudlisa zona ngomgwebo.
17
Nani, zigusha zam! itsho inkosi e nguyehova ukuti: Bona ke, ndigweba pakati kwenkomo ezincinane nenkomo ezincinane, pakati kwenkunzi zegusha nenkunzi zebokwe.
18
Kuyinto encinane na kuni, ukuba niyadla idlelo elilungileyo, nize ninyatele isisalela samadlelo enu ngenyawo zenu; nokuba niyasela kuwo amanzi anzulu, nize niwenze budaka aseleyo ngenyawo zenu?
19
Negusha zam, okunyatelweyo ngenyawo zenu ziyakudla, nokwenziwe budaka ngenyawo zenu ziyakusela.
20
Ngako oko itsho inkosi e nguyehova kuzo ukuti: Bona ke, ndiya kuti mna, ndigwebe pakati kwenkomo ezincinane ezityebileyo nenkomo ezincinane ezibityileyo.
21
Ngenxa yokuba nisunduzile ngecala nangegxalaba, nokuba ninqubile zonke ezibutataka ngempondo zenu, nada naziti sa ngasendle;
22
ngako ndiya kusindisa igusha zam, zize zingabi selixoba; ndandiya kugweba pakati kwenkomo ezincinane nenkomo ezincinane.
23
Ndandiya kumisa pezu kwazo umalusi emnye, oya kuzidlisa, isicaka sam u‐Davide; yena wozidlisa, kanjalo yena woba ngumalusi wazo.
24
Nam, Yehova, ndoba ngutixo wazo; nesicaka sam, u‐Davide, soba yinkosi pakati kwazo: mna Yehova nditetile.
25
Ndiya kulwenza nazo ucebano lwoxolo, ndiwapelise amaṙamncwa elizweni; zaziya kuhlala entlango ngokunqaba, zilale emahlatini.
26
Ndandiya kuzenza zona nenqele zenduli yam zibe litamsanqa; ndonisa isipango ngexesha laso; izipango zetamsanqa ziya kubako.
27
Wandule umti wasendle unike ukuqa̔ma kwawo, nomhlaba unike ukuxakata kwawo, ziti zona zibeko emhlabeni wazo ngokunqaba, zazi nokwazi ukuba mna ndi nguyehova, ndakwapula izibonda zeyokwe yazo, ndizihlangule esandleni sabo bazikonzisayo.
28
Kanjalo azisayi kuba selixoba kubaheyideni, namaṙamncwa omhlaba akayi kuzidla; koko ziya kuhlala ngokunqaba, kungeko okuya kuzoyikisa.
29
Ndandiya kuzivusela isityalwa sodumo; aziyi kubuya zisuswe ngendlala elizweni, nehlazo labaheyideni aziyi kubuya zilitwale.
30
Kwa njalo ziya kukwazi okokuba mna Yehova, utixo wazo, ndinazo, nokuba zona zingabantu bam, indlu ka‐Sirayeli, itsho inkosi e nguyehova.
31
Nani, zigusha zam, zigusha zedlelo lam! ningabantu nina; mna ndi ngutixo wenu, itsho inkosi e nguyehova.
← Chapter 33
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 35 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48