bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Ezekiel 23
Ezekiel 23
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 22
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 24 →
1
LALEKELA ilizwi likayehova leza kum, lisiti:
2
Nyana woluntu! bekuko abafazi ababini, intombi zonina emnye.
3
Baye besenza umbulo e‐Jipete; ebutsheni babo bawenza umbulo: kwa lapo ancinezelwa amabele abo, nalapo kwacofwa imibele yobuntombi babo.
4
Namagama abo, ngu‐Ahola omkulu, no‐Aholiba udade wake; baba ngabam, bazala onyana nentombi: namagama abo, i‐Samariya ngu‐Ahola, ne‐Yerusaleme ngu‐Aholiba.
5
Waza u‐Ahola wenza umbulo, nxa apantsi kwam; wakanukela abatandi bake, ama‐Asiriya abamelwane bake;
6
bevatisiwe ngezuluṙa, inkosi nenkosana, bengamadodana anqwenelekayo bonke, abakweli bekwela emahasheni.
7
Wayeku̔pa imibulo yake pezu kwabo, bonke bengonyana abadlulisileyo base‐Asiriya; nangabo bonke wabakanukelayo, ngazo zonke izitixwana zabo wazinco̔lisa.
8
Nemibulo yake ivela kuma‐Jipete akayishiya; ngokuba ebutsheni bake ebelele naye, acofa imibele yobuntombi bake, agalela umbulo wawo pezu kwake.
9
Ngako oko ndamnikela esandleni sabatandi bake, esandleni sonyana base‐Asiriya, abo wabakanukelayo.
10
Aba batyila ubuzé bake; batabata onyana bake nentombi zake, naye yena bambulala ngeṙele; waza waba ligama pakati kwabafazi, nxa babeyenzile imigwebo pezu kwake.
11
Wati udade wake u‐Aholiba, akubona oku, wonakalisa ukukanuka kwake ngapezu kwake, nemibulo yake ngapezu kwemibulo yodade wake.
12
Wakanukela onyana base‐Asiriya, inkosi nenkosana, abamelwane bake, bevatisiwe ngento entle kunene, abakweli bekwela emahasheni, bengamadodana anqwenelekayo bonke.
13
Ndaza ndabona ukuba unco̔lisiwe; bebenendlela inye bobabini.
14
Ewe wayandisa imibulo yake; wati akubona amadoda eba̔liwe pezu kwodonga, imifanekiso yama‐Kaledine iba̔liwe ngeqabo elibomvu,
15
ebinqiwe ngemibinqo ezinqeni zawo, enenkontsho ezilengalengayo pezu kwentloko zawo, eyimiduna ukubonakala kwawo onke, njengabo onyana base‐Babilone, abase‐Kaledine ilizwe lokuzalwa kwawo,
16
wandula wawakanukela ngokubona kwamehlo ake, watuma izigidimi kuwo e‐Kaledine.
17
Baye onyana base‐Babilone besiza kuye esililini sotando, bamnco̔lisa ngombulo wabo; wanco̔liswa ngabo, wada umpefumlo wake waqipukelana nabo.
18
Wayityila imibulo yake, wabutyila nobuzé bake; wandula umpefumlo wam waqipukelana naye, njengokuba umpefumlo wam ubuqipukelene nodade wake.
19
Koko wayandisa imibulo yake, ngokukumbula imihla yobutsha bake, okuya abesenza umbulo elizweni lama‐Jipete.
20
Ngokuba ebekanukela izitandwa zawo, ezinyama i njenge nyama yamaqwaṙashe, nezigqita li njeng egqita lamahashe.
21
Kwa njalo wabuya wakumbula ngobutshinitshini bobutsha bako, nxa abase‐Jipete bacofa imibele yako, ngenxa yamabele obutsha bako.
22
Ngako oko, Aholiba! itsho inkosi e nguyehova ukuti: Bona ke, ndiya kuvusa abatandi bako ngakuwe, abo umpefumlo wako uqipukelene nabo, ndandiya kubazisa pezu kwako ngokungqonga:
23
onyana base‐Babilone, nawo onke ama‐Kaledine, o‐Pekodi, no‐Shoha, no‐Koha, bonke onyana base‐Asiriya benabo; bengamadodana anqwenelekayo bonke, inkosi nenkosana, imiduna nabadumileyo, bekwele emahasheni bonke.
24
Babeya kuza ngakuwe ngenqwelwana, na ngenqwelo, nangengqengqeleko, nangomhlambi wezizwe; ikaka, nekakana, nomnqwazi, bozimisa ngakuwe ngento engqongayo; ndiya kubeka ubugwebo ebusweni babo, babeya kukugweba ngemigwebo yabo.
25
Ndiya kubeka ikwele lam ngakuwe, babeya kukupata ngobuṙalaṙume; impumlo zako nendlebe zako bozisusa; nabokupela bako baya kuwa ngeṙele; onyana bako nentombi zako bobatabata, nabokupela bako baya kudliwa ngomlilo.
26
Kanjalo baya kukuhluba izivato zako, batabate izihombo zako ezintle.
27
Ndandiya kupelisa ubutshinitshini bako kuwe, nombulo wako uvela elizweni lama‐Jipete; ude ungapakamisi amehlo ako ngakuwo, ne‐Jipete ungabuyi uyikumbule.
28
Ngokuba isitsho inkosi e nguyehova ukuti: Bona ke, ndiya kukunikela esandleni sabo ubatiyayo, esandleni sabo umpefumlo wako nqipukelene nabo:
29
abaya kukupata ngotiyo, batabate yonke inzuzo yako, bakushiye uzé uhlubulukile; babuya kutyilwa ubuzé bemibulo yako, nobutshinitshini bako, nemibulo yako.
30
Ndiya kuzenza ezi zinto kuwe, ngokuba uṙexezele emva kwabaheyideni, ngenxa yokuba unco̔lisiwe ngezitixwana zabo.
31
Endleleni yodade wako uhambile; ngako ndiya kunikela indebe yake esandleni sako.
32
Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Uya kusela kwindebe yodade wako, eyenzulu nebanzi; woba yinto yokuhlekwa neyokugculelwa; iyabamba into eninzi.
33
Uya kuzaliswa kukunxila nosizi; yindebe yentshabalalo nengcitakalo, indebe yodade wako i‐Samariya.
34
Uya kusela kuyo uyifunxe, namacepe ayo uya kuwanqaba, namabele ako wowanyotula: ngokuba nditetile mna, itsho inkosi e nguyehova.
35
Ngako oko itsho inkosi e nguyehova ukuti: Ngokokuba ulibele mna, nokuba undilahlile emva kwomhlana wako, ngako nawe twala ubutshinitshini bako nemibulo yako.
36
Wayesiti uyehova kum: Nyana woluntu! uya kugweba na u‐Ahola no‐Aholiba? Ewe, zixele kubo izinto zabo ezibuntshontsho.
37
Ngokuba beṙexezile, kuko igazi ezandleni zabo, baṙexezile nezitixwana zabo, nabantwana babo, abo bandizalela bona, babadlulisele kuzo emlilweni babe kukudla.
38
Kanjako oku bakwenzile kum: banco̔lisile indawo yam engcwele kwa ngalomini, nesabata zam bazidyobile.
39
Ngokuba xeshekweni bebebabulalele izitixwana zabo abantwana babo bandula bangena endaweni yam engcwele kwa ngalomini ukuyidyoba; ewe, bona ke, benje njalo pakati kwendlu yam.
40
Nakanjako, batumela amadoda avela kwa kude, ekwatunywa kuwo isigidimi; ewe, bona ke, eza; owabusiti ngenxa yawo, wazihlamba, waqaba amehlo ako, wazihomba ngezihombo,
41
wahlala pezu kwomandlalo obungcwalisa, unetafile elungisiweyo pambi kwawo, owabubekile isiqu̔miso sam neoli yam pezu kwayo.
42
Kwaye kuko naye intlokoma yesihlwele esingenakukatala; nakunye namadoda evela ebuninzini babantu kwaziswa ama‐Seba avela entlango; abefaka izacolo ezandleni zabo, nezitsaba ezihle pezu kwentloko zabo.
43
Ndaza ndati ngalowo owalupeleyo yimiṙexezo: Oti ke na kaloku enze imibulo yake? naye na?
44
Koko bekungenwa kuye, njengokuba kungenwa emfazini engumpinyiswa: enje njalo ukungena ku‐Ahola naku‐Aholiba, abafazi ababutshinitshini.
45
Kodwa amadoda alungileyo wona aya kubagweba ngokugwetywa kwabaṙexezikazi, nangokugwetywa kwabo abapalaza igazi; ngokuba bengabaṙexezikazi bona, negazi lisezandleni zabo.
46
Ngokuba isitsho inkosi e nguyehova ukuti: Ndiya kunyusa ngakubo umhlambi, ndibanikele ukuzanyazanyiswa nokupangwa.
47
Wauya kuti umhlambi ubagibisele ngamatye, ubasike ngamaṙele abo; onyana babo nentombi zabo bobabulala, nezindlu zabo baya kuzitshisa ngomlilo.
48
Ndandiya kupelisa ubutshinitshini elizweni, ukuze bafundiswe bonke abafazi ukuba bangenzi njengobutshinitshini benu.
49
Baya kububeka ubutshinitshini benu pezu kwenu, nezono zezitixwana zenu niya kuzitwala; naniya kukwazi okokuba mna ndi yinkosi e nguyehova.
← Chapter 22
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 24 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48