bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Ezekiel 3
Ezekiel 3
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 4 →
1
Wabuya wati kum: Nyana woluntu! oko ukufumanayo ukutye; yitya umqulu lo, uze uhambe, utete kuyo indlu ka‐Sirayeli.
2
Ndasuka ndavula umlomo wam, waza wandidlisa umqulu lowo.
3
Wayesiti kum: Nyana woluntu! yenza isisu sako sidle, uwazalise amatumbu ako ngalomqulu endiwunika kuwe. Ndaza ndawudla; waye usemlonyeni wam njengobusi ukuba mnandi.
4
Waza wati kum: Nyana woluntu! hamba, uye kwindlu ka‐Sirayeli, utete ngamazwi am kubo.
5
Ngokuba kungekubo abantu abakuteta kungumgushanxa nabanteto inzima utunyiweyo, kukuyo indlu ka‐Sirayeli;
6
kungekuzo izizwe ezininzi ezikuteta kungumgushanxa nezinteto inzima, ezimazwi ungawevayo: ngokwenene ukuba bendikutumile kuzo, beziya kupulapula kuwe zona.
7
Kanti indlu ka‐Sirayeli ayiyi kuvuma ukupulapula kuwe; ngokuba ingavumi ukupulapula kum: ngokuba yonke indlu ka‐Sirayeli ingababunzi lilukuni nabantliziyo inokanda.
8
Bona ke, ndibenzile ubuso bako bomelele ngakubo ubuso babo, nebunzi lako lomelele ngakuwo amabunzi abo.
9
Njengedamante enokanda pezu kwelitye elilukuni, ndilenzile ibunzi lako: ungaboyiki, ungetuswa nangobuso babo; ngokuba beyindlu enenkani bona.
10
Walekela wati kum: Nyana woluntu! onke amazwi am endiya kuwateta kuwe, wamkele entliziyweni yako, uweve ngendlebe zako.
11
Uze uhambe, uye kubo abatinjwa, kulo usapo lwabantu bako, utete nabo, uti kubo: Itsho inkosi e nguyehova; nokuba baya kuva, nokuba baya kuyeka.
12
WANDULA umoya wandifunqula; ndaza ndeva ilizwi lempitimpiti enkulu, lisiti: Mabubongwe ubungcwalisa bukayehova kwa sendaweni yake!
13
Ndeva nentlokoma yamapiko ezidalwa ezipilileyo awafikelelana elinye nelinye, nentlokoma yevili malungana nazo, nentlokoma yempitimpiti enkulu.
14
Wati umoya wandifunqula, wandisusa; ndaza ndahamba ngobuṙaṙa, ebushushwini bomoya wam; kodwa isandla sikayehova sibe sinamandla pezu kwam.
15
Ndandula ndeza kubatinjwa e‐Telabibe, abebehleli ngasemlanjeni we‐Kebare, ndahlala apo babehleli kona; ndahlala kona imihla yasixe̔nxe, ndinokuti nqa pakati kwabo.
16
Kwaza kwati ekupeleni kwemihla esixe̔nxe, landula leza ilizwi likayehova kum, lisiti:
17
Nyana woluntu! ndikwenzile umlindi kwindlu ka‐Sirayeli; wauya kuva ilizwi ngomlomo wam, ubayale kwa kum.
18
Ndakuti kokohlakeleyo: Uya kufa ngenyaniso; ukuba akumyali, nokuba akuteti ukumyala okohlakeleyo aguquke endleleni yake ekohlakeleyo, ukuze kulondolozwe ubomi bake; lowo okohlakeleyo uya kufa etyaleni lake, negazi lake ndolibiza esandleni sako.
19
Kodwa nxa umyala okohlakeleyo, kanti akaguquki ekukohlakaleni kwake, nasendleleni yake ekohlakeleyo; uya kufa yena etyaleni lake, nawe uhlangule umpefumlo wako.
20
Kanjalo, akuguquka olungileyo ekulungeni kwake, enze ubumenemene, ndandule ndibeke isiku̔bekiso pambi kwake, yena uya kufa: ngokuba ungamyalanga, uya kufa esonweni sake, nezenzo zake ezilungileyo azenzileyo, zona azisayi kukunjulwa; negazi lake ndolibiza esandleni sako.
21
Kodwa nxa umyala olungileyo, ukuba makangoni olungileyo, ati yena angoni, uya kudla ubomi ngenyaniso, ngokuba wayaleka; nawe uhlangule umpefumlo wako.
22
Saye isandla sikayehova sibe sipezu kwam kona apo; waza wati kum: Suka, puma uye etafeni, ndandiya kuteta nawe kona.
23
Ndesuka ke, ndapuma ndaya etafeni: kekaloku nabuya ubungcwalisa bukayehova bumi kona, njengobungcwalisa obo ndabubonayo ngasemlanjeni we‐Kebare: ndaza ndawa ngobuso bam.
24
Wandula umoya wangena kum, wandimisa pezu kwenyawo zam, wateta nam, wati kum: Yiya, uzivalele pakati kwendlu yako.
25
Kodwa wena, nyana woluntu! bona ke, bokufaka intambo, bakunxibe ngazo, ukuba ungapumeli pakati kwabo.
26
Nolwimi lwako ndolunamatelisa ekuhlangubeni lako, ukuba ube sidenge, nokuba ungabi nguye umohlwayi kubo; ngokuba beyindlu enenkani bona.
27
Kodwa nxa nditeta nawe, ndiya kuvula umlomo wako, wauya kuti bubo: Itsho inkosi e nguyehova: Ovayo, makeve, noyekayo, makayeke; ngokuba beyindlu enenkani bona.
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 4 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48