bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Ezekiel 24
Ezekiel 24
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 23
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 25 →
1
LEZA kanjako ilizwi likayehova kum, ngomnyaka wesitoba, ngenyanga yeshumi, ngoweshumi umhla wenyanga, lisiti:
2
Nyana woluntu! ziba̔lele igama lemini, lekwa yiyo imini le: ukumkani we‐Babilone waṙaula i‐Yerusaleme ngekwa yiyo imini le.
3
Uze uyitetele indlu enenkani umzekeliso, uti kubo: Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Beka imbiza, yibeke, ugalele amanzi kuyo kanjalo.
4
Zibutele iziqendu zayo kuyo, zonke iziqendu ezilungileyo, itanga negxalaba; yizalise ngamatambo adlulisileyo.
5
Tabata okudlulisileyo kwomhlambi; kanjalo makubeko imfumba yamatambo ngapantsi kwayo; kolisa ukuyibilisa; namatambo ayo pakati kwayo mabawapeke.
6
Ngako oko itsho inkosi e nguyehova ukuti: Kwoba nzima kuso isixeko esinegazi, kuyo imbiza umhlwa wayo ukuyo, nomhlwa wayo ungapumanga kuyo! ngeziqendu zayo ezinye ngezinye yiku̔pe; makungawi pezu kwayo isiqashiso.
7
Ngokuba igazi laso lipakati kwaso; pezu kweliwa elitshileyo silibekile; asiligalelanga pezu kwomhlaba, ukuba siliselele ngotuli.
8
Ukuze kuvuswe ubuṙalaṙume, ukuze kwenziwe impindezelo, ndilibekile igazi laso pezu kweliwa elitshileyo, ukuba lingaselelwa.
9
Ngako oko itsho inkosi e nguyehova ukuti: Kwoba nzima kuso isixeko segazi! Kanjako ndiya kulenza likulu igoqo.
10
Fumbisa inkuni, pemba umlilo, vutisa inyama, yimanye ngezimnandi, namatambo makatshiswe.
11
Yandula ukuyimisa pezu kwamalahle ayo izé, ukuba ifudumale ixina yayo, itshe nokutsha, nokuba kunyibilikiswe pakati kwayo ukunco̔la kwayo, kugqitywe umhlwa wayo.
12
Izidinisile ngenkatazo, kodwa umhlwa wayo omninzi awupumanga kuyo; maube semlilweni umhlwa wayo!
13
Ekunco̔leni kwako kuko okuhlazekileyo: ngokokuba ndikuhlambulule, kanti akuhlambululekile, akuyi kubuya uhlanjululwe ekunco̔leni kwako, ndingekapumzanga ubuṙalaṙume bam pezu kwako.
14
Mna Yehova nditetile oku, kwoza kubako, ndandiya kukwenza; andiyi kuyeka, andiyi kuba nanceba, andiyi kuba nalusizi; njengendlela zako, nanjengezenzo zako, baya kukugweba, itsho inkosi e nguyehova.
15
Labuya leza kum ilizwi likayehova, lisiti:
16
Nyana woluntu! bona ke, ndiya kususa kuwe inkanuko yamehlo ako ngesibeto; kodwa akuyi kusenza isijwili, akuyi kulila nokulila, kanjako inyembezi zako aziyi kupuma.
17
Befunyeka ekutini cwaka, isililelo sabafileyo akuyi kusenza, unkontsho lwako lubope pezu kwako, nezihlangu zako zifake ezinyaweni zako; kanjalo ungagubungeli imbovu yako, nesonka sabantu ungasidli.
18
Kekaloku ndateta ebantwini ngokusa; wafa umfazi wam ngokuhlwa; ndaza ndenza ngokusa njengokuba bendiyalelwe.
19
Bandula abantu bati kum: Akuyi kusixelela na ziyinto nina kuti ezi zinto, ukuba wena wenje njalo?
20
Ndaza ndati kubo: Ilizwi likayehova leza kum, lisiti:
21
Yiti kwindlu ka‐Sirayeli: Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Bona ke, ndiya kunco̔lisa indawo yam engcwele, ir̔atshi lamandla enu, inkanuko yamehlo enu, nenyamekelo yompefumlo wenu; boti onyana benu nentombi zenu enibashiyileyo bawe ngeṙele.
22
Naniya kwenza njengokuba ndenzile mna; imbovu zenu aniyi kuzigubungela, nesonka sabantu aniyi kusidla.
23
Inkontsho zenu zoba pezu kwentloko zenu, nezihlangu zenu ezinyaweni zenu; aniyi kusenza isijwili, aniyi kulila nokulila; koko niya kungcungcuteka ezikohlakalweni zenu, nigule omnye ngakuye omnye.
24
Waeya kuti u‐Hezekile abe ngumqondiso kuni: njengako konke akwenzileyo, niya kwenza nina; nxa kuzayo oku, niya kwandula nazi okokuba mna ndi yinkosi e nguyehova.
25
Nawe, nyana woluntu! akuyi kuba njalo na, emhleni ndisusayo kubo inqaba yabo, uvuyo lwobungcwalisa babo, inkanuko yamehlo abo, nesilangazelelo semipefumlo yabo, onyana babo nentombi zabo?
26
Ngalomhla, lowo usindileyo woza kuwe, ukuba kuviswe indlebe.
27
Ngalomhla, umlomo wako uya kuvulelwa lowo usindileyo, wauya kuteta, ungabi sesisidenge: wauya kuba ngumqondiso kubo; babeya kukwazi okokuba mna ndi nguyehova.
← Chapter 23
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 25 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48