bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Ezekiel 26
Ezekiel 26
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 25
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 27 →
1
KWAYE kute ngomnyaka weshumi elinamnye, ngowokuqala umhla wenyanga, leza ilizwi likayehova kum, lisiti:
2
Nyana woluntu! ngokokuba i‐Tire ite pezu kwe‐Yerusaleme: He ke! yapukile ebi lisango lezizwe: ijikele kum; ndiya kuzaliswa, yona yenziwe bunxuwa;
3
ngako oko itsho inkosi e nguyehova ukuti: Bona ke, ndingakuwe, Tire! ndandiya kunyusa ngakuwe intlanga ezininzi, njengokuba ulwandle lunyusa amaza alo.
4
Zaziya kuzonakalisa indonga ze‐Tire, zicite nenqaba zayo; nam ndiya kutshayela utuli lwayo kwa kuyo, ndiyenze iliwa elitshileyo.
5
Yoba yindawo yokwanekwa kweminata pakati kwolwandle; ngokuba mna nditetile, itsho inkosi e nguyehova; yoba lixoba ezintlangeni kanjalo.
6
Nentombi zayo ezisemapandleni zona ziya kubulawa ngeṙele: babeya kukwazi okokuba mna ndi nguyehova.
7
Ngokuba isitsho inkosi e nguyehova ukuti: Bona ke, ndiya kuzisa pezu kwe‐Tire u‐Nebukanetsare ukumkani we‐Babilone, evela enode, ukumkani wokumkani, kunye namahashe, nakunye nenqwelo, nakunye nabakweli bamahashe, nemihlambi, nabantu abaninzi.
8
Intombi zako ezisemapandleni uya kuzibulala ngeṙele; waeya kumisa ngakuwe inqaba yokulinda, aposele ngakuwe indulana, apakamise ngakuwe ikaka.
9
Impahla yake yokucita woyimisa ngasezindongeni zako, nenqaba zako uya kuziwisa pantsi ngamazembe ake.
10
Ngenxa yengxokolo yamahashe ake utuli lwawo lwokugubungela; ngenxa yentlokoma yabakweli bamahashe, nengqengqeleko, nenqwelwana, ziya kungcangcazela indonga zako, akuba eya kungena emasangweni ako, njengokuba kungenwa esixekweni esigqojozelweyo.
11
Ngempupu zamahashe ake uya kugqusha zonke izitarate zako; abantu bako uya kubabulala ngeṙele, nentsika zamandla ako ziya kuwa emhlabeni.
12
Baya kupanga ubutyebi bako, nentengo yako boyitimba; baya kuwisa indonga zako, nezindlu zako ezinqwenelekileyo bozicita; babeya kubeka amatye ako, nemiti yako, notuli lwako, pakati kwamanzi.
13
Ndandiya kupezisa intsholo yengoma zako; nentlokoma zehadi zako aziyi kubuya ziviwe.
14
Ewe, ndiya kukwenza iliwa elitshileyo; woba yindawo yokwanekwa kweminata; akuyi kubuya wakiwe; ngokuba mna Yehova nditetile, itsho inkosi e nguyehova.
15
Itsho inkosi e nguyehova kuyo i‐Tire ukuti: Iziqiti aziyi kungcangcazela na ngenxa yentlokoma yokuwa kwako, zakugula inxweleṙa, kwakwenziwa ukubulawa pakati kwako?
16
Ziya kwandula zonke inkosana zolwandle zihle eziteroneni zazo, zibeke nxamnye ingubo zazo zapezulu, nezivato zazo ezitungiweyo ngamabala ngamabala zizisuse; izitutumelo ziya kuzambata, pezu kwomhlaba ziya kuhlala pantsi, ziya kututumela amaxanyana onke, ziti nqa pezu kwako.
17
Zaziya kukutabatela isililo, ziti kuwe: Hai ukubujiswa kwako, wena mhlalikazi welwandle, isixeko esidumisekileyo, esibe somelele pakati kwolwandle, sona nabemi baso, ababeka ukwoyikeka kwabo pezu kwabo bonke abemi baso!
18
Kaloku iziqiti ziya kututumela ngomhla wokuwa kwako; ewe, iziqiti ezipakati kwolwandle ziya kutuswa ngokupela kwako.
19
Ngokuba isitsho inkosi e nguyehova ukuti: Nxa ndiya kukwenza isixeko esicitakeleyo, njengezixeko ezingamiwayo; nxa ndiya kunyusa pezu kwako inzulu, ati amanzi amaninzi akugubungele;
20
nxa ndiya kukuhlisa ndawonye nabo bahlela esihogweni, ukuya ebantwini bakudala, ndikuhlalise emazantsi omhlaba, ezindaweni ezicitakeleyo zakudala, ndawonye nabo bahlela esihogweni, ukuze ungamiwa; na nxa ndiya kumisa ubungcwalisa elizweni labahleliyo;
21
ndiya kukwenzela izituso, ude ungabiko: nakuba ufunwayo, akusayi kufunyanwa noko kude kube ngunapakade, itsho inkosi e nguyehova.
← Chapter 25
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 27 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48