bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Ezekiel 36
Ezekiel 36
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 35
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 37 →
1
Kanjalo wena, nyana woluntu! profitesha kuzo intaba zakwa‐Sirayeli, uti: Zintaba zakwa‐Sirayeli! yivani ilizwi likayehova.
2
Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Ngokokuba utshaba lute pezu kwenu: Tshotsho! kwa imimango engunapakade iyeyetu ibe yimfuyo!
3
ngako oko profitesha uti: Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Ngokuba, ewe ngokokuba benicitakalisile, nokuba beniginyile ngamacala onke, ukuze nibe yimfuyo kwisisalela sabaheyideni, nokuze nitatyatelwe emlonyeni womshwabuli, niyintlebo yabantu nje;
4
ngako oko, zintaba zakwa‐Sirayeli! yivani ilizwi lenkosi likayehova: Itsho inkosi e nguyehova kuzo intaba nakuzo induli, kuzo intili nakuzo izihlambo, nakuwo amanxuwa acitakeleyo, nakuzo izixeko ezishiyiweyo, ezaba yinto yokupangwa neyokugculelwa kwisisalela sabaheyideni abangqongayo:
5
ngako oko itsho inkosi e nguyehova ukuti: Ngenyaniso ngomlilo wobukwele bam nditetile ngakuso isisalela sabaheyideni, nangakuyo i‐Edome yonke; abo balimisileyo ilizwe lam libe yimfuyo kubo, ngokuvuya kwentliziyo yonke, ngokucekisa kwompefumlo, ukuze balipange libe lixoba.
6
Ngako oko profitesha pezu kwelizwe lakwa‐Sirayeli, uti kuzo intaba nakuzo induli, kuzo intili nakuzo izihlambo: Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Bona ke, nditetile ngobukwele bam nangobuṙalaṙume bam, ngenxa yokuba nilitwele ihlazo labaheyideni.
7
Ngako oko itsho inkosi e nguyehova ukuti: Ndipakamisile isandla sam, ukuti: Ngenyaniso abaheyideni abaningqongayo, bona baya kutwala ihlazo labo.
8
Kodwa nina, zintaba zakwa‐Sirayeli! niya kunika amasebe enu, nesiqa̔mo senu niya kusihlanzela abantu bam o‐Sirayeli; ngokuba sebekufupi ukuza.
9
Ngokuba, bona ke, ndingecala lenu, ndandiya kubeka kuni, naniya kulinywa nihlwayelwe nokuhlwayelwa.
10
Kanjalo ndiya kwandisa pezu kwenu abantu, yonke indlu ka‐Sirayeli, yona yonke; ziya kuti izixeko zimiwe, nendawo ezicitakeleyo zakiwe.
11
Ewe ndiya kwandisa pezu kwenu abantu nezilo, abaya kwanda, bacu̔me nokucu̔ma; ndandiya kunihlalisa njengokwapambili ukumila kwenu, ndi n enzele okulungileyo ngapezu kwokwokuqala kwenu; naniya kukwazi okokuba mna ndi nguyehova.
12
Ndaye ndiya kubenza abantu bahambe pezu kwenu, abantu bam o‐Sirayeli; abaya kukufuya, wauya kuba lilifa labo, uze ungapindi kanjako ukubahluta abantwana.
13
Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Ngenxa yokuba besiti kuni: U lilizwe elidlayo abantu, nelihlutayo izizwe zako abantwana;
14
ngako oko abantu akuyi kubuya ubadle, nezizwe zako akuyi kubuya uzihlute abantwana, itsho inkosi e nguyehova.
15
Ndandiya kwenza ukuba kungabuyi kuviwe kuwe ihlazo labaheyideni, nesigxeko sentlanga akuyi kubuya usitwale; kanjako izizwe zako akuyi kubuya uziku̔bekise, itsho inkosi e nguyehova.
16
LABUYA leza kum ilizwi likayehova, lisiti:
17
Nyana woluntu! indlu ka‐Sirayeli, bakuhlala emhlabeni wabo, bandula banco̔lisa wona ngendlela yabo nangezenzo zabo; indlela yabo ibisebusweni bam njengokunco̔la kwomfazi owahlukeneyo.
18
Ngako ndatulula ubuṙalaṙume bam pezu kwabo, ngenxa yegazi ababelipalazile elizweni, nangenxa yezitixwana zabo a babelinco̔lisile ngazo.
19
Ndaza ndabati sa pakati kwabaheyideni, bacitwa pakati kwamazwe: ngokwendlela yabo nangokwezenzo zabo ndabagweba.
20
Bati bakufika kubaheyideni, apo baya kona, bandula balidyoba igama lam elingcwele, ekubeni bekusitwa kubo: Ngabantu bakayehova aba, nakulo ilizwe lake bapumile.
21
Kodwa ndabendinosizi ngenxa yegama lam elingcwele, eyabite indlu ka‐Sirayeli yalidyoba pakati kwabaheyideni, apo bafika kona.
22
Ngako oko yiti kuyo indlu ka‐Sirayeli: Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Akungenxa yenu endikwenza oku, ndlu ka‐Sirayeli! koko kungenxa yegama lam elingcwele, enilidyobileyo pakati kwabaheyideni, apo nifikile kona.
23
Ndandiya kungcwalisa igama lam elikulu, elidyojiweyo pakati kwabaheyideni, enilidyobileyo pakati kwabo; baye abaheyideni beya kukwazi okokuba mna ndi nguyehova, itsho inkosi e nguyehova, ndakungcwaliswa kuni pambi kwamehlo abo.
24
Ngokuba ndiya kunitabata kubaheyideni, ndinibute emazweni onke, ndinizise kowenu umhlaba.
25
Ndandiya kutshiza pezu kwenu amanzi amhlope, naniya kuhlambuluka; kuko konke ukunco̔la kwenu, nakuzo zonke izitixwana zenu, ndonihlambulula.
26
Kanjalo ndoninika intliziyo entsha, nomoya omtsha ndowubeka pakati kwenu; ndandiya kususa intliziyo yelitye enyameni yenu, ndininike intliziyo yenyama.
27
Nomoya wam ndiya kumbeka pakati kwenu, ndenze ukuba nihambe emimisweni yam; nezigwebo zam niya kuzigcina, nizenze.
28
Naniya kuhlala elizweni endalinikayo koyihlo benu; niya kuba ngabantu bam, nam ndoba ngutixo wenu.
29
Kanjako ndonisindisa kuko konke ukunco̔la kwenu; ndobizela inqolowa, nditi yona ndiyandise, ndingayibeki pezu kwenu indlala.
30
Ndandiya kwandisa ukuqa̔ma kwomti, nokuxakata kwentsimi; ukuze ningabuyi namkele ukugxekelwa indlala pakati kwabaheyideni.
31
Naniya kukumbula indlela zenu ezikohlakeleyo, nezenzo zenu ezingalungileyo, nizidele ngokwenu pezu kwenkohlakalo zenu napezu kwezinto ezibuntshontsho zenu.
32
Akungenxa yenu endikwenza oku, itsho inkosi e nguyehova, makwazeke kuni: yibani nidanile nibe nentloni ngazo indlela zenu, ndlu ka‐Sirayeli!
33
Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Emhleni endinihlambululayo kuzo zonke inkohlakalo zenu, sendiya ku ni hlalisa ezixekweni, nendawo ezicitakeleyo ziya kwakiwa.
34
Nelizwe elibe libugxwayiba lona liya kulinywa, endaweni yokuba libugxwayiba emehlweni abo bonke abadlulayo.
35
Baye beya kuti: Elilizwe, elibe libugxwayiba, liba njengomyezo we‐Hedeni; nezixeko ezibe zibunxuwa, zibugxwayiba, zicitiwe, zona zinqatyisiwe, zimiwe.
36
Baya kwandula bakwazi abaheyideni abaseleyo beningqonga, okokuba mna Yehova ndiyaka indawo ezicitiweyo, ndityale leyo ebibugxwayiba: mna Yehova nditetile, ndandiya kwenza.
37
Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Ndoba ndisabuzelwa oku yindlu ka‐Sirayeli, ukuba ndibenzele kona; ndobandisa njengomhlambi ngabantu.
38
Njengomhlambi oyingcwele, njengomhlambi wase‐Yerusaleme emitendelekweni yayo engcwele, kwa njalo izixeko ezibunxuwa zoba zizele yimihlambi yabantu; baye beya kukwazi okokuba mna ndi nguyehova.
← Chapter 35
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 37 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48