bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Genesis 1
Genesis 1
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 2 →
1
EKUQALEKENI wadala utixo izulu nomhlaba.
2
KEKALOKU umhlaba wabugxwayiba, wauzé kanjalo: kwabako nobumnyama ebusweni benzulu. Waye u‐Moya katixo wazamazama pezu kwobuso bamanzi.
3
Wayesiti utixo: Makubeko ukukanya; kwaza kwabako ukukanya.
4
Waye utixo wabona ukukanya ukuba kulungile; waza utixo wenza isahlulo pakati kwokukanya nobumnyama.
5
Wati utixo ukutiya ukukanya, yimini; wati nokutiya ubumnyama, bubusuku. Kwaza ukuhlwa nokusa kwaba ngumhla wokuqala.
6
Wayesiti utixo: Makubeko isibakabaka pakati kwamanzi, size sibe sisahlulo pakati kwamanzi namanzi.
7
Waza utixo wasenza isibakabaka, wawahlula amanzi abengapantsi kwesibakabaka, kuwo amanzi abengapezu kwesibakabaka. Kwaye kunjalo ke.
8
Wati utixo ukutiya isibakabaka, lizulu. Kwaza ukuhlwa nokusa kwaba ngumhla wesibini.
9
Wayesiti utixo: Amanzi angapantsi kwezulu makahlanganiselwe endaweni inye, kuze kubonakale okwomileyo. Kwaye kunjalo ke.
10
Wati utixo ukutiya okwomileyo, ngumhlaba; wati nokutiya ukuhlanganisana kwamanzi, zilwandle. Waye utixo wabona ukuba kulungile.
11
Wayesiti utixo: Umhlaba mauvelise inca, n omfuno unika imbewu, n omti wokuqa̔ma, uhlanza isiqa̔mo ngemmilo yawo, ombewu ipakati kwawo, pezu kwomhlaba. Kwaye kunjalo ke.
12
Umhlaba wavelisa inca, n omfuno unika imbewu ngemmilo yawo, nomti uhlanza isiqa̔mo, ombewu ipakati kwawo, ngemmilo yawo. Waye utixo wabona ukuba kulungile.
13
Kwaza ukuhlwa nokusa kwaba ngumlhla wesitatu.
14
Wayesiti utixo: Makubeko izikanyiso esibakabakeni sezulu, zize zisenze isahlulo pakati kwemini nobusuku; mazibe zizo ezemiqondiso, nezamaxesha amiselweyo, nezemihla, nezeminyaka:
15
maziti kanjalo zibe zizikanyiso esibakabakeni sezulu zokukanyisa pezu kwomhlaba. Kwaye kunjalo ke.
16
Wazenza utixo zazibini izikanyiso ezikulu; eso sikulu isikanyiso ukuba sipate imini, neso sincinane isikanyiso ukuba sipate ubusuku; wazenza nenkwenkwezi.
17
Wayezimisa utixo esibakabakeni sezulu, ukuba zikanyise pezu kwomhlaba,
18
nokuba zipate pezu kwemini napezu kwobusuku, nokuba zisenze isahlulo pakati kwokukanya nobumnyama. Waye utixo wabona ukuba kulungile.
19
Kwaza ukuhlwa nokusa kwaba ngumhla wesine.
20
Wayesiti utixo: Amanzi makakolise ukuvelisa izilwana ezinokudliwa kwobomi; nentaka mazipapazele pezu kwomhlaba esibakabakeni sezulu.
21
Wadala utixo iminenga emikulu, nazo zonke izinto ezinokudliwa kwobomi ezishukumayo, awati amanzi akolisa ukuzivelisa ngemmilo yazo; kwa nazo zonke intaka ezinamapiko ngemmilo yazo. Waye utixo wabona ukuba kulungile.
22
Waza utixo wazitamsanqela, esiti: Cumani, nande, nizalise amanzi akuzo ilwandle; nentaka mazande emhlabeni.
23
Kwaza ukuhlwa nokusa kwaba ngumhla wesihlanu.
24
Wayesiti utixo: Umhlaba mawuvelise izinto ezinokudliwa kwobomi ngemmilo yazo, inkomo, nento ezinambuzelayo, nezilo zomhlaba, ngemmilo yazo. Kwaye kunjalo ke.
25
Wenza utixo izilo zomhlaba ngemmilo yazo, nenkomo ngemmilo yazo, nazo zonke izinambuzane zomhlaba ngemmilo yazo. Waye utixo wabona ukuba kulungile.
26
Wayesiti utixo: Masenze umntu ngomfanekiso wetu, njengemfuzo yetu; mababe nobukosi pezu kwentlanzi zolwandle, napezu kwentaka zezulu, napezu kwenkomo, napezu kwawo wonke umhlaba, napezu kwazo zonke izinambuzane ezinambuzelayo pezu kwomhlaba.
27
Waza utixo wadala umntu ngowake umfanekiso; wamdala ngomfanekiso katixo: wabadala indoda nomfazi.
28
Waye utixo wabatamsanqela, wati utixo kubo: Cumani, nande, nizalise umhlaba, niwoyise; yibani nobukosi pezu kwentlanzi zolwandle, napezu kwentaka zezulu, napezu kwazo zonke izilo ezishukumayo pezu kwomhlaba.
29
Wayesiti utixo: Bona ke, ndinipile yonke imifuno inika imbewu, epezu kwobuso bomhlaba wonke, nayo yonke imiti ekukuyo isiqa̔mo somti sinika imbewu: yoba yinto yokutya kuni.
30
Nakuzo zonke izilo zomhlaba, nakuzo zonke intaka zezulu, nakuzo zonke izinto ezinambuzelayo emhlabeni, ekukuzo ubomi, ndipile yonke imifuno eluhlaza ibe kukutya. Kwaye kunjalo ke.
31
Waye utixo wabona konke abekwenzile, kekaloku bona ke, kwakulungile kunene. Kwaza ukuhlwa nokusa kwaba ngumhla wesitandatu.
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 2 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48
49
50