bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Genesis 28
Genesis 28
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 27
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 29 →
1
Wandula u‐Yisake wambiza u‐Yakobi, wamtamsanqela, wamyalela, wati kuye: Uze ungazeki umfazi ezintombini zase‐Kanane.
2
Suka, uye e‐Padane‐arame, endlwini ka‐Betuweli uyise kanyoko; ude uzeke kona apo umfazi ezintombini zika‐Labane umkuluwe wonyoko.
3
Wanga utixo onamandla onke angakutamsanqela, akucumise, akwandise nokukwandisa, ukuba ube ngumhlambi wabantu:
4
ati kanjalo akunike itamsanqa lika‐Abrahame, kwa wena, nenzalo yako kunye nawe, ukuze ulidle ilifa lalo ilizwe lokupambukela kwako, elona walinika utixo ku‐Abrahame.
5
Wenje njalo u‐Yisake ukumndulula u‐Yakobi; wasuka waya e‐Padane‐arame, ku‐Labane, unyana ka‐Betuweli um‐Siriya, umkuluwe ka‐Rebeka, oka‐Yakobi noka‐Esau unina.
6
Kekaloku u‐Esau akubona okokuba u‐Yisake umtamsanqele u‐Yakobi, nokuba wamndulula ukuya e‐Padane‐arame, ukuze azeke kona umfazi; nokuba ute, ekumtamsanqeleni kwake, wamyalela ngokuti: Ungazeki umfazi ezintombini zase‐Kanane;
7
nokuba u‐Yakobi wapulapula uyise nonina, waya e‐Padane‐arame;
8
akubona u‐Esau kanjalo okokuba intombi zase‐Kanane azilungile emehlweni ka‐Yisake uyise;
9
wandula waya u‐Esau ku‐Shimayeli, wazeka u‐Mahalate, intombi ka‐Shimayeli, unyana ka‐Abrahame, udade ka‐Nebayoti, ngapezu kwabafazi abesel’ enabo, abe ngumfazi wake.
10
Wayepuma u‐Yakobi e‐Beresheba, waya ngase‐Karane.
11
Wada wafika endaweni etile, walalisa kona, ilanga lise litshonile nje; waza watabata ematyeni alondawo, wabekela umqamelelo wake, walala ubutongo kwa kulondawo.
12
Wapupa ke; kekaloku nantsiya into yokukwela imisiwe emhlabeni, encam yayo yafikelela ezulwini; nanziya nengelosi zikatixo zinyuka zisihla nokuhla ngayo.
13
Kanjalo, bona ke, uyehova wema pezu kwayo, wati: Mna ndi nguyehova, utixo ka‐Abrahame uyihlo wako, notixo ka‐Yisake: elilizwe ulele ubutongo pezu kwalo, ndolinika kuwe, nakuyo inzalo yako;
14
iti inzalo yako ibe njengotuli lwomhlaba; wauya kwanda ngasentshonalanga, nangasempumalanga, nangasenode, nangasesuyide: zaziya kutanyusanqelwa ngawe zonke izizalwane zomhlaba, nangayo inzalo yako.
15
Kanjalo, bona ke, ndinawe, ndandiya kukugcina apo usukuba usiya kona, ndize ndikubuyisele kwa kwelilizwe; ngokuba ndingayi kukushiya, ndingekakwenzanga oko ndikutetile kuwe.
16
Waye u‐Yakobi evuka ebutongweni bake, wati: Okwenene uko uyehova kulendawo, ndingazanga nje mna.
17
Wabesoyika, wati: Hai ukwoyikeka kwalendawo! Le asi nokuba yindlu katixo; kanjalo le lisango lezulu.
18
Waza u‐Yakobi wavuka kusasa, watabata ilitye abelibekele umqamelelo wake, walimisa libe sisimo sokukumbuza, wagalela ioli pezu kwencam yalo.
19
Wayebiza igama lalondawo nge‐Betele; kodwa beliyi‐Luze igama lesixeko eso ekuqaleni.
20
Waza u‐Yakobi wasenza isibambiso, esiti: Nxa utixo aya kuba nam, andigcine kulendlela ndihamba ngayo, andinike isonka sokutya nengubo yokwambata;
21
ndide ndibuye ndize ngoxolo endlwini kabawo: uya kwandula uyehova abe ngutixo wam;
22
nelitye eli, endilimisileyo libe sisimo sokukumbuza, loba yindlu katixo; nako konke uya kundipa kona, ndomana ndinika isishumi sako kuwe.
← Chapter 27
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 29 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48
49
50