bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Genesis 32
Genesis 32
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 31
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 33 →
1
WAHAMBA no‐Yakobi endleleni yake; zaza zahlangana naye ingelosi zikatixo.
2
Wati u‐Yakobi, xeshekweni azibonileyo: Ngumkosi katixo lo! ngako wabiza igama lalondawo nge‐Mahanayime.
3
Waza u‐Yakobi wasusa izigidimi zandulele kuye ukuya ku‐Esau umkuluwe wake, ezweni le‐Sehire, ezweni lama‐Edome.
4
Waziyalela ngokuti: Kunje nje niya kuteta enkosini yam, ku‐Esau: Sitsho isicaka sako u‐Yakobi ukuti: Bendipambukele ku‐Labane, ndalibala kona kwada kwakaloku;
5
ndiba nenkabi, namaqwaṙashe, n ezimvu, nezicaka, nezicakakazi; ndanditumile ukushumayeza inkosi yam, ukuze ndifumane ufefe emehlweni ako.
6
Zada zabuya izigidimi zeza ku‐Yakobi, zisiti: Sasesifika kumkuluwe wako, ku‐Esau; kanjalo uyahamba naye ukuza kukukaulela, enamadoda angamakulu mane kunye naye.
7
Waza woyika u‐Yakobi kakulu, waxinezeka; waye eqingatisa abantu ababenaye, nezimvu, nenkomo, nenkamela, kube yimikosi mibini;
8
ngokuba ebesiti: Ukuba u‐Esau uya kuza kwomnye umkosi, awubete, uya kwandula umkosi oseleyo usinde.
9
Waza u‐Yakobi wati: Tixo wobawo u‐Abrahame, notixo wobawo u‐Yisake, Yehova owabusiti kum: Buyela elizweni lakowenu, nasesalamaneni sako, ndandiya kukupata ngokulungileyo!
10
Ndimncinane mna kuzo zonke izibele, nakuyo yonke inyaniso, ozenzele isicaka sako; ngokuba bekunomsimelelo wam ndawela i‐Yoredane le, kanti kaloku sendiyimikosi mibini.
11
Zundihlangule esandleni somkuluwe wam, esandleni sika‐Esau; ngokuba ndimoyika yena, hleze uya kuza andibete, kwa n onina kunye nabantwana.
12
Wabusiti wena kanjalo: Ngenyaniso ndiya kukwenzela okulungileyo, ndenze nenzalo yako ibe njengentlabati yolwandle, engenakubalwa ngenxa yokuba ninzi kwayo.
13
Waza walalisa kona ngobusuku obo; watabata kuko okwezayo esandleni sake, umnikelo wokunik ela u‐Esau umkuluwe wake:
14
imazi zebokwe zamakulu mabini, nenkunzi zebokwe zamashumi mabini; imazi zegusha zamakulu mabini, nenkunzi zegusha zamashumi mabini;
15
inkamelakazi ezanyisayo zamashumi matatu, nawo amatole azo; imazi zenkomo zamashumi mane, nenkunzi zenkomo zalishumi; amaqwaṙashekazi amashumi mabini, namaqwaṙashana alishumi.
16
Waza wazinikela esandleni sezicaka zake, umhlambi ngomhlambi uwodwa; wati kuzo izicaka zake: Yandulelani kum ukuwela, nibeke umgama pakati kwomhlambi nomhlambi.
17
Wayalela esokuqala ngokuti: Xeshekweni u‐Esau, umkuluwe wam, aya kuhlangana nawe, akubuze, esiti: Ungokabanina wena? uya ngapina? zezikabanina ezi zipambi kwako?
18
Wandule uti: Zezesicaka sako zika‐Yakobi, zingumnikelo otunyelweyo inkosi yam u‐Esau; kanjalo, nanku yena esemva kwetu naye.
19
Wenje njalo ke ukuyalela esesibini, nesesitatu, kwa nabo bonke ababelandela imihlambi, esiti: Kunjengelizwi eli niya kuteta ku‐Esau, nxa nifumanana naye.
20
Naniya kuti kanjako: Nasi isicaka sako u‐Yakobi sisemva kwetu. Ngokuba ebesiti: Ndiya kuxolisa ubuso bake ngalomnikelo ohambayo pambili kum, ndize nditi kamva, ndibone ubuso bake; kungati wobuka ubuso bam.
21
Wandula wawela umnikelo lowo ngapambili kuye; kodwa yena walalisa ngobobusuku emnqubeni.
22
Waza wesuka kwa ngobobusuku, watabata abafazi bake bobabini, namakobokakazi ake omabini, nonyana bake boshumi elinamnye, wawela izibuko le‐Yaboki.
23
Wayetabata bona, wabaweza umlanjana lowo: waweza oko abenako kanjalo.
24
Kanti u‐Yakobi wasala yedwa; kwaza kwazamana naye indoda side sapuma isifingo.
25
Eyati, yakubona ukuba ayimeyisi, yacukumisa ilungu letanga lake; laza laṙuneka ilungu letanga lika‐Yakobi, nxa ibizamana naye.
26
Yaisiti: Ndiyeke, ngokuba sise sipumile isifingo. Koko wati: Andiyi kukuyeka, kupela nxa unditamsanqeleyo.
27
Yaza yati kuye: Ngubanina igama lako? Wati: Ngu‐Yakobi.
28
Yandula yati: Asi ngo‐Yakobi eliya kubuya libizwe igama lako, koko liya kubizwa ngo‐Sirayeli: ngokuba wenzile ngobukosi ngakuye utixo nangakubo abantu, weyisa ke.
29
Wayebuza u‐Yakobi, wati: Zuxele igama lako. Yaisiti: Kunganina ukuba ubuze igama lam? Yaza yamtamsanqela kona apo.
30
Waye u‐Yakobi wabiza igama lalondawo nge‐Peniyeli: ngokuba, watsho, ndibonene notixo ubuso ngobuso, wasinda umpefumlo wam noko.
31
Lakova ilanga ukupuma pezu kwake, xeshekweni abedlula kuyo i‐Penuweli; wabeqwalela etangeni lake.
32
Ngako oko usapo luka‐Sirayeli alutyi umsipa owabufinyela, lowo upezu kwelungu letanga, kude kube yimini yanamhla; ngokokuba ibicukumisile ilungu letanga lika‐Yakobi emsipeni owafinyelayo.
← Chapter 31
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 33 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48
49
50