bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Genesis 7
Genesis 7
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 6
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 8 →
1
Wada wati uyehova ku‐Nowa: Ngena wena nayo yonke indlu yako enqanaweni; ngokuba wena ndikubonile ulungile ebusweni bam kwesisizukulwana.
2
Kuzo zonke izilo ezicocekileyo wotabatela kuwe ngesixe̔nxe ngesixe̔nxe, inkunzi nemazi yayo; kodwa kuzo izilo ezingacocekileyo wotabata ngazibini, inkunzi nemazi yayo.
3
Nakwintaka zezulu wotabata ngesixe̔nxe ngesixe̔nxe, inkunzi nemazi yayo; kuze kupiliswe inzalo ebusweni bomhlaba wonke.
4
Ngokuba kusentsuku zisixe̔nxe, ndandiya kunisa imvula pezu kwomhlaba, imini zibe mashumi mane, nobusuku bube mashumi mane; nako konke okuhleliyo, endandikwenzile, ndiya kukucita ebusweni bomhlaba wonke.
5
Waza u‐Nowa wenza njengoko konke abemyalele ngako uyehova.
6
Kekaloku u‐Nowa ebeyiminyaka yamakulu matandatu ubudala bake, wakubako umsingakazi wamanzi pezu kwomhlaba.
7
Wandula wangena u‐Nowa, nonyana bake, nomfazi wake, nabafazi bonyana bake kunye naye, enqanaweni, ngenxa yamanzi awo umsingakazi.
8
Kwizilo ezicocekileyo, nakwizilo ezingezizo ezicocekileyo, nakuzo intaka nazo zonke izinto ezinambuzelayo emhlabeni,
9
kwangenwa ngambini ngambini ukuza ku‐Nowa enqanaweni, inkunzi nemazi yayo, kwa njengokuba utixo ebemyalele u‐Nowa.
10
Kwaza kwati, emveni kwezontsuku zisixe̔nxe, abako amanzi omsingakazi pezu kwomhlaba.
11
NGOMNYAKA wamakulu matandatu wokudla ubomi kuka‐Nowa, ngenyanga yesibini, ngoweshumi linesixe̔nxe umhla wenyanga, kwa ngomhla lowo yonke imitombo yayo inzulu enkulu yanqikwa, nezituba zezulu zavuleka.
12
Yaibe imvula ibako emhlabeni imini zamashumi mane nobusuku bamashumi mane.
13
Ngokwa nguwo lomhla wangena u‐Nowa, no‐Sheme, no‐Hame, no‐Jafete, onyana baka‐Nowa, nomfazi ka‐Nowa, nabafazi bobatatu bonyana bake kunye nabo, enqanaweni:
14
kwa bona, nazo zonke izilo ngemmilo yazo, nazo zonke inkomo ngemmilo yazo, nazo zonke izinambuzane ezinambuzelayo pezu kwomhlaba ngemmilo yazo, nazo zonke intaka ngemmilo yazo, zonke intakana zamapiko onke.
15
Zaye zingena ku‐Nowa enqanaweni ngambini ngambini, kwinyama yonke ekukuyo umoya wobomi.
16
Zati ezo ezazingena, zangena ziyinkunzi nemazi kuyo yonke inyama, njengokuba utixo ebemyalele. Waza uyehova wamvalela.
17
Kekaloku umsingakazi wayimihla yamashumi mane pezu kwomhlaba; ati ke amanzi anda, afunqula inqanawa, yada yapakamela pezulu pezu kwomhlaba.
18
Aza amanzi eyisa, anda nokwanda kakulu pezu kwomhlaba; yaye inqanawa ihamba ebusweni bamanzi.
19
Ada akolisa amanzi ukweyisa kunene, zaza zagujungelwa zonke intaba ezinde ezipantsi kwezulu lonke.
20
Amanzi eyisela ngapezulu ikubite zalishumi linantlanu; zaye zigujungelwa nentaba.
21
Yabuba yonke inyama ebishukuma emhlabeni, eyentaka, eyenkomo, eyezilo, neyazo zonke izinambuzane ezinambuzelayo pezu kwomhlaba; nabo bonke abantu:
22
konke okumpumlo zazinokupefumla kwomoya wobomi, kuko konke okube ku semhlabeni owomileyo, kwafa.
23
Kwaye kucitwa konke okuhleliyo, oko kube kusebusweni bomhlaba, kwa abantu, nenkomo, nezinambuzane, nentaka zezulu; zacitwa emhlabeni: kwaye kusala u‐Nowa yedwa, nabo babenaye enqanaweni.
24
Ati amanzi eyisa pezu kwomhlaba, imihla yalikulu elinamashumi mahlanu.
← Chapter 6
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 8 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48
49
50