bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Genesis 24
Genesis 24
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 23
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 25 →
1
KEKALOKU u‐Abrahame ebemdala, ekolisile ukuba nemihla; waye uyehova ebemtamsanqele u‐Abrahame ngento zonke.
2
Waza wati u‐Abrahame kwisicaka sake, kwesidala sendlu yake, esibe sipata pezu kwako konke abenako: Kaubeke isandla sako ngapantsi kwetanga lam;
3
ndize ndikufungise uyehova, utixo wezulu, notixo womhlaba, okokuba akuyi kumtabatela unyana wam umfazi ezintombini zaba‐Kanane, endihleli mna pakati kwabo:
4
koko uya kuya elizweni lakowetu, nakuso isalamane sam, umtabatele unyana wam, u‐Yisake, umfazi.
5
Sati isicaka kuye: Kungati inkazana ayiyi kuvuma ukundilandela ukuza kwelilizwe; kufanel’ ukuba ndibuyise na unyana wako aye kwelozwe wabupuma kulo?
6
Wayesiti kuso u‐Abrahame: Lumka ke ukuba ungambuyiseli kona unyana wam.
7
Uyehova, utixo wezulu, owandisusayo endlwini kabawo, nasezweni lesalamane sam, owateta nam, owandifungela nokundifungela ngokuti: Kwinzalo yako ndiya kunika elilizwe; kwa lowo uya kutuma ingelosi yake iye pambi kwako, uze umtabatele unyana wam umfazi kwa kona.
8
Ukuba kodwa inkazana ayiyi kuvuma ukuba ikulandele, woba msulwa kuso esisifungiso sam; kupela ungabuyiseli kona unyana wam.
9
Saza isicaka sabeka isandla saso ngapantsi kwalo itanga lika‐Abrahame inkosi yaso, safunga kuye pezu kwalomcimbi.
10
Saya isicaka satabata inkamela zalishumi kuzo inkamela zenkosi yaso, semka ke; ngokuba yonke impahla yenkosi yaso ibisesandleni saso; sesuka semka ukuya e‐Mesopotami, esixekweni sika‐Nahore.
11
Sada saziguqisa inkamela ngapandle kwesixeko, ngasequleni lamanzi, ngexesha lokuhlwa, ngexesha abakeleli bapuma ngalo.
12
Saye sisiti: Yehova, Tixo wenkosi yam u‐Abrahame! wanga ungandifumanisa kwa namhla, wenzele inkosi yam u‐Abrahame ububele.
13
Nanku mna ndimi ngasequleni lamanzi, nentombi zamadoda asesixekweni zipuma ukuka amanzi:
14
makekuti, intombi endiya kuti kuyo: Kautobe umpanda wako, ndisele; ize iti: Sela, nenkamela zako ndiya kuziseza nazo; maibe yiyo uyabeleyo isicaka sako u‐Yisake; sendiya kukwazi ngako ukuba wenzele inkosi yam ububele.
15
Kwaye kute, singekagqibi ukuteta, nankuya u‐Rebeka selepumile, (obezelwe ku‐Betuweli, unyana ka‐Mileka, umfazi ka‐Nahore, umkuluwe ka‐Abrahame,) enompanda wake pezu kwegxalaba lake.
16
Kekaloku intombi leyo, ukubonakala kwayo, ibintle kakulu, iyintombi ipela, kungeko ndoda ebiyazile, yaza yehlela equleni, yazalisa umpanda wayo, yabuya yenyuka.
17
Sasuka isicaka sabaleka ukuya kuyikaulela, sati: Makendisele intwana yamanzi empandeni wako.
18
Yaisiti: Sela, nkosi yam! yandul’ ukunxama, yahlisa umpanda wayo pezu kwesandla sayo, yasiseza ke.
19
Kanjalo yakuba igqibile ukusiseza, yati: Ndiya kukela inkamela zako nazo, zide zigqibe ukusela.
20
Yanxama ke, yagalela umpanda wayo emkombeni wokuseza, yabuya yabaleka yaya equleni ukuka amanzi, yada yakela zonke inkamela zaso.
21
Yaza indoda leyo yayitela nqa isiti cwaka, ukunga ingaqonda ukuba uyehova utamsanqelekisile indlela yayo kusinina.
22
Kwabekute, xeshekweni inkamela zigqibile ukusela, yandula londoda yatabata umsesane wempumlo wegolide, olingana nesiqingata seshekele ukuba nzima kwawo, nezacolo zizibini zibe pezu kwezandla zayo, ezilingana ne shekele zilishumi zegolide ukuba nzima kwazo;
23
yati: Uyintombi kabanina wena? ndixelele ke: iko na endlwini kayihlo indawo ukuba silalise kona?
24
Yaisiti kuyo: Ndiyintombi ka‐Betuweli, unyana ka‐Mileka, lowo wamzalela u‐Nahore.
25
Yalekela yati kuyo: Kuko nenca nokutya okuninzi kuti, kwa nendawo yokulalisa.
26
Yaza londoda yatoba ngapantsi, yambedesha uyehova;
27
yati: Makabongwe uyehova, utixo wenkosi yam u‐Abrahame, ongashiyanga ububele bake nenyaniso yake ukuba zingabi nayo inkosi yam; mna ke, ndisendleleni nje, undikapile uyehova ukuza endlwini yabazalwana benkosi yam.
28
Yasuka yabaleka intombi leyo, yashumayela endlwini yonina ezizinto.
29
Wayenomkuluwe u‐Rebeka, ogama lingu‐Labane; waza wabaleka u‐Labane lowo, waya endodeni ngapandle, kwa semtonjeni.
30
Kwaza kwati, nxa abonile umsesane wempumlo, nezacolo pezu kwezandla zodade wake, nanxa avile amazwi ka‐Rebeka udade wake, esiti: Kunjalo indoda yateta kum; wandula weza endodeni, eyati, bona ke, yema ngasezinkameleni, ngasemtonjeni.
31
Wayesiti: Ngena, wena utanyusanqelweyo nguyehova! kunganina ukuba ume ngapandle? ngokuba ndise ndilungisile indlu, kwa nendawo yenkamela.
32
Yandula yangena indoda leyo endlwini: waza wakulula inkamela zayo, wanika inca nokutya kwenkamela, namanzi okuhlamba inyawo zayo, nenyawo zamadoda abenayo.
33
Kwaza kwabekwa pambi kwayo into yokudla; kuloko yati: Andiyi kutya, ndingekateti ilizwi lam. Wayesiti: Teta.
34
Yaza yati: Ndisisicaka sika‐Abrahame mna.
35
Kekaloku uyehova uyitamsanqele inkosi yam kakulu, ide yaba nkulu yona; uyinikile izimvu, nenkomo, nesilivere, negolide, nezicaka, nezicakakazi, nenkamela, namaqwaṙashe.
36
Kanjalo u‐Sara, umfazi wenkosi yam, wazalela inkosi yam unyana emveni kwokwalupala kwake; lowo imnikile konke inako.
37
Yada yandifungisa inkosi yam, isiti: Akuyi kumtabatela unyana wam umfazi ezintombini zaba‐Kanane, endihleli mna elizweni labo;
38
koko uya kuya endlwini kabawo nasesalamaneni sam, umtabatele unyana wam umfazi.
39
Ndaza ndati enkosini yam: Kungati ayiyi kundilandela inkazana leyo.
40
Yandul’ ukuti kum: Uyehova, endihambile ebusweni bake, wotuma ingelosi yake ukuya nawe, atamsanqelekise indlela yako; wauya kumtabatela unyana wam umfazi esalamaneni sam nasendlwini kabawo.
41
Oko uya kuba msulwa kuso isifungiso sam, nxa uzayo kwisalamane sam; nokuba abaniki kuwe, woba msulwa kuso isifungiso sam.
42
Kendeza namhla emtonjeni, ndati: Yehova, Tixo wenkosi yam u‐Abrahame! ukuba kaloku uya kutamsanqelekisa indlela yam endihamba ngayo;
43
nanku mna ndimi ngasemtonjeni wamanzi; makekuti, intombi eya kupuma ukuka amanzi, ndize nditi kuyo: Kaundipe intwana yamanzi empandeni wako, ndisele;
44
yandule iti kum: Sela wena, nenkamela zako ndozikela nazo; maibe yiyo engumfazi amabeleyo unyana wenkosi yam uyehova.
45
Kekaloku ndingekagqibi ukuteta entliziyweni yam, nankuya u‐Rebeka selepumile enompanda wake pezu kwegxalaba lake; waya wehlela emtonjeni, waka amanzi; ndaza ndati kuye: Kaundipe ndisele.
46
Wasuka wanxama, wahlisa umpanda wake kuye, wati: Sela, nenkamela zako ndiya kuziseza nazo; ndada ndasela, nenkamela waziseza nazo.
47
Ndaza ndambuza, ndati: Uyintombi kabanina wena? Wayesiti: Ndiyintombi ka‐Betuweli, unyana ka‐Nahore, lowo u‐Mileka wamzalela yena. Ndaza ndafaka umsesane wempumlo empumlweni yake, nezacolo ezandleni zake.
48
Ndaye nditoba ngapantsi, ndambedesha uyehova, ndambonga uyehova, utixo wenkosi yam u‐Abrahame, obendikapile ngendlela elungileyo ukuza kumtabatela unyana wake intombi yomkuluwe wenkosi yam.
49
Ize niti ngoku, ukuba niya kwenzela inkosi yam ububele nenyaniso, nindixelele; nokuba aniyi kwenje njalo, ndixeleleni noko, ndize ndibeke ngasekunene, umhlaumbi ngasekohlo.
50
Baza bapendula u‐Labane no‐Betuweli, bati: Ivela kuyehova indawo le; sikohliwe kukuteta kuwe okukohlakeleyo nokulungileyo.
51
Nanku u‐Rebeka esebusweni bako; mtabate, uhambe; makabe ngumfazi wonyana wenkosi yako, njengoko akutetileyo uyehova.
52
Kwaye kute, sakuva isicaka sika‐Abrahame amazwi abo, sandu ukuziqubuda ngasemhlabeni pambi kwoyehova.
53
Saza isicaka sar̔ola impahla zesilivere, nempahla zegolide, nezivato, sazinika ku‐Rebeka; nezinto ezinqabileyo sazinika kumkuluwe wake nakunina.
54
Baza batya basela nokusela, kwa yena namadoda abenaye, balalisa kona; kwasa bavuka, wati yena: Ndindululeni ndiye enkosini yam.
55
Wayesiti umkuluwe wake, nonina: Maihlale intombi nati ibe yimihla etile, umhlaumbi ibe lishumi; yoti kamva ihambe.
56
Wayesiti kubo: Ningandibambezeli, uyehova eyitamsanqelekisile nje indlela yam; nindindulule ndize ndiye enkosini yam.
57
Bati bona: Siya kubiza intombi, sibuze umlomo wayo.
58
Bandul’ ukubiza u‐Rebeka, bati kuye: Uya kuhamba na nalendoda? wati: Ndiya kuhamba.
59
Baza bandulula u‐Rebeka udade wabo, nomondlikazi wake, nesicaka sika‐Abrahame, namadoda aso.
60
Baye bemtamsanqela u‐Rebeka, bati kuye: Ungudade wetu wena; maube ngunina wamawaka amawakawaka, nenzalo yako maifuye isango labatiyi bayo!
61
Wesuka u‐Rebeka nomtinjana wake, bakwela ezinkameleni, bayilandela indoda; sati isicaka samtabata u‐Rebeka, semka ke.
62
Kekaloku u‐Yisake weza ngendlela evela equleni le‐Lahai‐roi; ngokuba ebemi elizweni lasesuyide.
63
Waye u‐Yisake epumile ukuya kutandaza endle kwakusondela ukuhlwa; waza wapakamisa amehlo ake, wakangela, kekaloku nanziya inkamela zisiza.
64
Kanjalo no‐Rebeka wapakamisa amehlo ake, owati, akumbona u‐Yisake, wahlika kuyo inkamela.
65
Wayesiti kwisicaka: Ngubanina londoda ihambayo endle ukuza kusikaulela? Sati isicaka: Yinkosi yam lo. Waza watabata isigqubutelo, wazinameka.
66
Sandula isicaka sambalisela u‐Yisake zonke izinto esibe sizenzile.
67
Wati u‐Yisake wamsa ententeni ka‐Sara unina; waza wamzeka u‐Rebeka, waye yena waba ngumfazi wake; wamtanda kanjalo. Wada watutuzeleka u‐Yisake emveni kwokufa kwonina.
← Chapter 23
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 25 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48
49
50