bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Genesis 31
Genesis 31
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 30
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 32 →
1
Aza avakala kuyo amazwi onyana baka‐Labane, esiti: Ususile u‐Yakobi konke ubawo wetu abenako; nakuko okube kukokukabawo wetu ubenzile bonke obubutyebi.
2
Waye u‐Yakobi wabona ubuso buka‐Labane; kekaloku bona ke, babungengakuye njengasexesheni lapambili.
3
WADA uyehova wati ku‐Yakobi: Buyela elizweni loyihlo bako, nakwisalamane sako; ndandiya kuba nawe.
4
Waza watuma u‐Yakobi wabiza u‐Rakele no‐Leya beze endle emhlambini wake;
5
wati kubo: Ndiyabona ubuso boyihlo wenu, ukuba abungakum njengasexesheni lapambili; kodwa utixo kabawo usand’ ukubako nam.
6
Niyazi nani, ukuba kungawo onke amandla am endikonzile uyihlo wenu.
7
Kanti uyihlo wenu undixokisile, nomvuzo wam uwuguqule ishumi lamaxesha; kodwa utixo akamvumelanga ukuba andenzele ububi.
8
Nxa abesitsho ukuti: Lawo anamabala oba ngumvuzo wako; yandula yonke imihlambi ukuzala anamabala: nanxa abesitsho ukuti: Lawo azinala oba ngumvuzo wako; yandula yonke imihlambi ukuzala azinala.
9
Kunjalo ke utixo ahlutileyo inkomo zoyihlo wenu, wazinika kum.
10
Kwaye kute, ngexesha lokukaula kwemihlambi, ndapakamisa amehlo am, ndabona epupeni; kekaloku bona ke, inkunzi ezikwela pezu kwemazi zemihlambi zizezizinala, nezinamabala, nezingamaṙwexu.
11
Yaza yati kum ingelosi katixo epupeni: Yakobi! Ndati mna: Nanku, ndi lapa.
12
Yayisiti: Zupakamise amehlo ako, ubone; zonke inkunzi ezikwela pezu kwemazi zemihlambi zizezizinala, nezinamabala, nezingamaṙwexu: ngokuba ndikubonile konke u‐Labane akwenzele kona.
13
Mna ndi ngutixo we‐Betele, apo ubutambisa kona isimo sokukumbuza, na lapo ubusenza kum isibambiso kona: uze kaloku usuke, upume kwelilizwe, ubuyele ezweni lesalamane sako.
14
Baza bapendula u‐Rakele no‐Leya, bati kuye: Kuseko kuti na isabelwa nelifa endlwini kabawo wetu?
15
Asibalelwanga abasemzini nguye na? ngokuba etengisile ngati, nemali yetu ugqibele ukuyidla nayo.
16
Ngokuba bonke ubutyebi abuhlutileyo utixo kubawo wetu, bubobetu bona, nobonyana betu: ngako kaloku, konke akutshilo utixo kuwe kwenze ke.
17
Wandula wesuka u‐Yakobi, wakwelisa onyana bake nabafazi bake pezu kwenkamela;
18
wafudusa zonke inkomo zake, nayo yonke impahla yake abeyiqwebile, inkomo zokufuya kwake, abeziqwebile e‐Padane‐arame, ukuya ku‐Yisake uyise ezweni le‐Kanane.
19
Kekaloku u‐Labane ebeyile ukuceba izimvu zake; waza u‐Rakele weba̔ iterati abenazo uyise.
20
Waye u‐Yakobi wakohlisa intliziyo ka‐Labane um‐Siriya, ekubeni engamxelelanga ukuba uyesaba.
21
Waya wesaba nako konke abenako; wesuka ke, wawela umlambo, wabeka ubuso bake ngasentabeni ye‐Gileyadi.
22
Kwaye kuxelwa ku‐Labane ngowesitatu umhla, ukuba usabile u‐Yakobi.
23
Waza watabata abazalwana bake naye, wamputuma ihambo yemihla esixe̔nxe; bada bamfumana entabeni ye‐Gileyadi.
24
Koko wezayo utixo ku‐Labane um‐Siriya epupeni ngobusuku, wati kuye: Zilumkele, ukuze ungateti ku‐Yakobi nokulungileyo nokukohlakeleyo.
25
Waza u‐Labane wamfumana u‐Yakobi. Kekaloku u‐Yakobi ebemisile intente yake entabeni; wati ke no‐Labane wamisa eyake ndawonye nabazalwana bake entabeni ye‐Gileyadi.
26
Wayesiti u‐Labane ku‐Yakobi: Yinto nina uyenzileyo, ukuba ubukohlisa intliziyo yam, wafudusa intombi zam njengabatinjiweyo ngesiṙele?
27
Kunganina ukuba ubusaba ngasese, wandikohlisa; nokuba ubungandixeleli, ukuze ndibe ndikupelekelele ngemigcobo nangengoma, ngentambula nangohadi;
28
nokuba ubungandivumeli ukwanga onyana bam nentombi zam? Kaloku wenzile ngobudenge.
29
Kusemandleni esandla sam ukunenza ububi; kodwa utixo kayihlo wenu wabesitsho kum pezolo ukuti: Zilumkele, ukuze ungateti ku‐Yakobi nokulungileyo nokukohlakeleyo.
30
Pofu kaloku, unxamele ukumka nje, ngokokuba ubulangazelela indlu kayihlo kakulu, kunganina ukuba ubi̔le otixo bam?
31
Waza wapendula u‐Yakobi wati ku‐Labane: Kungokuba bendisoyika; ngokuba bendisiti: Hlezibe uya kuhlasela intombi zako kum.
32
Lowo ufumana naye otixo bako, makangabi sapila. Kwa pambi kwabazalwana betu kunakane okwako okukum, uze ukutabatele kuwe. Ngokuba ebengazi u‐Yakobi ukuba u‐Rakele ubebi̔le.
33
Waya u‐Labane wangena ententeni ka‐Yakobi, nasententeni ka‐Leya, nasezintenteni zamakobokakazi omabini, kanti akabafumananga: waza wapuma ententeni ka‐Leya, wangena ententeni ka‐Rakele.
34
Kekaloku u‐Rakele ebetabatile iterafi, wazibeka pakati kwempahla yenkamela, wahlala pezu kwazo. Waza u‐Labane wabenca intente yonke, kanti akazifumananga.
35
Wayesiti kuyise: Makungaqumbiseki emehlweni enkosi yam, ukuba ndikohliwe kukusuka ebusweni bako; ngokuba isiko labafazi lipezu kwam. Wafunisa ke, kanti akazifumananga iterafi.
36
Waza waqumba u‐Yakobi, wapika naye u‐Labane. Wapendula u‐Yakobi wati ku‐Labane: Siyinto nina isigqito sam? siyinto nina isono sam, ukuba unxamele kangaka ukundiputuma?
37
Ekubeni uzibencile zonke impahla zam, kuyinto nina uyifumeneyo kuzo zonke impahla zendlu yako? Yibeke apa pambi kwabazalwana bam nabazalwana bako, ukuze balamle pakati kwetu sobabini.
38
Leminyaka imashumi mabini ndibe ndinawe; igushakazi zako nebokwekazi zako azipunzile, nenkunzi zomhlambi wako andizidlanga.
39
Leyo iqwengiweyo andiyizisanga kuwe; ndayihlaulela mna; kwa kuso isandla sam wabuyibanga, nokuba ibibi̔we ngemini, nokuba ibibi̔we ngobusuku.
40
Bendi njalo ke; emini ndadliwa bubushushu, nasebusuku ndadliwa yingqele; kanjalo amehlo am emkelwa bubutongo.
41
Kunje nje ndibe ndiyiminyaka imashumi mabini endlwini yako: ndakukonza iminyaka yalishumi linemine ngenxa yentombi zako zombini, neminyaka yamitandatu ngenxa yomhlambi wako; wauguqule umvuzo wam ishumi lamaxesha.
42
Ukuba utixo kabawo wam, utixo ka‐Abrahame, nomoyikwa ka‐Yisake, ebengeko nam, ngenyaniso kaloku unge undindulule zé. Ubunzima bam nomzamo wezandla zam uwubonile utixo, wakwohlwaya pezolo.
43
Waza wapendula u‐Labane wati ku‐Yakobi: Intombi ezi zintombi zam, nonyana aba bangonyana bam, nemihlambi le yimihlambi yam, nako konke ukubonayo kukokwam: kekaloku ndingenza nto nina kuzo ezintombi zam namhla nje, nakubo onyana bazo, abo zibazeleyo?
44
Kaloku kambe, yiza senze ucebano, kwa mna nawe, ukuba lube linqi̔na pakati kwam nawe.
45
Waza u‐Yakobi watabata ilitye, walipakamisa libe sisimo sokukumbuza.
46
Wayesiti u‐Yakobi kubazalwana bake: Butani amatye. Baza batabata amatye, benza imfumba; batya kona pezu kwemfumba leyo.
47
Waye u‐Labane wayibiza ngokuti yi‐Yegare‐sahaduta; kanti u‐Yakobi wayibiza ngokuti yi‐Galedi.
48
Waza wati u‐Labane: Lemfumba ilinqi̔na pakati kwam nawe namhla nje. Kukona yabizwa ngegama eliyi‐Galedi;
49
neliyi‐Mitsipa; ngokuba ebesiti: Wanga uyehova angalinda pakati kwam nawe, nxa sifihlelene omnye kwomnye!
50
Ukuba uya kubandezela intombi zam, nokuba uya kuzeka abafazi ngapezu kwentombi zam, noko angeko mntu nati, gqala ke, utixo ulinqi̔na pakati kwam nawe.
51
Walekela u‐Labane wati ku‐Yakobi: Nantsi lemfumba, nasi nesimo esi sokukumbuza, endisipakamisile pakati kwam nawe;
52
lemfumba ibe linqi̔na, nesimo esi sokukumbuza sibe linqi̔na, lokuba andiyi kugqita mna kulemfumba ukuza kuwe, nokuba akuyi kugqita wena kulemfumba nakwesisimo sokukumbuza ukuza kum, bube bububi.
53
Utixo ka‐Abrahame, notixo ka‐Nahore, utixo woyise wabo agwebe pakati kwetu. Waye u‐Yakobi wafunga umoyikwa woyise u‐Yisake.
54
Waza u‐Yakobi wabingelela umbingelelo entabeni, wabiza abazalwana bake baze batye isonka: baye besitya isonka, balalisa entabeni.
55
Wavuka u‐Labane kusasa, wanga onyana bake nentombi zake, wabatamsanqela; wandul’ ukumka u‐Labane, wabuyela endaweni yake.
← Chapter 30
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 32 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48
49
50