bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Genesis 46
Genesis 46
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 45
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 47 →
1
WAYE u‐Sirayeli wafuduka nako konke abenako, weza e‐Beresheba, wabingelela imibingelelo kuye utixo woyise u‐Yisake.
2
Waza wateta utixo ku‐Sirayeli emibonisweni yobusuku, wati: Yakobi, Yakobi! Wati yena: Nanku, ndi lapa.
3
Wayesiti: Mna ndi ngutixo, utixo woyihlo wako; ungoyiki ukuya kuhlela e‐Jipete; ngokuba isizwe esikulu ndiya kusenza ngawe apo.
4
Ndiya kuhla nawe ukuya e‐Jipete; ndobuya ndikunyuse ngenyaniso: woti u‐Josefe abeke isandla sake pezu kwamehlo ako.
5
Wandula u‐Yakobi wesuka e‐Beresheba; baza onyana baka‐Sirayeli bamtwala u‐Yakobi uyise wabo, nabantwana babo, nabafazi babo, ezinqwelweni abezitumile u‐Faro ukuza kumtwala.
6
Batabata inkomo zabo, nempahla yabo ababeyiqwebile elizweni le‐Kanane, beza e‐Jipete, u‐Yakobi nayo yonke inzalo yake kunye naye:
7
onyana bake, nonyana bonyana bake kunye naye; intombi zake, nentombi zonyana bake; nayo yonke inzalo yake wayizisa naye e‐Jipete.
8
Kekaloku ngawo la amagama onyana baka‐Sirayeli, abezayo e‐Jipete: u‐Yakobi nonyana bake. Owamazibulo ka‐Yakobi, ngu‐Rubene.
9
Nonyana baka‐Rubene; ngu‐Hanoki, no‐Palu, no‐Hetserone, no‐Kami.
10
Nonyana baka‐Simone; ngu‐Jemuweli, no‐Yamine, no‐Ohadi, no‐Yakine, no‐Tsohare, no‐Saule unyana wom‐Kananekazi.
11
Nonyana baka‐Levi; ngu‐Gereshone, n o‐Kohati, no‐Merari.
12
Nonyana baka‐Juda; ngu‐Here, no‐Onane, no‐Shela, no‐Faretse, no‐Zera; kodwa babuba u‐Here no‐Onane elizweni le‐Kanane: nonyana baka‐Faretse bebengu‐Hetserone no‐Hamule.
13
Nonyana baka‐Yisakare; ngu‐Tola, no‐Puwa, no‐Jobi, no‐Shimrone.
14
Nonyana baka‐Zebulone; ngu‐Serede, no‐Eloni, no‐Yaheleli.
15
Aba bangonyana baka‐Leya, abebazala ku‐Yakobi e‐Padane‐arame, kwa no‐Dina intombi yake: yonke imipefumlo yonyana bake neyentombi zake ibingamashumi matatu anesitatu.
16
Nonyana baka‐Gadi; ngu‐Tsifiyone, no‐Hagi, n o‐Shuni, no‐Tseboni, n o‐Heri, no‐Arodi, no‐Areli.
17
Nonyana baka‐Ashere; ngu‐Yimna, no‐Yisheva, no‐Yishevi, no‐Beriha, no‐Sera udade wabo: nonyana baka‐Beriha; ngu‐Kebere no‐Makiyeli.
18
Aba bangonyana baka‐Zilipa, lowo u‐Labane wamnikayo ku‐Leya intombi yake; aba ke wabazala ku‐Yakobi, beyimipefumlo elishumi linesitandatu.
19
Nonyana baka‐Rakele umfazi ka‐Yakobi; ngu‐Josefe no‐Benjamine.
20
Kwaye kuzalwa ku‐Josefe elizweni le‐Jipete u‐Manase no‐Frayime, abete u‐Asenate, intombi ka‐Potifera, umperisite we‐One, wamzalela bona.
21
Nonyana baka‐Benjamine; ngu‐Bela, no‐Bekere, no‐Ashebele, n o‐Gera, no‐Nahamane, n o‐Eki, no‐Roshe, n o‐Mupime, no‐Hupime, no‐Aredi.
22
Aba bangonyana baka‐Rakele, ababemzalelwa u‐Yakobi; yonke imipefumlo ibilishumi elinesine.
23
Nonyana baka‐Dane; ngu‐Hushime.
24
Nonyana baka‐Nefatali; ngu‐Yatsiyeli, no‐Guni, no‐Yetsere, no‐Shileme.
25
Aba bangonyana baka‐Bileha, lowo u‐Labane wamnikayo ku‐Rakele intombi yake; aba ke wabazala ku‐Yakobi: yonke imipefumlo ibisixe̔nxe.
26
Yonke imipefumlo ebisiza no‐Yakobi e‐Jipete, eyabipumile esinqeni sake, ngapandle kwabo abafazi bonyana baka‐Yakobi, yonke imipefumlo ibingamashumi matandatu anesitandatu;
27
nonyana baka‐Josefe, ababezalwa kuye e‐Jipete, bebeyimipefumlo mibini: yonke imipefumlo yendlu ka‐Yakobi, ebisiza e‐Jipete, ibingamashumi asixe̔nxe.
28
WAZA wamsusa u‐Juda andulele kuye ukuya ku‐Josefe, ukuze abalatise ubuso bake ngase‐Goshene; bada bafika ezweni le‐Goshene.
29
Waye u‐Josefe wabopa inqwelo yake, wenyuka ukuya kumkaulela u‐Sirayeli uyise e‐Goshene, wazibonakalisa kuye, wamwela intamo, walila entanyeni yake kwa kade.
30
Waza u‐Sirayeli wati ku‐Josefe: Makendibube kaloku, sendibubonile nje ubuso bako, ukuba usahleli.
31
Wandula wati u‐Josefe kubakuluwe bake, nakwabendlu kayise: Ndonyuka ndiye kushumayela ku‐Faro, nditi kuye: Abakuluwe bam, nabendlu kabawo, ababesezweni le‐Kanane, bafikile kum;
32
kekaloku amadoda lawo angabalusi begusha, ngokuba engabafuyi benkomo; kanjalo azisile igusha zawo, nenkomo zawo, nako konke anako.
33
Kwakuya kuti, xeshekweni aya kunibiza u‐Faro, ati: Yinto nina umsebenzi wenu?
34
nandule ukuti: Izicaka zako zingabafuyi benkomo kwa sebutsheni betu kwada kwakaloku, kwa tina nobawo betu nabo: ukuze nibe nokuhlala elizweni le‐Goshene; ngokuba beyintshontsho kuma‐Jipete bonke abalusi begusha.
← Chapter 45
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 47 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48
49
50