bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Genesis 38
Genesis 38
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 37
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 39 →
1
KWABEKUTE ngeloxesha, wehla u‐Juda kubazalwana bake, waya wapambukela endodeni engum‐Hadulame, egama lalingu‐Hira.
2
Wayebona apo u‐Juda intombi yendoda engum‐Kanane, egama lalingu‐Shuha; waza wamzeka, wangena kuye.
3
Wandula wamita, wazala unyana; waye u‐Juda wambiza ngegama elingu‐Here.
4
Wabuya wamita, wazala unyana, wambiza ngegama elingu‐Onane.
5
Wongezelela ukumita nakanjako, wazala unyana, wambiza ngegama elingu‐Shela: wayeko uyise e‐Kezibe akumzala.
6
Wada u‐Juda wamtabatela u‐Here, owamazibulo wake, umfazi, ogama lalingu‐Tamare.
7
Kodwa u‐Here, owamazibulo ka‐Juda, ebekohlakele emehlweni kayehova; ngako uyehova wambubisa.
8
Waza u‐Juda wati ku‐Onane: Ngena emfazini womkuluwe wako, umzeke egameni lake, uze umvusele umkuluwe wako inzalo.
9
Wayekwazi u‐Onane ukuba lenzalo ibingayi kuba yeyake; kwaza kwati, akuba engenile emfazini womkuluwe wake, wacitela ngasemhlabeni, ukuze anganiki inzalo kumkuluwe wake.
10
Kodwa kwakubi emehlweni kayehova oko wakwenzayo; ngako wambubisa naye.
11
Waza wati u‐Juda ku‐Tamare umolokazana wake: Hlala ungumhlolokazi endlwini kayihlo, ade akule u‐Shela unyana wam: ngokuba ebesiti: Hleze uya kububa naye, njengabakuluwe bake. Wandula wemka u‐Tamare, waya wahlala endlwini kayise.
12
Kuse kuntsuku ninzi yafa intombi ka‐Shuha, umfazi ka‐Juda; wada watutuzeleka u‐Juda, wenyuka ukuya kubacebi begusha zake, kwa yena no‐Hira umhlobo wake um‐Hadulame, e‐Timna.
13
Kwaza kwaxelwa ku‐Tamare ngokuti: Bona ke, usondoda wako uyanyuka ukuya e‐Timna, acebe igusha zake.
14
Waza wasusa ingubo zobuhlolokazi bake kwa kuye, wazigubungela ngesigqubutelo, wazinameka, waya wahlala pantsi ngasesangweni le‐Henayime, ebingasendleleni yokuya e‐Timna; ngokuba ebebona ukuba usel’ ekulile u‐Shela, kanti akanikwanga kuye abe ngumfazi noko.
15
Kekaloku u‐Juda, akumbona, waba uyingnawokazi, ngokokuba egubungele ubuso bake.
16
Waza wajikela kuye ngasendleleni, wati: Kauze ke, ndingene kuwe; (ngokuba ebengazi ukuba ungumolokazana wake yena.) Wayesiti: Uya kundinika nto nina, ukuze ungene kum?
17
Wati: Ndiya kukupa itakane lebokwe emhlambini. Wayesiti: Wondinika isibambiselo na, ude utume ke?
18
Waza wati: Sesinina isibambiselo endiya kusinika kuwe? Wati: Ngumsesane wako, nentsontelo yako, nomsimelelo wako osesandleni sako. Wamnika ke, wangena kuye, waye yena wakaula ngaye.
19
Wandula wesuka, wemka ke, wasusa isigqubutelo sake kwa kuye, wambata ingubo zobuhlolokazi bake.
20
Wati u‐Juda watuma itakane lebokwe ngesandla somhlobo wake um‐Hadulame, ukuze asamkele isibambiselo eso esandleni somfazi: kodwa akamfumana.
21
Waza wabuza abantu basendaweni yake, esiti: Upina umpinyiswa obese‐Henayime ngasendleleni? Bati: Akwabiko apa umpinyiswa.
22
Wada wabuyela ku‐Juda, wati: Andingemfumane; kanjalo nabantu balondawo bati: Akwabiko apa umpinyiswa.
23
Wayesiti u‐Juda: Makazitabatele sona, hleze sihlaziswe; bona ke, ndatuma elitakane, kanti wena akumfumananga.
24
Kwaye kute, sekunyanga zanga zintatu, kwaxelwa ku‐Juda ngokuti: Wenzile umbulo u‐Tamare, umolokazana wako; nakanjako, bona ke, umiti ngombulo. Waza wati u‐Juda: Mvelise, atshiswe!
25
Kekaloku akuveliswa, wandula watuma kusondoda wake ukuti: Indoda ezizezayo ezi zinto, ndimitisiwe kwa yiyo; wati kanjalo: Uze unakane ungokabanina lomsesane, nalentsontelo, nalomsimelelo.
26
Waye u‐Juda wazinakana, wati: Undigqitisile ngokulunga; ngenxa yokuba ndingamnikanga ku‐Shela unyana wam. Waye engasongezi ukumazi.
27
Kwaye kute, ngexesha lokuba azale, nanga amawele esizalweni sake.
28
Kwaza kwati, ekuzaleni kwake, elinye lapumisa isandla; wasitabata umzalisikazi, wabopa pezu kwesandla salo usinga olubomvu, esiti: Eli lapuma kuqala.
29
Kwabekute kekaloku, nxa libuyisile isandla salo, bona ke, wapuma umninawe walo. Waza wati: Ute nina ukugqoboza? makube pezu kwako ukugqoboza oku! Ngako kwabizwa igama lake ngo‐Faretse.
30
Kwati kamva, wapuma umkuluwe wake, lowo lube lupezu kwesandla sake usinga olubomvu: kwaye kubizwa igama lake ngo‐Zera.
← Chapter 37
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 39 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48
49
50