bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Genesis 29
Genesis 29
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 28
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 30 →
1
WASUSA inyawo zake u‐Yakobi, wahambela elizweni labantu basempumalanga.
2
Waza wakangela, kekaloku naliya iqula endle; kanjalo, nantsiya kona imihlambi emitatu yezimvu zite butu ngakulo; ngokuba kwa kulo iqula elo bekusezwa imihlambi; nelitye elikulu lalipezu kwomlomo wequla.
3
Kwaye kuhlanganiselwa kona yonke imihlambi; kwaza kwaqengqwa ilitye emlonyeni wequla, kwasezwa izimvu; kwandul’ ukubuyiswa ilitye pezu kwomlomo endaweni yalo.
4
Wayesiti u‐Yakobi kubo: Bazalwana bam! nivela pina? Bati bona: Sivela tina e‐Karane.
5
Wati kubo kanjalo: Niyamazi na u‐Labane unyana ka‐Nahore? Bati: Siyamazi.
6
Waza wati kubo: Upilile na? Bati: Upilile; kanjako nanku u‐Rakele intombi yake esiza nazo izimvu.
7
Wayesiti: Bona ke, imini isenkulu; asi lixesha lokuhlanganiswa kwenkomo; zisezeni izimvu, nize niye ukwalusa.
8
Baza bati: Sikohliwe kukwenje njalo, kude kuhlanganiswe yonke imihlambi, na kude kuqengqwe ilitye emlonyeni wequla; sandule siseze izimvu.
9
Kwa esateta nabo, u‐Rakele weza nezimvu zoyise; ngokuba ebengumalusikazi yena.
10
Kwaza kwati, xeshekweni u‐Yakobi wambona u‐Rakele, intombi ka‐Labane umkuluwe wonina, nezimvu zika‐Labane umkuluwe wonina, wandula ukusondela u‐Yakobi, waqengqa ilitye emlonyeni wequla, waseza izimvu zika‐Labane umkuluwe wonina.
11
Waye u‐Yakobi wamanga u‐Rakele, wapakamisa ilizwi lake, walila.
12
Waza u‐Yakobi wamxelela u‐Rakele ukuba ungumalamane kayise, nokuba ungunyana ka‐Rebeka. Wagidima ke, waxela kuyise.
13
Kwaye kute, akuba u‐Labane evile indaba zika‐Yakobi, unyana wodade wake, wandula wabaleka ukuya kumkaulela, wamsingata, wamanga, wamzisa endlwini yake. Waza wabalisela u‐Labane zonke ezizinto.
14
Wayesiti u‐Labane kuye: Okwenyaniso ulitambo lam nenyama yam. Waza wahlala naye ixesha lenyanga nye.
15
Wada wati u‐Labane ku‐Yakobi: Ukuba ungumalamane wam, unge undikonza ngoko na ngesisa? ndixelele, woba yinto nina umvuzo wako?
16
Kekaloku u‐Labane ebenentombi zimbini: igama lenkulu ngu‐Leya; igama lencinane ngu‐Rakele.
17
U‐Leya amehlo ake abetambile; kanti u‐Rakele ubemhle isimilo sake, wamhle nokubonakala kwake kananjalo.
18
Waye u‐Yakobi emtanda u‐Rakele; wati ngoko: Ndiya kukukonza iminyaka ibe sixe̔nxe, ngenxa ka‐Rakele intombi yako encinane.
19
Waza wati u‐Labane: Kulungile ukuba ndimnike kuwe, pezu kwokuba ndimnike kwenye indoda; hlala nam.
20
Wandula u‐Yakobi wakonza iminyaka yasixe̔nxe ngenxa ka‐Rakele; eyaba semehlweni ake njengemihla emincinane, ngokumtanda kwake.
21
Waza u‐Yakobi wati ku‐Labane: Ndinike umfazi wam, ngokuba isel’ izalisekile imihla yam, ukuze ndingene kuye.
22
Wandula u‐Labane ukuhlanganisa onke amadoda alondawo, wawenza umtshato.
23
Kwaye kute ngokuhlwa, watabata u‐Leya intombi yake, wamzisa kuye; waza wangena kuye.
24
Waye u‐Labane wanika kuye u‐Zilipa ikobokakazi lake, kwa kuye u‐Leya intombi yake, abe likobokakazi.
25
Kwaza kwati, kwakusa, nanku u‐Leya. Wati ngoko ku‐Labane: Yinto nina le uyenzileyo kum? asi nguye u‐Rakele endibe ndikukonza ngenxa yake yinina? kunganina ke ukuba undibukuqile?
26
Wayesiti u‐Labane: Akwenzeki njalo kulendawo yakowetu, ukuba kwendiswe encinane pambili kweyamazibulo.
27
Zalisekisa iveki yalé, sasiya kwandula sikunike yona nayo, ngokukonza uya kukonza ngako kum ibe iseyimbi iminyaka esixe̔nxe.
28
Wenza u‐Yakobi kwa ngokunjalo, wazalisekisa iveki yalé. Waza wamnika no‐Rakele, intombi yake, abe ngumfazi wake.
29
Waye u‐Labane wanika ku‐Rakele intombi yake u‐Bileha ikobokakazi lake, abe likobokakazi kuye.
30
Wada wangena nakuye u‐Rakele, wamtanda u‐Rakele ngapezu kwake u‐Leya kanjalo; waza wakonza kuye yaiseyimbi iminyaka esixe̔nxe.
31
Kekaloku akubona uyehova ukuba u‐Leya uyatiywa, wandula wavula isizalo sake; koko u‐Rakele ebeludlolo.
32
Waza wamita u‐Leya, wazala unyana, wambiza ngegama elingu‐Rubene; ngokuba ebesiti: Ngenyaniso uyehova ukangele imbandezelwa yam; kukona kaloku iya kunditanda indoda yam.
33
Wabuya wamita, wazala unyana; wati: Ngokokuba uyehova evile ukuba ndiyatiywa, undinikile ngoko ke naló; waza wambiza ngegama elingu‐Simone.
34
Wabuya wamita, wazala unyana; wati: Kaloku nje indoda yam yozibandakanyela kum, ngokokuba ndimzalele onyana batatu; ngako wambiza ngegama elingu‐Levi.
35
Wabuya wamita, wazala unyana; wati: Kaloku ndiya kudumisa uyehova; ngako wambiza ngegama elingu‐Juda. Waza wati nqumama ekuzaleni.
← Chapter 28
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 30 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48
49
50