bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Genesis 48
Genesis 48
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 47
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 49 →
1
Kwaye kute emveni kwezizinto, kwatiwa ku‐Josefe: Bona ke, uyihlo uyafa. Wasuka watabata naye onyana bake bobabini, u‐Manase no‐Frayime.
2
Kwaza kwaxelwa ku‐Yakobi, kwatiwa: Bona ke, unyana wako u‐Josefe uyeza kuwe. Waye u‐Sirayeli wazomeleza, wahlala pezu kwawo umandlalo.
3
Wandula u‐Yakobi wati ku‐Josefe: Utixo onamandla onke wabonakala kum e‐Luze, elizweni le‐Kanane, wanditamsanqela,
4
wati kum: Bona ke, ndokucumisa, ndikwandise, ndenze ngawe umhlambi wabantu; ndandiya kunika elilizwe kwinzalo yako emva kwako libe yimfuyo engunapakade.
5
Nakaloku, onyana bako bobabini, abebezelwe kuwe ezweni le‐Jipete, ndingekafiki kuwe e‐Jipete, ngabam: u‐Frayime no‐Manase boba ngabam, njengo‐Rubene no‐Simone.
6
Kodwa abantwana bako, oya kubazala emva kwabo, boba ngabako; baya kubizwa ngegama labazalwana babo elifeni labo.
7
Mna ke, ekuveleni kwam e‐Padane, wabubela kum u‐Rakele ezweni le‐Kanane, endleleni, nxa ibiseko indawana yomhlaba ukuba kufikwe e‐Eferata; ndaye ndimncw̔aba kona endleleni yase‐Eferata, ekwa yiyo i‐Beteleheme.
8
Waye u‐Sirayeli ebona onyana baka‐Josefe, wati: Bangobanina aba?
9
Wati u‐Josefe kuyise: Bangonyana bam, endibapiweyo ngutixo kule ndawo. Wayesiti: Zubazise kum, ukuba ndibatamsanqele.
10
Koko amehlo ka‐Sirayeli ebenzima ngobudala, wada wakohlwa kukubona. Waza wabasondeza kuye; wandu ukubanga, wabasingata.
11
Wayesiti u‐Sirayeli ku‐Josefe: Bendingabanga ndiya kubona ubuso bako; kanti, bona ke, utixo undibonisile nenzalo yako.
12
Waza u‐Josefe wabapumisa emadolweni ake, waziqubuda ebusweni bake ngasemhlabeni.
13
Waye u‐Josefe wabatabata bobabini, u‐Frayime ngesokunene isandla sake ngakuso esokohlo isandla sika‐Sirayeli, no‐Manase ngesokohlo isandla sake ngakuso esokunene isandla sika‐Sirayeli, wabasondeza kuye.
14
Waza u‐Sirayeli wolula isandla sake sokunene, wasibeka pezu kwentloko ka‐Frayime, obenguye omncinane, nesandla sake sokohlo pezu kwentloko ka‐Manase, ezibeka izandla zake ngokutelekelela; ngokuba u‐Manase ebengowamazibulo.
15
Wandula wamtamsanqela u‐Josefe, wati: Wanga angati utixo, lowo bahambile pambi kwake obawo bam, u‐Abrahame no‐Yisake, utixo ondidlisileyo kwa sekuzalweni kwam kwada kwanamhla,
16
kwa ingelosi endikululeyo kubo bonke ububi, atamsanqele abafana aba; malibizwe pezu kwabo igama lam, negama lobawo bam, u‐Abrahame no‐Yisake; mabakolise ukwanda kakulu pakati kwelizwe!
17
Wati u‐Josefe akubona okokuba uyise ubekile isandla sake sokunene pezu kwentloko ka‐Frayime, kwakubi emehlweni ake; waza wabamba isandla sikayise, ukuba asikwelelise entlokweni ka‐Frayime asibeke pezu kwentloko ka‐Manase.
18
Waye u‐Josefe esiti kuyise: Makungabi njalo, bawo! ngokuba nguló owamazibulo; beka isandla sako sokunene pezu kwentloko yake.
19
Koko walayo uyise, wati: Ndiyakwazi, nyana wam! ndiyakwazi; yena naye woba ngabantu, yena naye woba mkulu; kodwa umninawe wake omncinane uya kumgqita ngobukulu noko, nenzalo yake yoba yinto eninzi yezizwe.
20
Waza wabatamsanqela ngaleyomini, esiti: Kwa ngawe o‐Sirayeli baya kutamsanqela, besiti: Wanga utixo angakwenza njengo‐Frayime nanjengo‐Manase! Wayebeka u‐Frayime pambi kwo‐Manase.
21
Wandula wati u‐Sirayeli ku‐Josefe: Bona ke, ndiyabuba; koko utixo eya kuba nani, anibuyisele elizweni loyihlo benu.
22
Kanjalo ndikunikile isahlulo sinye ngapezu kwabazalwana bako, endasisusayo esandleni saba‐Amori ngesiṙele sam nangesipeta sam.
← Chapter 47
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 49 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48
49
50