bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Genesis 18
Genesis 18
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 17
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 19 →
1
WABUYA wabonakala uyehova kuye ngasesiyekeni sika‐Mamre, nxa ahleli emnyango wentente yake ekufudumaleni kwemini.
2
Owapakamisa amehlo ake wakangela, kekaloku nanga amadoda matatu emi ngakuye; wati akuwabona, wabaleka ukuya kuwakaulela esuka emnyango wentente, watoba ngasemhlabeni;
3
wati: Nkosi! ukuba sendifumene ufefe emehlweni ako, uze ungadluli umke kwisicaka sako.
4
Makekuziswe intwana yamanzi, nize nihlambe inyawo zenu, niti butu ngapantsi kwalomti.
5
Ndandiya kuzeka umtamo wesonka, ukuba nizixase intliziyo zenu; noda niti kamva, nigqite; ngokuba kwa kukona nidluleyo ukuza esicakeni senu. Aza ati: Yenza njengoko ukutetileyo.
6
Wakauleza u‐Abrahame waya ententeni ku‐Sara, wati: Nxama ulungise izilinganiso zibe zitatu zomgubo ocolekileyo, wu buce, wenze izonkana.
7
Waza wabaleka u‐Abrahame waya ezinkomeni, wazeka itole, lilelitambileyo nelilungileyo, walinika kumfana, owanxama ukulipeka.
8
Wayetabata amafuta epehlwa, namasi, netole abelipekile, wabeka ngasebusweni bawo, wema ngakuwo pantsi kwomti lowo, aza atya ke.
9
Aye esiti kuye: Upina u‐Sara umfazi wako? Wati: Nankuya ententeni.
10
Waza wati: Ngokwenene ndobuya ndize kuwe ekutwaseni kwelixesha; kanjalo, bona ke, u‐Sara umfazi wako woba nonyana. Kwaviwa ngu‐Sara enmyango wentente, obusemva kwake.
11
Kekaloku u‐Abrahame no‐Sara bebebadala, bekolisile ukuba nemihla; kwabekupeziwe ukuhla ku‐Sara njengesiko labafazi.
12
Wati u‐Sara ngoko wahleka pakati kwake, esiti: Emveni kwokwalupala kwam sendiya kuba nobuyolo na, inkosi yam indala nje nayo?
13
Wayesiti uyehova ku‐Abrahame: Wahleka nganina u‐Sara, esiti: Ndoka ndizale ngenyaniso na, sendimdala nje?
14
Kuko into engamnqabelayo uyehova na? Ngexesha elimisiweyo ndiya kubuya ndize kuwe, ekutwaseni kwexesha eli, waeya kuti u‐Sara abe nonyana.
15
Waza wakanyela u‐Sara, esiti: Andihlekanga; ngokuba ebesoyika. Wayesiti: Hai, wahleka.
16
Asuka apo amadoda la, abeka ngase‐Sodome; wahamba nawo no‐Abrahame, ukuba awapelekelele.
17
Wayesiti uyehova: Ndiya kumfihlela u‐Abrahame na, oko ndikwenzayo;
18
nxa u‐Abrahame ngenyaniso aya kuba sisizwe esikulu nesinamandla, nanxa zonke izizwe zomhlaba ziya kutanyusanqeliswa ngaye?
19
Ngokuba sendimazi, okokuba uya kuyalela abantwana bake nabendlu yake emva kwake, ukuba bagcine indlela kayehova, benze okulungileyo nokufaneleyo; ukuze akuzise uyehova pezu kwo‐Abrahame oko akutetileyo ngaye.
20
Waza wati uyehova: Ngokokuba isikalo se‐Sodome ne‐Gomora sikulu, nokuba isono sazo sinzima kunene;
21
ndoka ndihle ke, ukuya kubona ukuba kugqityelwe ukwenzwa na njengesikalo sazo esizileyo kum; sendiya kuti, ukuba akunjalo, ndikwazi ke.
22
Aza amadoda la ajika kwa lapo, ahambela ngase‐Sodome; kanti u‐Abrahame ebesemi ebusweni bukayehova.
23
Waye u‐Abrahame wasondela, wati: Kanene uya kububisa abalungileyo kunye nabakohlakeleyo na?
24
Kungabako umhlaumbi amashumi mahlanu abalungileyo pakati kwesixeko; wobubisa na, ungayeki indawo ngenxa yabamashumi mahlanu abalungileyo abakuso?
25
Makube lé kuwe ukwenza ngendawo enjalo, yokuba ubulale abalungileyo kunye nabakohlakeleyo! nokuba abalungileyo babe njengabakohlakeleyo, makube lé kuwe oko! umgwebi wawo wonke umhlaba akayi kwenza okufaneleyo yinina?
26
Wayesiti uyehova: Ukuba ndiyafumana e‐Sodome amashumi mahlanu abalungileyo pakati kwesixeko, ndiya kwandula ndiyeke yonke indawo ngenxa yabo.
27
Wapendula u‐Abrahame, wati: Bona ke, sendiqalile ukuteta enkosini, ndilutuli notutu nje kodwa.
28
Kungati umhlaumbi kusweleke abahlanu kuwo amashumi mahlanu abalungileyo; wositshabalalisa ngenxa yabo bahlanu na sonke isixeko? Yaza yati: Andiyi kusitshabalalisa, ukuba ndofumana kona amashumi mane anesihlanu.
29
Wabuya walekela ukuteta kuyo, wati: Kungaba kwofunyanwa kona amashumi mane. Yati: Andiyi kukwenza nangenxa yamashumi mane.
30
Waza wati: Makungaqumbiseki enkosini, ndize nditete! Kungaba kwofunyanwa kona amashumi matatu. Yati: Andiyi kukwenza, ukuba ndofumana kona amashumi matatu.
31
Wayesiti: Bona ke, sendiqalile ukuteta enkosini. Kungaba kwofunyanwa kona amashumi mabini. Yati: Andiyi kusitshabalalisa nangenxa yamashumi mabini.
32
Wabuya wati: Makungaqumbiseki enkosini, ndize nditete kube kaloku kupela! Kungaba kwofunyanwa kona ishumi linye. Yati: Andiyi kusitshabalalisa nangenxa yeshumi linye.
33
Wasuka wemka uyehova, akuba egqibile ukuteta no‐Abrahame: wati u‐Abrahame wabuyela endaweni yake.
← Chapter 17
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 19 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48
49
50