bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Genesis 45
Genesis 45
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 44
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 46 →
1
Waza wakohlwa u‐Josefe kukuzinyanzela pambi kwabo bonke abebemi ngakuye, wadanduluka esiti: Yenzani bapume bonke abantu kum. Kwaye kungeko mntu emi ngakuye, ekuzaziseni kuka‐Josefe kubakuluwe bake.
2
Wandula ukukupa ilizwi lake ngokulila; ada eva ama‐Jipete, yeva nendlu ka‐Faro.
3
Waza u‐Josefe wati kubakuluwe bake: Mna ndingu‐Josefe; ubawo usahleli na? Koko abakuluwe bake bebekohlwa kukumpendula; ngokuba bebetuswa ebusweni bake.
4
Waza u‐Josefe wati kubakuluwe bake: Kanisondele kum. Basondela ke. Waza wati: Mna ndingu‐Josefe, umninawe wenu, enanimtengisele e‐Jipete.
5
Kodwa kaloku maningadandateki, makungaqumbiseki emehlweni enu kanjako, ukuba nibe ninditengisela apa: ngokuba utixo enditumile pambi kwenu, ndize kulondoloza ubomi.
6
Ngokuba ngoku isel’ iyiminyaka mibini indlala ipakati kwelizwe; kanjalo iseko iminyaka mihlanu ekungayi kubako kulima nokuvuna ngayo.
7
Waye utixo wandituma pambi kwenu, ukuba ndinigcinele isisalela emhlabeni, nokuba ndilondoloze ubomi benu ngosindiso olukulu.
8
Ngako kaloku asi nini abanditumileyo ukuza apa, koko ngutixo; owayendenzile uyise ku‐Faro, nenkosi pezu kwayo yonke indlu yake, nompati kulo lonke ilizwe le‐Jipete.
9
Nxamani, ninyuke ukuya kubawo, niti kuye: Utsho unyana wako u‐Josefe ukuti: Utixo undenzile inkosi pezu kwayo yonke i‐Jipete; yihla uze kum, ungalibali:
10
wauya kuhlala ezweni le‐Goshene, ube kufupi kum, wena nonyana bako, nonyana bonyana bako, negusha zako, nenkomo zako, nako konke onako.
11
Ndaye ndiya kukufunzela kwa lapo; ngokuba kusaya kubako emihlanu iminyaka yendlala; ukuze ungangeni ebuhlwentshini, wena nendlu yako, nako konke onako.
12
Kangelani, amehlo enu ayabona, kwa namehlo omninawe wam u‐Benjamine, ukuba ngumlomo wam otetayo kuni.
13
Naniya kumshumayeza ubawo bonke ubungcwalisa bam e‐Jipete, nako konke enikubonileyo; nize ninxame ukumhlisa ubawo eze apa.
14
Waza wamwela umninawe wake u‐Benjamine entanyeni, walila; no‐Benjamine walila entanyeni yake.
15
Wasuka wanga bonke abakuluwe bake, walila pezu kwabo; nasemveni kwoko abakuluwe bake bateta naye.
16
Kwati kwakuvakala iṙeto endlwini ka‐Faro, lisiti: Bafikile abakuluwe baka‐Josefe; kwakulungile emehlweni ka‐Faro, nasemehlweni azo izicaka zake.
17
Waza wati u‐Faro ku‐Josefe: Uti kubakuluwe bako: Kwenzeni oku; twesani amaqegu enu, nihambe, niye ezweni le‐Kanane;
18
nitabate uyihlo nabezindlu zenu, nize kum; ndiya kunipa ubumnandi belizwe le‐Jipete, naniya kutya ubunqata belilizwe.
19
Kekaloku wena uyayalelwa: yenzani oku; zitabateleni kwa sezweni le‐Jipete inqwelo zibe zezabantwana benu, nezabafazi benu, nimtwale uyihlo, nize ke.
20
Kanjalo ningakataleli impahla yenu; ngokuba ubumnandi balo lonke ilizwe le‐Jipete bubobenu bona.
21
Benje njalo ke onyana baka‐Sirayeli: waye u‐Josefe wabanika inqwelo ngezwi lika‐Faro; wabanika nompako wendlela.
22
Bonke wabanika, abanye ngabanye, izivato zokuguqulelana; kodwa u‐Benjamine wamnika ishekele ezimakulu matatu zesilivere, nezivato zokuguqulelana ezihlanu.
23
Noyise watuma kuye njengokunje; kwa ishumi lamaqwaṙashe etwele okwobumnandi base‐Jipete, neshumi lamaqwaṙashekazi etwele inqolowa, nesonka, nokutya kube kokwoyise endleleni.
24
Waza wabandulula abakuluwe bake; basuka bemka; wayesiti kubo: Ningabi navuso endleleni.
25
Baye benyuka e‐Jipete, beza ezweni le‐Kanane ku‐Yakobi uyise wabo;
26
bashumayela kuye, besiti: U‐Josefe usahleli, kanjalo nguye ongumpati pezu kwalo lonke ilizwe le‐Jipete. Yaza intliziyo yake yawa, ngokuba engakolwanga ngabo.
27
Kodwa bakuba bemtetele onke amazwi ka‐Josefe, abewatetile kubo, nokuba wabona inqwelo u‐Josefe wabezitumele ukumtwala, wandula umoyaka‐Yakobi uyise wabo wabuya wapila.
28
Waza wati u‐Sirayeli: Kwanele; u‐Josefe unyana wam usahleli; ndoya ndimbone ndingekabubi.
← Chapter 44
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 46 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48
49
50