bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Genesis 21
Genesis 21
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 20
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 22 →
1
WAYE uyehova wamkumbula u‐Sara njengokutsho kwake; kanjalo uyehova wenzela u‐Sara njengokuteta kwake.
2
Wada wamita u‐Sara, wamzalela u‐Abrahame unyana ebudaleni bake, ngelimisiweyo ixesha abetetile ngalo kuye utixo.
3
Waye u‐Abrahame wabiza igama lonyana wake obemzalelwe, lowo u‐Sara wamzalela yena, ngo‐Yisake.
4
Waza u‐Abrahame walusa u‐Yisake unyana wake, eyimihla isibozo ubudala bake, njengokuba ebemyalele utixo.
5
Wabe u‐Abrahame eyiminyaka ilikulu ubudala bake, akuzalelwa u‐Yisake unyana wake.
6
Wayesiti u‐Sara: Utixo undenzele ukuhleka; bonke abevayo bohleka nam.
7
Wabuya wati: Ngubanina obeya kutsho ku‐Abrahame ukuti: u‐Sara wanyisile abantwana? ngokuba ndizele unyana ebudaleni bake.
8
Wakula umntwana, walunyulwa; waza u‐Abrahame wenza umtendeleko omkulu emhleni abelunyulwa ngawo u‐Yisake.
9
Kekaloku u‐Sara wambona unyana ka‐Hagare um‐Jipetekazi, lowo wamzalela u‐Abrahame, ehleka.
10
Wati ngoko ku‐Abrahame: Gxota elikobokakazi nonyana walo; ngokuba unyana welikobokakazi engayi kulidla ilifa kunye nonyana wam, kunye no‐Yisake.
11
Kodwa lendawo ibimbi kakulu emehlweni ka‐Abrahame, ngenxa yonyana wake.
12
Waza utixo wati ku‐Abrahame: Makungabi kubi emehlweni ako pezu kwomfana, napezu kwekobokakazi lako: konke akutshilo kuwe u‐Sara, lipulapule ilizwi lake ngako; ngokuba ku‐Yisake iya kubizwa inzalo yako.
13
Kwa naye unyana wekobokakazi ndiya kumenza isizwe, ngokokuba eyinzalo yako.
14
Waza wavuka u‐Abrahame kwa kusasa, watabata isonka, nentsuba yamanzi, wazinika ku‐Hagare, ezibeka egxalabeni lake; wamnika nomfana, wamndulula ke. Wasuka wemka, wabangazeka entlango yase‐Beresheba.
15
Kwaza kwati, akuba epelile amanzi entsubeni, wamwisa umfana ngapantsi kwomnye wemitana.
16
Waya yena wahlala pantsi elunge naye, kwamgama ongangokutolwa kwesipeta; ngokuba ebesiti: Mandingaboni ukufa kwomfana. Wahlala ke elunge naye, wapakamisa ilizwi lake, walila.
17
Waye utixo weva ilizwi lomfana; yaza ingelosi katixo yabiza ku‐Hagare isezulwini, yati kuye: Unandawo nina, Hagare? ungoyiki; ngokuba utixo evile ilizwi lomfana apo akona.
18
Suka, umfunqule umfana, umbambe ngesandla sako; ngokuba ndiya kumenza isizwe esikulu.
19
Wandula utixo wavula amehlo ake, wada wabona iqula lamanzi; waza waya wazalisa intsuba ngamanzi, wamseza umfana.
20
Waye utixo ebenaye umfana, owakulayo, wahlala entlango, waba ngumtoli.
21
Wahlala entlango ye‐Parane; wati unina wamtabatela umfazi ezweni le‐Jipete.
22
KWABEKUTE ngeloxesha ke, bateta u‐Abimeleki no‐Fikoli inkosi yempi yake ku‐Abrahame, besiti: Utixo unawe kuko konke ukwenzayo.
23
Uze uti kaloku undifungele utixo apa, okokuba akuyi kundixokisa mna, kwa nonyana wam, nesalamane sam: njengobubele endenze ngabo kuwe, uya kwenza kwa ngabo kum, nakulo ilizwe upambukele kona.
24
Wati u‐Abrahame: Ndiya kufunga.
25
Koko u‐Abrahame wamohlwaya u‐Abimeleki ngenxa yequla lamanzi, ezazite izicaka zika‐Abimeleki zalipanga.
26
Waza wati u‐Abimeleki: Bendingazi ungubanina owenzileyo lento: kanjako nawe akundixelelanga; andiyivanga nam kanjalo, kupela namhla nje.
27
Waye u‐Abrahame watabata izimvu nenkabi, wazinikela u‐Abimeleki; baza balwenza ucebano bobabini.
28
Kodwa u‐Abrahame wabeka zasixe̔nxe imvanakazi zasemhlambini zibe zodwa.
29
Ngako u‐Abimeleki wati ku‐Abrahame: Ziti nina ezimvanakazi zosixe̔nxe uzibekileyo zodwa?
30
Wayesiti: Okokuba ezi mvanakazi zosixe̔nxe uya kuzamkela esandleni sam, ukuze zibe linqi̔na kum lokuba ndilimbile iqula eli.
31
Ngako oko kwabizwa londawo ngokuti yi‐Beresheba; ngokuba kulapo bebefunga bobabini.
32
Benje njalo ke ukwenza ucebano e‐Beresheba. Wandula ukusuka u‐Abimeleki, no‐Fikoli inkosi yempi yake, babuyela ezweni lama‐Filistiya.
33
Kekaloku u‐Abrahame watyala umti wetamariske e‐Beresheba, wabiza kona egameni likayehova, utixo ongunapakade.
34
Waye u‐Abrahame wahlala njengowasemzini elizweni lama‐Filistiya imihla yamininzi.
← Chapter 20
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 22 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48
49
50