bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Genesis 17
Genesis 17
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 16
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 18 →
1
KWAYE kute, akuba u‐Abrame eyiminyaka imashumi alitoba enesitoba ubudala bake, wabonakala uyehova ku‐Abrame, wati kuye: Mna ndi ngutixo onamandla onke; hamba ebusweni bam, ufezeke ukulunga.
2
Ndandiya kubeka ucebano lwam pakati kwam nawe, ndikwandise nokukwandisa ngokukulu kakulu.
3
Waza u‐Abrame wawa ngobuso bake; wayeteta utixo naye, esiti:
4
Mna, bona ke, ucebano lwam lunawe; woba wena unguyise wento eninzi yezizwe.
5
Kanjalo igama lako aliyi kuba sabizwa ngo‐Abrame, koko igama lako loba ngu‐Abrahame; ngokuba ndikwenzile uyise wento eninzi yezizwe.
6
Ndokucumisa ngokukulu kakulu, ndenze izizwe ngawe; baya kuvela nokumkani kuwe.
7
Ndandiya kumisa ucebano lwam pakati kwam nawe, nenzalo yako emva kwako ngezizukulwana zabo, lube lucebano olungunapakade, lwokokuba ndibe ngutixo kuwe, kwa nakuyo inzalo yako emva kwako.
8
Kanjalo ndiya kunika wena, nenzalo yako emva kwako, ilizwe lokupambukela kwako, kwa lonke ilizwe le‐Kanane, libe yimfuyo engunapakade; ndandiya kuba ngutixo wabo.
9
Walekela utixo wati ku‐Abrahame: Woti wena ngoko ulubambe ucebano lwam, wena, nenzalo yako emva kwako ngezizukulwana zabo.
10
Olu lucebano lwam, eniya kubamba lona, pakati kwam nani, nenzalo yako emva kwako: konke okubudoda kuya kwaluswa pakati kwenu.
11
Niya kwalusa inyama yejwabu lenu; okuya kuba ngumqondiso oko wocebano olupakati kwam nani.
12
Omihla isibozo uya kwaluswa pakati kwenu, konke okubudoda ngezizukulwana zenu, lowo ozelweyo endlwini, nalowo otengiweyo ngemali kosukuba engowasemzini, ongenguye owenzalo yako.
13
Lowo ozelweyo endlwini yako, nalowo otengiweyo ngemali yako, uya kwaluswa ngenyaniso; lwoba ucebano lwam lusenyameni yenu lube lucebano olungunapakade.
14
Nokungalukileyo okubudoda, lowo inyama yejwabu lake ingalukanga, lompefumlo uya kunqanyulwa ebantwini bawo; ulwapule ucebano lwam.
15
Walekela utixo wati ku‐Abrahame: u‐Sarai, umfazi wako, akuyi kulibiza igama lake ngo‐Sarai, koko liya kuba ngu‐Sara igama lake.
16
Ngokuba ndiya kumtamsanqela, ndikunike unyana ngaye; ewe, ndiya kumtamsanqela, waeya kuba ngu nina wezizwe; okumkani bezizwe bovela kuye.
17
Waza u‐Abrahame wawa ngobuso bake, wahleka; wati entliziyweni yake: Ominyaka yobudala ilikulu uya kuzalelwa umntwana na? no‐Sara, ominyaka yobudala ingamashumi alitoba, uya kuzala na?
18
Wayesiti u‐Abrahame kutixo: Akwaba u‐Shimayeli ebengapilayo ebusweni bako!
19
Wati utixo: Okwenene u‐Sara umfazi wako wokuzalela unyana, negama lake uya kulibiza ngo‐Yisake; ndandiya kumisa ucebano lwam naye, lube lucebano olungunapakade nenzalo yake emva kwake.
20
No‐Shimayeli ndikuvile ngaye; bona ke, ndimtamsanqele, ndandiya kumcumisa, ndimandise nokumandisa ngokukulu kakulu; nya kuzala inkosana ezilishumi linambini, ndandiya kumenza isizwe esikulu.
21
Kodwa ucebano lwam ndiya kumisa lona no‐Yisake, lo u‐Sara aya kumzalela wena malunga nelixesha ngomnyaka ozayo.
22
Wada wayeka ukuteta naye; waye utixo wenyuka ku‐Abrahame.
23
Waza u‐Abrahame watabata u‐Shimayeli unyana wake, nabo bonke ababezelwe endlwini yake, nabo bonke ababetengiwe ngemali yake, konke okubudoda pakati kwabantu bendlu ka‐Abrahame, wayalusa inyama yejwabu labo, kwa ngokwa nguwo umhla lowo, njengokuba ebetshilo kuye utixo.
24
Kekaloku u‐Abrahame ebeyiminyaka yamashumi alitoba enesitoba ubudala bake, akwaluswa enyameni yejwabu lake.
25
No‐Shimayeli unyana wake ebeyiminyaka yalishumi linesitatu ubudala bake, akwaluswa enyameni yejwabu lake.
26
Ngokwa nguwo umhla lowo kwaluswa u‐Abrahame, no‐Shimayeli unyana wake.
27
Nawo onke amadoda endlu yake, lawo azelweyo endlwini yake, nalawo atengiweyo ngemali kowasemzini, abesaluswa kunye naye.
← Chapter 16
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 18 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48
49
50