bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Genesis 41
Genesis 41
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 40
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 42 →
1
KWAYE kute ekupeleni kwexesha leminyaka mibini, wandula u‐Faro wapupa; kekaloku bona ke, wayemi ngasemlanjeni.
2
Kanjalo bona ke, zenyuka emlanjeni imazi ezisixe̔nxe, zizintle ngokubonakala, zityebile ngenyama, ezazisitya enceni.
3
Kwaza kwati, bona ke, kwenyuka emva kwazo emlanjeni apo ezinye imazi ezikwa sixe̔nxe, zizimbi ngokubonakala, zibityile ngenyama; zaya zema ngakuzo ezinye imazi elunxwemeni lwomlambo.
4
Zasuka ezomazi ezimbi ngokubonakala, ezibityileyo ngenyama, zazidla imazi zosixe̔nxe ezintle ngokubonakala, ezityebileyo nokutyeba. Wandula ukuvuka u‐Faro.
5
Wabuya walala, wapupa ngokwesibini: kekaloku, nazi izikwebu ezisixe̔nxe zipumile ezeleni linye, zityebile, zilungile nokulunga.
6
Zaye zidubula emva kwazo izikwebu zikwa zisixe̔nxe ezinqinileyo, ezigugisiweyo ngumoya wasempumalanga.
7
Zaza izikwebu zosixe̔nxe ezinqinileyo zaginya ezozikwebu zisixe̔nxe ezityebileyo, ezibonxileyo nokubonxa. Wandula ukuvuka u‐Faro; kekaloku bona ke, lipupa.
8
Kwaye kute kwakusa, umoya wake wauxalile; watuma ke, wabiza zonke incibi zase‐Jipete, nazo zonke izilumko zakona; waza u‐Faro wazibalisela ipupa lake; kodwa akwabiko mntu obenokuwatyila ku‐Faro.
9
Wandula wateta umpati wabancamli ku‐Faro, esiti: izono zam ndiyazikumbula namhla nje.
10
U‐Faro ubequmbele izicaka zake, wandinikela ekugcinweni endlwini yenkosi yomlisela, kwa mna nompati waboji.
11
Saza sapupa ipupa ngobusuku bunye, mna naye; sapupa ngabanye njengokutyilwa kwamapupa etu.
12
Kwaye kuko apo nati indodana engum‐Hebere, isicaka senkosi yomlisela; saza saxela kuyo, eyasityilela amapupa etu; yatyilela omnye nomnye njengepupa lake.
13
Kwaza kwati, njengoko yasityilelayo, kwaba njalo: mna yandibuyisela ebumeni bam, naye yamxo̔ma.
14
Wandula watuma u‐Faro wabiza u‐Josefe; baya bamkupa ngobunxamo esihogweni; waza waguya, waguqula izivato zake, wangena ku‐Faro.
15
Wayesiti u‐Faro ku‐Josefe: Ndipupile ipupa, kanti akuko mntu ongalityilayo: kendivile kodwa ngawe ukuti, uyaqonda ipupa ukulityila.
16
Waza u‐Josefe wapendula ku‐Faro, esiti: Akuko kum oko. Utixo wopendula u‐Faro ngoxolo.
17
Wandula wateta u‐Faro ku‐Josefe, wati: Epupeni lam, bona ke, ndema ngaselunxwemeni lwomlambo.
18
Kekaloku bona ke, zenyuka emlanjeni imazi ezisixe̔nxe, zityebile ngenyama, zizintle ngesimilo, ezazisitya enceni.
19
Kanjalo bona ke, ezinye imazi ezikwa sixe̔nxe zenyuka emva kwazo, zinqinile, zizimbi kakulu ngesimilo, zibityile ngenyama; endingazanga ndibone ezinjalo kulo lonke ilizwe le‐Jipete ukuba zimbi kangaka.
20
Zaza ezomazi zibityileyo ezimbi zazidla ezokuqala imazi zosixe̔nxe ezityebileyo;
21
ezazite, noko zingenileyo esiswini sazo, akwaziwa ukuba zingenile esiswini sazo; ngokuba ukubonakala kwazo bekukubi njengasekuqaleni. Ndandula ukuvuka.
22
Ndabuya ndabona epupeni lam, kekaloku, nazi ke izikwebu ezisixe̔nxe zipumile ezeleni linye, zibonxile, zilungile nokulunga.
23
Kanjalo bona ke, izikwebu ezikwa zisixe̔nxe, ezishwenyileyo, ezinqinileyo, ezigugisiweyo ngumoya wasempumalanga, zazidubula emva kwazo.
24
Zaza ezizikwebu zinqinileyo zaginya ezozikwebu zisixe̔nxe ezilungileyo. Kekaloku sendizixelele incibi, kodwa akuko mntu ongandicazelayo.
25
Wandula wati u‐Josefe ku‐Faro: Ipupa lika‐Faro linye: oko utixo aza kukwenza, ukushumayele ku‐Faro.
26
Ezomazi zisixe̔nxe ezilungileyo ziyiminyaka ekwa sixe̔nxe, nezozikwebu zisixe̔nxe ezilungileyo ziyiminyaka ekwa sixe̔nxe; ipupa linye.
27
Kanjalo ezomazi zisixe̔nxe ezibityileyo ezimbi, ezibe zinyuka emva kwazo, ziyiminyaka esixe̔nxe nazo; nezozikwebu zisixe̔nxe eziputileyo, zigugisiwe ngumoya wasempumalanga, zoba yiminyaka esixe̔nxe yendlala.
28
Eli lilizwi endilitetileyo ku‐Faro: Oko utixo aza kukwenza, umbonisile u‐Faro kona.
29
Bona ke, kuza kufika iminyaka isixe̔nxe yobuninzi obukolisileyo kulo lonke ilizwe le‐Jipete.
30
Kwandule ukusuka iminyaka isixe̔nxe yendlala emva kwayo; bude bulityalwe bonke obobuninzi elizweni le‐Jipete; iti ke indlala igqibele ilizwe.
31
Kanjalo abuyi kwaziwa ubuninzi obo elizweni, ngenxa yaleyondlala ibulandelayo; ngokuba iya kuba nzima kunene yona.
32
Nokokuba ipupa lapindwa ku‐Faro kabini, kukuba iqinisiwe lendawo ngutixo, nokuba eya kunxama utixo ukuyenza.
33
Makati kaloku u‐Faro afune indoda enokuqonda elumkileyo, ayimise pezu kwalo ilizwe le‐Jipete.
34
Makenje njalo u‐Faro, aze ongamise abongama pezu kwelizwe, atabate esesihlanu isahlulo sokwelizwe le‐Jipete ngayo iminyaka isixe̔nxe yobuninzi.
35
Mababute bona konke ukutya kwaleminyaka ilungileyo ezayo, bayibekele inqolowa ngapantsi kwesandla sika‐Faro, ibe kukutya ezixekweni, bayigcine.
36
Okokutya makube yimbekelo yelizwe, ngenxa yayo iminyaka isixe̔nxe yendlala eya kubako ezweni le‐Jipete; lize ilizwe lingabubi ngendlala.
37
Lalibe elozwi lilungile emehlweni ka‐Faro, nasemehlweni azo zonke izicaka zake.
38
Waza wati u‐Faro ezicakeni zake: Singafumana onjengalo yinina, indoda u‐moya katixo ukuyo?
39
Waye u‐Faro wati ku‐Josefe: Ekubeni utixo ekwazisile konke oku, akuko mntu ongangawe ekuqondeni nasekulumkeni.
40
Woba wena upezu kwendlu yam, nangelizwi lako baya kuzilungisa bonke abantu bam; kupela eteroneni ndiya kuba mkulu kuwe.
41
Walekela u‐Faro wati ku‐Josefe: Kangela, ndikumisile pezu kwalo lonke ilizwe le‐Jipete.
42
Waza u‐Faro watula umsesane wake esandleni sake, wawufaka esandleni sika‐Josefe, wamambatisa izivato zeqiya eshiceneyo, wabeka isambalo segolide entanyeni yake;
43
wamkwelisa kweyesibini inqwelo abenayo; kwaza kwadandulukwa pambi kwake ngokuti: Guqa ngedolo! Wenje njalo ke ukummisa pezu kwalo lonke ilizwe le‐Jipete.
44
Wayesiti u‐Faro ku‐Josefe: Mna ke ndinguye u‐Faro; kodwa ngapandle kwako akuko mntu oya kupakamisa isandla sake nonyawo lwake kulo lonke ilizwe le‐Jipete.
45
Waza u‐Faro wabiza u‐Josefe ngegama elingu‐Tsafenate‐paneha, wamnika u‐Asenate, intombi ka‐Potifera, umperisite we‐One, abe ngumfazi. Waye u‐Josefe wapumela pezu kwelizwe le‐Jipete.
46
KEKALOKU u‐Josefe ebeyiminyaka imashumi matatu ubudala bake, akuma ebusweni buka‐Faro ukumkani we‐Jipete. Waza u‐Josefe wapuma ebusweni buka‐Faro, wacanda kulo lonke ilizwe le‐Jipete.
47
Ute umhlaba wakolisa kuyo iminyaka isixe̔nxe yobuninzi ukuvelisa kakulu.
48
Waza wabuta konke ukutya kwa le minyaka isixe̔nxe, eyabiko elizweni le‐Jipete, wakubeka ukutya ezixekweni: ukutya kwamasimi esixeko, lawo asingqongayo, wakubeka pakati kwaso.
49
Waye u‐Josefe wabekela inqolowa njengentlabati yolwandle, ngento eninzi kunene, wada wayeka ukubala; ngokuba ibingenako ukubalwa.
50
Kwaye kuzalwa ku‐Josefe onyana bababini, ingekatiki iminyaka yendlala, abemzalela bona u‐Asenate, intombi ka‐Potifera, umperisite we‐One.
51
Waza u‐Josefe wabiza igama lowamazibulo ngo‐Manase: Ngokuba utixo, watsho, endilibalisile lwonke usizi lwam, kwa nayo yonke indlu kabawo..
52
Negama lowesibini walibiza ngo‐Frayime: Ngokuba utixo, watsho, undicumisile elizweni lokubandezelwa kwam..
53
Yada yapela lo minyaka isixe̔nxe yobuninzi, obube buko elizweni le‐Jipete.
54
Yandula yaqala eyendlala iminyaka esixe̔nxe ukufika, njengokuba ebetshilo u‐Josefe. Yaza yabako indlala kuwo onke amazwe; kanti kulo lonke ilizwe le‐Jipete kwakuko isonka.
55
Kekaloku lakulamba lonke ilizwe le‐Jipete, bandula abantu ukukalela isonka ku‐Faro: waza wati u‐Faro kuwo onke ama‐Jipete: Hambani niye ku‐Josefe; oko akutshoyo kuni, nikwenze.
56
Yaye indlala ibako pezu kwobuso bonke bomhlaba. Waza u‐Josefe wavula zonke indawo ebekubekelwe kuzo, watengisa kuma‐Jipete; ngokuba indlala ibinamandla elizweni le‐Jipete.
57
Asuka amazwe onke eza e‐Jipete, ku‐Josefe, ukuza kutenga; ngokuba indlala ibinamandla emazweni onke.
← Chapter 40
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 42 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48
49
50