bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Genesis 39
Genesis 39
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 38
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 40 →
1
KEKALOKU u‐Josefe wabehliselwe e‐Jipete; waza u‐Potifare, umbusi ka‐Faro, inkosi yomlisela, indoda engum‐Jipete, wamtenga esandleni sama‐Shimayeli, abemhlisele kona.
2
Waza uyehova wanaye u‐Josefe, wada waba yindoda enokutamsanqeleka; waye esendlwini yenkosi yake, yom‐Jipete.
3
Yabona inkosi yake ukuba uyehova unaye, nokuba konke akwenzayo, uyehova uyatamsanqelekisa kona esandleni sake.
4
Wandula u‐Josefe wafumana ufefe emehlweni ayo, wayikonza: kanjako yamongamisa pezu kwendlu yayo, nako konke ibinako yakunikela esandleni sake.
5
Kwaza kwati kuseloko yabimongamisa pezu kwendlu yayo, napezu kwako konke inako, watamsanqela uyehova indlu yom‐Jipete ngenxa yake u‐Josefe; lide labako itamsanqeliso likayehova pezu kwako konke inako, endlwini nasendle.
6
Yabishiya konke inako esandleni sika‐Josefe; yayingayazi nanto ebi kuye, kupela isonka eyasityayo. Kekaloku u‐Josefe ubemhle isimilo sake, wamhle nokubonakala kwake.
7
Kwaye kute emveni kwezizinto, umfazi wenkosi yake wajolisa amehlo ake ngaku‐Josefe; wati: Uz’ undilale!
8
Koko walayo, wati emfazini wenkosi yake: Bona ke, inkosi yam ayikwazi oko kukum endlwini; nako konke inako ikunikele esandleni sam.
9
Akuko mntu kulendlu omkulu kum; yayingabambanga nto kum, kupela wena, ngokokuba ungumfazi wayo; ndingati nina ke ukwenza obububi bukulu, ndone ngakuye utixo?
10
Kwaye kute, akuteta no‐Josefe imihla ngemihla, akampulapulanga noko ukuba alale ngakuye, nokuba abe ndawonye naye.
11
Kwada kwati ngomhla otile, wangena u‐Josefe endlwini ukuze awenze umsebenzi wake; kwaye kungeko kona endlwini nanye emadodeni endlu.
12
Waza wambamba ngengubo yake, esiti: Uz’ undilale! Koko washiya ingubo yake esandleni sake, wabaleka, wapuma ngapandle.
13
Kwaza kwati, akubona ukuba ushiyile ingubo yake esandleni sake, nokuba ubalekele pandle,
14
wabiza amadoda endlu yake, watsho kuwo esiti: Bonani ke, inkosi ingenisile kuti indoda engum‐Hebere, ukuba idlale ngati; yangena kum ukuza kulala nam, ndaza ndakala ngelizwi elikulu:
15
kwaza kwati, yakuva ukuba ndipakamisile ilizwi lam, ndakala, yaselishiya ingubo yayo ngakum, yabaleka, yapuma ngapandle.
16
Waye ingubo yayo wayibekela ngakuye, ide yafika inkosi yayo ekaya.
17
Wandula wateta nayo kwa njengalamazwi, esiti: Sangena kum isicaka esingum‐Hebere, eso wabusizisa kuti, ukuza kudlala ngam:
18
kwaza kwati, ndakupakamisa ilizwi lam, ndakala, sasesishiya ingubo yaso ngakum, sabalekela pandle.
19
Kwaye kute, nxa ibivile inkosi yaso amazwi omfazi wayo, lawo wawateta kuyo, esiti: Kunjengalamazwi senzile kum isicaka sako; wandu ukuvuta umsindo wayo.
20
Yaza inkosi ka‐Josefe yamtabata, yamfaka entolongweni, endaweni ababanjwa bokumkani babebanjelwe kuyo: wayekona ke entolongweni apo.
21
Kuloko uyehova ebenaye u‐Josefe, wamjikisela ububele, wamnika ufefe emehlweni ake umpati wentolongo.
22
Waza umpati wentolongo wanikela esandleni sika‐Josefe bonke ababanjwa ababesentolongweni: nako konke babekwenza kona, kwakusenzwa nguye.
23
Umpati wentolongo ebengakangeli nanye into epantsi kwesandla sake, ngenxa yokuba uyehova ebenaye; nako konke abekwenza, uyehova wakutamsanqelekisa.
← Chapter 38
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 40 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48
49
50