bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Genesis 34
Genesis 34
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 33
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 35 →
1
Kekaloku wapuma u‐Dina, intombi ka‐Leya, leyo ubeyizalele u‐Yakobi, ukuya kubona intombi zakwelolizwe.
2
Waza wambona u‐Shekeme, unyana ka‐Hamore um‐Hivi, inkosi yelizwe, owamtabata, walala naye, wamdlwengula.
3
Kanjalo umpefumlo wake wanamatela kuye u‐Dina, intombi ka‐Yakobi, wayitanda intombi leyo, wateta entliziyweni yayo intombi leyo.
4
Wada watsho u‐Shekeme ku‐Hamore uyise, esiti: Nditabatele lentombi ibe ngumfazi.
5
Kwaye kuviwa ngu‐Yakobi ukuba ebemnco̔lisile u‐Dina intombi yake; koko onyana bake bebenenkomo zake ezindle; ngako wati cwaka u‐Yakobi, bada bafika bona.
6
Wandula wapuma u‐Hamore, uyise ka‐Shekeme, waya ku‐Yakobi, ukuba atete naye.
7
Bati onyana baka‐Yakobi bavela ezindle, kwakuvakala kubo; aza adandateka amadoda lawo, aqumba kakulu, ngokuba ebenzile okuhlazekileyo kwa‐Sirayeli ngokulala nayo intombi ka‐Yakobi, okunge kungenziwa oko.
8
Waza u‐Hamore wateta nabo, esiti: u‐Shekeme unyana wam umpefumlo wake uyalangazelela intombi yakokwenu: kaniyinike kuye ibe ngumfazi;
9
nize nitshatiselane nati; intombi zenu nizendise kuti, nentombi zetu nizitabate kuni;
10
nihlalelane nati; wauya kuti umhlaba ube pambi kwenu; hlalani nitenge kona, nizuze imfuyo kuwo.
11
Waza u‐Shekeme wati kuyise nakubakuluwe bayo: Mandifumane ufefe emehlweni enu; kwa oko niya kukutsho kum, ndiya kunika kona.
12
Yandisani pezu kwam kakulu ikazi nebaso, ndandiya kunika njengokuba niya kutsho kum; niti kodwa nindinike intombi ibe ngumfazi.
13
Bandula onyana baka‐Yakobi bapendula u‐Shekeme no‐Hamore uyise ngenkohliso, (babeteta njalo ngokuba ebemnco̔lisile u‐Dina udade wabo,)
14
bati kubo: Sikohliwe kukwenza lento, yokuba sendise udade wetu endodeni esekungalukini, ngokuba bekuya kuba lihlazo oko kuti.
15
Kungoku kupela esiya kuvumelana nani: Ukuba noba njengati, okokuba kwaluke kuni konke okubudoda:
16
siya kwandula sendise intombi zetu kuni, nentombi zenu sizitabate kuti, sihlalelane nani, sibe ngabantu banye.
17
Kodwa ukuba aniyi kupulapula kuti, okokuba naluke, soza sitabate intombi yakokwetu, simke ke.
18
Kekaloku amazwi abo abelungile emehlweni ka‐Hamore, nasemehlweni ake u‐Shekeme, unyana ka‐Hamore.
19
Yati indodana leyo ayalibala ukwenza lento, ngokuba ibikolisiwe yintombi ka‐Yakobi; kanjalo ibibekekile ngapezu kwayo yonke indlu kayise.
20
Wandula weza u‐Hamore, no‐Shekeme unyana wake, esangweni lesixeko sabo, bateta namadoda asesixekweni sabo, besiti:
21
Lamadoda ayaxolana nati; makahlale ngoko elizweni, atenge kulo, nomhlaba (bona ke, ubanzi wona ngamacala onke) maube pambi kwawo: intombi zawo sozitabata kuti zibe ngabafazi, nentombi zetu siya kuzendisa kuwo.
22
Kungoku kupela aya kuvumelana nati amadoda la, ukuba kuhlalelwane nati, ukuze sibe ngabantu banye: nxa kwalukile kuti konke okubudoda, njengokuba bengabalukileyo bona.
23
Inkomo zawo, nempahla yawo, nazo zonke izilo zawo, aziyi kuba zezetu na zona? kupela sivumelane nawo, aeya kuhlalelana nati.
24
Baza bapulapula ku‐Hamore, naku‐Shekeme unyana wake, bonke abapuma ngesango lesixeko sake; baye besaluswa bonke abangamadoda, kwa bonke abapuma ngesango lesixeko sake.
25
Kwaza kwati ngeyesitatu imini, bakuba besekutyatyambeni, bandula ababini bonyana baka‐Yakobi, u‐Simone no‐Levi, abakuluwe baka‐Dina, batabata iziṙele zabo abanye ngabanye, basizuma isixeko ngobunganga, babulala bonke abangamadoda.
26
No‐Hamore, no‐Shekeme unyana wake, babebabulala ngohlangoti lwesiṙele, bamsusa u‐Dina endlwini ka‐Shekeme, bapuma ke.
27
Onyana baka‐Yakobi beza pezu kwababuleweyo, basipanga isixeko, ngenxa yokuba bebenco̔lisile udade wabo.
28
Izimvu zabo, nenkabi zabo, namaqwaṙashe abo, noko okusesixekweni, noko okusendle, bakususa.
29
Nabo bonke ubutyebi babo, nabo bonke abantwana babo, nabafazi babo, babatimba, babapanga, kwa nako konke okusendlwini.
30
Waza u‐Yakobi wati ku‐Simone naku‐Levi: Nindikatazile ngokundinukisa pakati kwabemi belizwe, pakati kwaba‐Kanane, napakati kwama‐Perizi: mna ke ndilula ngabantu nje, baya kuhlanganisana ngakum, bandibulale; ndize nditshatyalaliswe mna nendlu yam.
31
Bati bona: Nge‐esenza kudade wetu njengakwingnawokazi yinina?
← Chapter 33
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 35 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48
49
50