bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Genesis 27
Genesis 27
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 26
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 28 →
1
KWAYE kute, nxa abesel’ emdala u‐Yisake, namehlo ake ebeluzizi nje, wada wakohlwa kubona, wandula wambiza u‐Esau, unyana wake omkulu, wati kuye: Nyana wam! Wayesiti kuye: Nanku, ndi lapa.
2
Waza wati: Bona ke, sendimdala, ndingazi nje imini yokufa kwam.
3
Uze uti kaloku, utabate izixo̔bo zako, umpongolo wako nesipeta sako, upumele endle, undizingelele inyama yenyamakazi;
4
wandule ukundenzela ukutya okumnandi, okunjengoko ndikutandayo, ukuzise kum, ukuba nditye; ukuze umpefumlo wam ukutamsanqele, ndingekati.
5
Kekaloku u‐Rebeka wabesiva, akuteta u‐Yisake ku‐Esau unyana wake. Wasuka u‐Esau waya endle ukuba azingele inyama yenyamakazi, ayizise.
6
Waza u‐Rebeka wateta ku‐Yakobi unyana wake, esiti: Bona ke, ndeva uyihlo wako eteta ku‐Esau umkuluwe wako, esiti:
7
Ndizisele inyama yenyamakazi, undenzele ukutya okumnandi, ukuba nditye, ndize ndikutamsanqele ebusweni bukayehova, ndingekafi.
8
Uze uti kaloku, nyana wam! ulipulapule ilizwi lam ngoko ndikuyalela ngako.
9
Kauhambe ke uye emhlambini, undizekele kwa kona abe mabini amatakane ebokwe alungileyo; ndandiya kwenzela uyihlo ngawo ukutya okumnandi, okunjengoko akutandayo:
10
wandule wena ukuzise kuye uyihlo, ukuba atye, ukuze akutamsanqele engekafi.
11
Waza wati u‐Yakobi ku‐Rebeka unina: Bona ke, u‐Esau umkuluwe wam uyindoda elixonti, kanti mna ndiyindoda egudileyo:
12
angati ubawo wondicofa, ndandiya kuba semehlweni ake njengomkohlisi: ngendisandul’ ukuzisa pezu kwam isiqalekiso, ndinga zisi itamsanqeliso.
13
Wayesiti unina kuye: Sibe pezu kwam isiqalekiswa sako, nyana wam! pulapula kodwa elizwini lam, uye undizekele wona.
14
Waya ke, wawazeka, wawazisa kunina; waza unina wenza ukutya okumnandi, okunjengoko wakutandayo uyise.
15
Wandula u‐Rebeka watabata ingubo zika‐Esau, unyana wake omkulu, ezo zinqabileyo, ezibe zikuye endlwini, wamvatisa u‐Yakobi, unyana wake omncinane, ngazo;
16
nezintsu zamatakane ebokwe wazifaka pezu kwezandla zake, napezu kwokuguda kwentamo yake:
17
waza wanika ukutya okumnandi, nesonka, ezonto abezenzile, esandleni sika‐Yakobi unyana wake.
18
Wasuka weza kuyise, wati: Bawo! Wayesiti yena: Nanku, ndi lapa; ungubanina wena, nyana wam?
19
Wati u‐Yakobi kuyise: Ndingu‐Esau, owamazibulo wako; sendenzile njengoko ubundixelela kona; kauvuke, uhlale, utye kwinyama yam yenyamakazi, ukuze umpefumlo wako unditamsanqele.
20
Waza wati u‐Yisake kunyana wake: Yinina lento, unxa̔mile kangaka nje ukuyifumana, nyana wam? Wayesiti: Kungokuba uyehova, utixo wako, eyifumananisene nam.
21
Waza u‐Yisake wati ku‐Yakobi: Kausondele, ukuze ndikucofe, nyana wam! ukuba ukwa nguye unyana wam u‐Esau kusinina.
22
Waya u‐Yakobi wasondela ku‐Yisake uyise, owamcofa, wati: Ilizwi lilizwi lika‐Yakobi, kanti izandla zizandla zika‐Esau.
23
Waye engamnakani, ngokuba izandla zake zilixonti, njengezandla zika‐Esau umkuluwe wake; wada wamtamsanqela.
24
Wayesiti: Ukwa nguye na unyana wam u‐Esau? Wati: Ndinguye.
25
Waza wati: Yisondeze kum, ukuba nditye kwinyama yenyamakazi yonyana wam, ukuze umpefumlo wam ukutamsanqele. Waza wayisondeza kuye, watya ke; wamzisela neveyine, wasela ke.
26
Waye u‐Yisake uyise wati kuye: Kausondele, uze undange, nyana wam!
27
Wasondela ke, wamanga: waza wasezela ivumba lengubo zake, wamtamsanqela, wati: Bona ke, ivumba lonyana wam linjengevumba lentsimi, ayitamsanqele uyehova;
28
wanga utixo akunike kuwo umbete wezulu, nakuko ukutyeba kwomhlaba, nento eninzi yenqolowa neveyine:
29
abantu mabakonze kuwe, nezizwe mazitobe pantsi pambi kwako: yiba yinkosi pezu kwabazalwana bako, nonyana bonyoko mabatobe pantsi kuwe: lowo okuqalekisayo, makaqalekiswe yena; nalowo okutamsanqelayo, makatanyusanqelwe naye!
30
Kwaye kute, okuya abegqibile u‐Yisake ukutamsanqela u‐Yakobi, cebetshu epumile nje u‐Yakobi ebusweni buka‐Yisake uyise, wandula ukufika u‐Esau, umkuluwe wake, evela ekuzingeleni kwake.
31
Waye naye ekwenzile ukutya okumnandi, wakuzisa kuyise, wati kuye uyise: Makavuke ubawo, atye kwinyama yenyamakazi yonyana wake, ukuze umpefumlo wako unditamsanqele.
32
Wati u‐Yisake uyise kuye: Ungubanina wena? Wati: Ndingunyana wako, owamazibulo wako, u‐Esau.
33
Waza wangcangcazela u‐Yisake ngokungcangcazela okukulu kakulu, wati: Ngubanina ke lowo ozingeleyo inyama yenyamakazi, wayizisa kum, ndada ndatya kuko konke, ungekafiki wena, ndamtamsanqela ke? woba etanyusanqelwa kanjako.
34
Akuba u‐Esau evile amazwi oyise, wandula ukukala kakulu ngesikulu nesiṙaṙa isikalo, wati kuyise: Nditamsanqele mna nam, bawo!
35
Wayesiti: Umninawe wako weza ngobuqokolo, waesusile itamsanqeliswa lako.
36
Waza wati: Asi ngenene na ukuba kubiziwe igama lake ngo‐Yakobi, endilumkisile lamaxesha mabini nje? ubuzibulo bam wandihluta bona, nanku ke kaloku endihlutile itamsanqeliswa lam. Waza wati: Akundibambelanga nalinye itamsanqeliso na?
37
Wapendula u‐Yisake wati ku‐Esau: Bona ke, ndimmisele abe yinkosi kuwe, nabo bonke abazalwana bake ndibanikile kuye babe zizicaka; ndimxasile ngenqolowa nangeveyine kanjalo: yinto nina ke kaloku endiya kuyenzela wena, nyana wam?
38
Wayesiti u‐Esau kuyise: Litamsanqeliso linye kupela unalo na, bawo? nditamsanqele mna nam, bawo! Waza u‐Esau wapakamisa ilizwi lake, walila.
39
Wabuya wapendula u‐Yisake uyise wati kuye: Bona ke, kwa sekutyebeni kwomhlaba kwoba yindawo yokuhlala kwako, nasembeteni wezulu uvela pezulu:
40
ngesiṙele sako uya kupila, nomninawe wako uya kumkonza; kanti kuya kuti, nxa unobukosi, uya kwandula ushunqule iyokwe yake entanyeni yako.
41
KEKALOKU u‐Esau wamzonda u‐Yakobi ngenxa yetamsanqeliso abemtamsanqelisile ngalo uyise; wati ngoko u‐Esau entliziyweni yake: Iza kusondela imihla yokulilela ubawo, endiya kumbulala u‐Yakobi umninawe wam ngayo.
42
Avakala ku‐Rebeka lamazwi ka‐Esau, unyana wake omkulu, waza watuma wambiza u‐Yakobi, unyana wake omncinane, wati kuye: Bona ke, u‐Esau umkuluwe wako uyazitutuzela pezu kwako, ukuba wokubulala.
43
Uze uti kaloku, nyana wam! upulapule ilizwi lam, usuke usabele ku‐Labane umkuluwe wam e‐Karane;
44
uze uhlale naye ibe yimihla etile, bude bujike ubuṙalaṙume bomkuluwe wako;
45
ude umsindo womkuluwe wako upambuke kuwe, aze alibale oko ukwenzile kuye: ndandiya kwandula ukutuma, ndikutabate kona; kunganina ukuba ndinihlutwe nobabini ngemini nye?
46
Waza wati u‐Rebeka ku‐Yisake: Ndiyatiya ubomi bam ngenxa yentombi zakwa‐Hete. Ukuba u‐Yakobi uyazeka umfazi ezintombini zakwa‐Hete, kwezinjengezi, ezintombini zakwelilizwe, bondinceda nto nina ubomi bam?
← Chapter 26
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 28 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48
49
50