bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Genesis 43
Genesis 43
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 42
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 44 →
1
KEKALOKU indlala ibinzima kwelozwe.
2
Kwaza kwati, nxa babegqibele ukutya inqolowa abebevele nayo e‐Jipete, wati uyise kubo: Buyani, niye nisitengele intwana yokudla.
3
Waza watsho u‐Juda kuye ukuti: Yanqi̔nisa kakulu kuti indoda leyo, isiti: Anisayi kubona ubuso bam, engeko nani umninawe wenu.
4
Ukuba uya kutuma umninawe wetu nati, sohla ukuya kukutengela ukutya.
5
Ukuba kodwa akuyi kumtuma, asiyi kuhla; ngokuba indoda leyo ibisiti kuti: Anisayi kubona ubuso bam, engeko nani umninawe wenu.
6
Waza wati u‐Sirayeli: Ibiyinina ukuba nindipete kakubi kangakanana, nada natyela londoda ukuti kuseko kuni umninawe?
7
Bati: Yazingisa indoda leyo ukusibuza okwetu, nokwesalamane setu, isiti: Uyihlo usahleli na? kuseko kuni umninawe na? saza sayityela kwa ngokuteta kwalamazwi: saka sakwazi na ukuba woti: Yihlani nomninawe wenu?
8
Wandula wati u‐Juda ku‐Sirayeli uyise: Tuma umfana nam, sasiya kusuka sihambe; size sidle ubomi, singafi nokufa, kwa tina, nawe wena, nabantwana betu kanjalo.
9
Ndoti mna ndimbambisele; kwa sesandleni sam uya kumbiza: ukuba andimzisi kuwe, ndimbeke pambi kwako, mandandule ukunikwa ityala nguwe yonke imihla yam.
10
Ngokuba kekaloku ukuba sasingazilazilanga, ngesiba okunene kaloku nje sise sibuyile ngokwesibini.
11
Waza wati kubo u‐Sirayeli uyise wabo: Ukuba kunje nje ke, kanenze oku: tabatani kwezinconyiweyo iziqa̔mo zelilizwe ezityeni zenu, nihlisele londoda ibaso, intwana yetsori, nentwana yencindi, inekote nelote, ibotene nezamonde.
12
Tabatani nemali yokupindisa esandleni senu; nemali eyayibuyiswa emlonyeni wenxowa zenu, nibuye niyipate esandleni senu; kungati sisiposo.
13
Tabatani nomninawe wenu, nisuke, nibuye niye endodeni leyo.
14
Aze utixo onamandla onke ange anganinika ububele ebusweni bendoda, ukuba indulule nani umzalwana wenu omnye no‐Benjamine! Okwam, nxa ndihlutwa abantwana, ndiyahlutwa.
15
Aza amadoda lawo atabata elobaso, nemali epindiweyo ayitabata esandleni sawo, kwa no‐Benjamine; esuka ke, ehlela e‐Jipete, ema ebusweni bake u‐Josefe.
16
Wandula u‐Josefe, akumbona u‐Benjamine enawo, wati kopezu kwendlu yake: Ngenisa lamadoda endlwini, uxe̔le isixe̔lo, uze ulungise; ngokuba lamadoda eya kudlelana nam emini enkulu.
17
Yenje njalo indoda leyo njengokuba ebetshilo u‐Josefe; yaye indoda yangenisa amadoda lawo endlwini ka‐Josefe.
18
Andu ukwoyika amadoda lawo, ngokuba engenisiwe endlwini ka‐Josefe, ati: Kungenxa yemali ebibuyiswa ezinxoweni zetu ngokwokuqala, lento singenisiweyo, ukuze agaleleke pezu kwetu, asiwele, asibambe sibe ngamakoboka, kwa namaqwaṙashe etu.
19
Aza asondela kulondoda ipezu kwendlu ka‐Josefe, ateta nayo ngasemnyango wendlu,
20
ati: Au, nkosi! sasibe ngokwenene sisihla ngokwokuqala ukuza kutenga ukutya.
21
Kwaza kwati, sakufika endaweni yokulalisa, savula inxowa zetu, kekaloku nantsi ke imali yabanye ngabanye isemlonyeni wenxowa zabo, imali yetu ngokulinganiswa kwayo; saye sibuyisile yona esandleni setu.
22
Nemali yimbi siyihlisile esandleni setu, yokuba sitenge ukutya: asimazi ungubanina obefaka imali yetu ezinxoweni zetu.
23
Yayisiti: Uxolo lube kuni, ningoyiki! Utixo wenu, notixo woyihlo, unipile indyebo ezinxoweni zenu; imali yenu yabisiza kum. Yaza yamkupela kuwo u‐Simone.
24
Yandula indoda yangenisa amadoda lawo endlwini ka‐Josefe, ya wa bekela amanzi; aza ahlamba inyawo zawo; yanikela namaqwaṙashe awo into yokutya.
25
Aza alungisa ibaso, engekafiki u‐Josefe emini enkulu; ngokuba ebevile kusitwa aya kutya isonka kona.
26
Ati akuba efikile ekaya u‐Josefe, andula azisa kuye ibaso elisesandleni sawo endlwini, aziqubuda pambi kwake ngasemhlabeni.
27
Waza wawabuza ukupila kwawo, wati: Uyihlo wenu upilile na, ixego enibe niteta ngalo? Usahleli na?
28
Ati: Sipilile isicaka sako ubawo wetu, usahleli yena. Aza atoba ngapantsi, aziqubuda.
29
Wada wapakamisa amehlo ake, wambona u‐Benjamine umninawe wake, unyana wowake unina, wati: Ngulo̔ na umninawe wenu omncinane, enibe ninditetela ngaye? Waza wati: Wanga utixo angaba nofefe kuwe, nyana wam!
30
Waselenxama u‐Josefe; ngokuba umbilini wake wauvuta pezu kwomninawe wake: wada wafuna indawo yokulila; waya wangena enkambilini yapakati, walila apo ke.
31
Wasuka wahlamba ubuso bake, wapuma, wazinyanzela, wati: Bekani isonka.
32
Bandula ukubeka pambi kwake eyedwa, napambi kwawo ekwa wodwa, napambi kwama‐Jipete abesitya naye ewodwa nawo; ngokuba ekohliwe ama‐Jipete kukutya isonka nama‐Hebere, oko kuyintshontsho nje kuma‐Jipete.
33
Aya ahlala pantsi ebusweni bake, eyamazibulo njengobuzibulo bayo, nentsha kwa njengobutsha bayo: ati amadoda lawo akangelana ngokuti nqa.
34
Waza wawabela izabelwa zokutya zivela pambi kwake; kodwa isabelwa sika‐Benjamine sibe sikulu kwizabelwa zabanye bonke ngokuhlanu. Baye besela, bagcoba naye.
← Chapter 42
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 44 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48
49
50