bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Genesis 42
Genesis 42
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 41
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 43 →
1
KEKALOKU akubona u‐Yakobi ukuba kuko inqolowa e‐Jipete, wandula wati u‐Yakobi konyana bake: Yinina ukuba nikangelane?
2
Wayesiti: Bona ke, ndivile ukuba kuko inqolowa e‐Jipete; hambani nihlele kona, nisitengele kwa lapo, size sidle ubomi, singafi.
3
Baza behla abakuluwe baka‐Josefe boshumi, ukuya kutenga inqolowa e‐Jipete.
4
Kodwa u‐Benjamine, umninawe ka‐Josefe, akamtuma u‐Yakobi kunye nabakuluwe bake; ngokuba ebesiti: Hleze ahlelwe sisenzakalo.
5
Basuka onyana baka‐Yakobi beza kutenga pakati kwabo babesiza; ngokuba indlala ibiko elizweni le‐Kanane.
6
Waye u‐Josefe ebengumpati pezu kwelozwe; wanguye obetengisa kubo bonke abantu belizwe; bandula beza abakuluwe baka‐Josefe, baziqubuda pambi kwake, ubuso babo bungasemhlabeni.
7
Waza u‐Josefe wabona abakuluwe bake, wabazi; kodwa wazenza owasemzini kubo, wateta nabo ngobulukuni, wati kubo: Nivela pina? Bati: Sivela ezweni le‐Kanane, ukuza kutenga ukutya.
8
Kekaloku u‐Josefe ebebazi abakuluwe bake; kodwa bona bebengamazi yena.
9
Waza u‐Josefe wakumbula amapupa abewapupile ngabo, wati kubo: Nizintlola; nize kubona ukuba zé kwelizwe.
10
Bati kuye: Hai, nkosi yam! izicaka zako zize kutenga ukutya.
11
Tina sonke singonyana bendoda nye; singabenyaniso tina; izicaka zako azizizo intlola.
12
Koko wati kubo: Hai, nize kubona ukuba zé kwelizwe.
13
Baza bati: Izicaka zako zingabazalwana abalishumi linababini, bengonyana bendoda nye yasezweni le‐Kanane; kekaloku bona ke, omncinane unobawo namhla, omnye kanti akaseko.
14
Wandula wati u‐Josefe kubo: Kuko oko endandikuteta kuni, ndisiti: Nizintlola.
15
Ngako oku niya kulingwa. Bomi bo‐Faro! aniyi kupuma kule ndawo, kupela ekuzeni kwomninawe wenu omncinane apa.
16
Susani abe mnye wakuni, aye kutabata umninawe wenu; nina kodwa niya kubanjwa entolongweni; aze amazwi enu alingwe, ukuba kuko inene kuni kusinina: okanye, bomi bo‐Faro! ngenyaniso nizintlola.
17
Waza wababeka bonke ndawonye ekugcinweni imihla yamitatu.
18
Waye u‐Josefe ngomhla wesitatu wati kubo: Kwenzeni oku, nize nidle ubomi; utixo ndimoyika nje.
19
Ukuba ningabenyaniso, makabanjwe omnye wabazalwana benu endlwini yokugcinwa kwenu; nize nihambe nina, nise inqolowa ngenxa yokulamba kwezindlu zenu.
20
Kodwa umninawe wenu omncinane nimzise kum; aya kwandula anyaniswe amazwi enu, naningayi kufa. Benje njalo ke.
21
Baza bati omnye kwomnye: Sinetyala ngenyaniso pezu kwomninawe wetu, ekubeni sibe sibona uxinezeko lwompefumlo wake akusitaṙuzisa, kanti sasingapulapuli noko; kukona obubunzima busihleleyo.
22
Wabapendula u‐Rubene, esiti: Bendingatsho na kuni ukuti: Ningamoni umfana; naye ningeva ke? Ngako, bona ke, negazi lake liyabuzwa.
23
Baye bengazi ukuba u‐Josefe uyeva; ngokuba bekuko ikumsha pakati kwabo.
24
Waza wajika kubo, walila; wada wabuyela kubo, wateta nabo, wasusa kubo u‐Simone, wamnxiba pambi kwamehlo abo.
25
Wandula waxela u‐Josefe ukuba makuzaliswe inxowa zabo ngenqolowa, nokuba kubuyiselwe imali zabo abanye ngabanye ezinxoweni zabo, nokuba bapiwe umpako wendlela; kwaye kusenziwa njalo kubo.
26
Baza batwesa amaqwaṙashe abo ngenqolowa yabo, bemka apo.
27
Ute omnye, akuvula inxowa yake, ukuba anike iqwaṙashe lake ukutya endaweni yokulalisa, wabona imali yake: ngokuba, bona ke, ibisemlonyeni wenxowa yake.
28
Waza wati kubazalwana bake: Imali yam ibuyisiwe; kanjalo, nantsi ikwa senxoweni yam. Kwaza kwapuma intliziyo yabo, bajikelana ngokungcangcazela, besiti: Kuyinina oku utixo akwenzileyo kuti?
29
Bada beza ku‐Yakobi uyise ezweni le‐Kanane, bamshumayeza konke okubahleleyo, besiti:
30
Indoda, e yinkosi yelolizwe, yateta nati ngokulukuni, yasibala ngokuba zintlola zelizwe.
31
Saye sisiti kuyo: Singabo abenyaniso; asizizo intlola:
32
singabazalwana abalishumi linababini, onyana bobawo wetu; omnye akaseko, nomncinane ukwa nobawo namhla ezweni le‐Kanane.
33
Yaza yati kuti londoda, inkosi yelizwe: Ngako oku ndiya kukwazi ukuba ningabenyaniso: mshiyeni kum abe mnye wabazalwana benu, nitabatele ukulamba kwezindlu zenu ukutya, nihambe ke.
34
Nize nimzise umninawe wenu omncinane kum; ndandiya kukwazi ukuba anizizo intlola, koko ningabo abenyaniso: umzalwana wenu ndiya kumnikela kuni, naniya kutenga elizweni.
35
Kwaye kute, besakukupa ezinxoweni zabo, nanga ke amabatu emali zabo abanye ngabanye esezinxoweni zabo: baza bati, bakubona amabatu emali, kwa bona noyise wabo, banokwoyika.
36
Wayesiti kubo u‐Yakobi uyise wabo: Mna ke nindihlutile abantwana bam; u‐Josefe akaseko, no‐Simone akaseko, no‐Benjamine niya kumsusa: zonke ezizinto zi nzima pezu kwam.
37
Waza watsho u‐Rubene kuyise ukuti: Onyana bam bobabini ubabulale, ukuba andimzisi kuwe; mnikele esandleni sam, ndandiya kumbuyisela kuwe.
38
Wayesiti: Unyana wam akayi kuhla nani; ngokuba umkuluwe wake efile, waye yena esele yedwa: naxeshekweni ahlelwa sisenzakalo endleleni enihamba ngayo, niya kwandula nihlise izimvi zam ngosizi ngasencw̔abeni.
← Chapter 41
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 43 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48
49
50