bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Genesis 25
Genesis 25
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 24
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 26 →
1
WAYE u‐Abrahame walekela ukuzeka umfazi, ogama lalingu‐Ketura.
2
Owamzalela u‐Zimrane, no‐Yokeshane, no‐Medane, no‐Midiyane, no‐Shebaki, no‐Shuha.
3
Wati u‐Yokeshane wazala u‐Sheba no‐Dedane: nonyana baka‐Dedane bebengama‐Ashuri, nama‐Letushi, nama‐Lewumi.
4
Nonyana baka‐Midiyane; ngu‐Hefa, no‐Heferi, no‐Hanoki, no‐Abida, no‐Ledaha. Bonke aba bangonyana baka‐Ketura.
5
Waye u‐Abrahame wamnika u‐Yisake konke abenako.
6
Kanti onyana bamashweshwe, abenawo u‐Abrahame, wabanika u‐Abrahame amabaso, wabandulula kuye u‐Yisake unyana wake, nxa asahleli, ukuya ngapambili, ezweni langasecaleni lipuma ilanga.
7
Yiyo le imihla yeminyaka yokuhlala kuka‐Abrahame wabehlala ngako, iminyaka ilikulu linamashumi asixe̔nxe anamihlanu.
8
Wada wapuma umpefumlo u‐Abrahame, wafa enobudala obukolisileyo, elixego, ezele yimihla, wabutelwa ebantwini bake.
9
Baza bamncw̔aba u‐Yisake no‐Shimayeli onyana bake, emqolombeni wase‐Makapela, entsimini ka‐Hefrone, unyana ka‐Tsohare, um‐Hete, engapambi kwe‐Mamre.
10
Intsimi owayitenga u‐Abrahame elusatsheni luka‐Hete, kwa kona apo kwancw̔atywa u‐Abrahame, no‐Sara umfazi wake.
11
Kwaza kwati, emveni kwokufa kuka‐Abrahame, wandula utixo wamtamsanqela u‐Yisake unyana wake; waye u‐Yisake wahlala ngasequleni le‐Lahai‐roi.
12
Ezi ke zizizizukulwana zika‐Shimayeli, unyana ka‐Abrahame, lowo u‐Hagare um‐Jipetekazi, ikobokakazi lika‐Sara, wamzalela u‐Abrahame.
13
Nanga amagama onyana baka‐Shimayeli, ngamagama abo njengokuzalwa kwabo: owamazibulo ka‐Shimayeli u‐Nebayoti, no‐Kedare, no‐Adebele, no‐Mibisame,
14
no‐Mishama, no‐Duma, no‐Masa;
15
u‐Hadade, no‐Tema; u‐Jeture, u‐Nafishe, no‐Kedema.
16
Aba bangonyana baka‐Shimayeli, angala̔ namagama abo, ngemizi yabo, nangelali zabo; inkosana ezilishumi linambini njengezizwe zazo.
17
Yiyo le iminyaka yokuhlala kwake u‐Shimayeli, iminyaka elikulu linamashumi matatu anesixe̔nxe; waza wapuma umpefumlo, wafa, wabutelwa ebantwini bake.
18
Bema kwa se‐Havila kude kwase‐Shure, engapambi kwe‐Jipete, njengokuba kuyiwa e‐Asiriya: wabubela ebusweni babo bonke abazalwana bake.
19
EZI ke zizizizukulwana zika‐Yisake, unyana ka‐Abrahame: u‐Abrahame wazala u‐Yisake.
20
Wabe u‐Yisake eyiminyaka imashumi mane ubudala bake, akumzeka u‐Rebeka, intombi ka‐Betuweli um‐Siriya wase‐Padane‐arame, udade ka‐Labane um‐Siriya, abe ngumfazi wake.
21
Wamana u‐Yisake emkunga uyehova ngenxa yomfazi wake, ngokuba ebeludlolo; waza uyehova wakungeleka kuye, wada wamita u‐Rebeka umfazi wake.
22
Kekaloku abantwana babambana embilini wake; waza wati: Nxa kunjalo, kunganina ukuba ndinje nje? Wasuka waya kubuza kuyehova.
23
Wayesiti uyehova kuye: Zizibini izizwe ezisesizalweni sako; kanjalo zimbini intlobo zabantu abaya kwahluka ematunjini ako; olunye uhlobo lwabantu luya kugqitisa olunye uhlobo lwabantu ngamandla: woti omkulu akonze komncinane.
24
Kekaloku yakuzaliseka imihla yake ukuba azale, nanga amawele esizalweni sake.
25
Lapuma elokuqala libomvu, linjengengubo elixonti umzimba wonke; baza balibiza ngegama elingu‐Esau.
26
Kamva wapuma umninawe walo, osandla sake sabamba isitende sika‐Esau; kwaza kwabizwa igama lake ngo‐Yakobi. Waye u‐Yisake ebeyiminyaka imashumi matandatu ubudala bake, akubazala.
27
Ada akula amakwenkwe lawo; waza u‐Esau waba yindoda eyazana nokuzingela, indoda yasendle; kanti u‐Yakobi ebeyindoda efaneleyo, imi ezintenteni.
28
Ute u‐Yisake wamtanda u‐Esau, ngokuba inyama yenyamakazi ibisemlonyeni wake; kodwa u‐Rebeka wamtanda u‐Yakobi.
29
Kekaloku u‐Yakobi ebepekile umhluzi; wandula ukuza u‐Esau evela endle, waye ecubukile.
30
Waza wati u‐Esau ku‐Yakobi: Kaundidlise kuko okubomvu, okubomvu oko, ngokuba ndicubukile: bekukona kwabizwa igama lake ngo‐Edome.
31
Wati u‐Yakobi: Nditengise namhla nje ubuzibulo bako.
32
Wati u‐Esau: Bona ke, ndiza mna kububa nje, kwondinceda nto nina obubuzibulo?
33
Wayesiti u‐Yakobi: Ndifungele namhla nje! Wasuka wamfungela; waza wamtengisa u‐Yakobi ubuzibulo bake.
34
Wandula u‐Yakobi wamnika u‐Esau isonka nomhluzi welentile; owatya, wasela, wesuka, wemka ke: wenje njalo u‐Esau ukudela ubuzibulo.
← Chapter 24
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 26 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48
49
50